Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Yazi Indlela Yokuthetha

Yazi Indlela Yokuthetha

Hlala ukulungele ukuchitha ixesha nomntwana wakho xa elungele ukuthetha

“Ndiye ndafunda ukuphulaphula ngenyameko. Oko ndikwenza nokuba sele ndidinwe kangakanani na.”—UMIRANDA, EMZANTSI AFRIKA.

Ingxaki.

UCristina uthi: “Ndizabalazela ukuba ndingabi kunye nje nentombi yam, kodwa ndibe nayo nangengqondo neemvakalelo enoba zingaphi na izinto ekufuneka ndizenze yaye ndidiniwe.”

Amacebiso.

Vula ithuba lokuthetha ngokukhululekileyo. UElizabeth onabantwana abahlanu uthi: “Ngenxa yomzekelo endiwumiselayo, kubalula ebantwaneni bam ukuthetha nam. Ndikhuthaza ukuba nabo bathethisane, bangaze balale bequmbelene. Bayazi ukuba andiyifuni into ‘yokungathethisani’—kubekho ongafuni kuthetha nomnye.”

Musa ukungabahoyi abantwana bakho. ULyanne uthi: “Xa unyana wam wayesemncinane, wayeloqa gqitha kangangokuba ndandikhetha ukumvula nje. Wathi akuba kwishumi elivisayo wayeka ukuncokola nam, ndaqonda ukuba ndenze impazamo. Kwafuneka ndisebenze nzima ukuze aphinde athethe nam. Ndachazela omnye umdala osebandleni ngale ngxaki. Wandikhuthaza ukuba ndingangxami, ndithi chu ngcembe ndizame ukuncokola nonyana wam. Ndakwenza oko, ibe kwasebenza.”

Yiba nomonde. INtshumayeli 3:7 ithi: “Kukho ixesha lokuthi cwaka nexesha lokuthetha.” UDulce, umama wabantwana abathathu uthi: “Xa abantwana bam babengafuni ukuthetha, ndandibaqinisekisa ukuba iingcango zivuliwe nani na xa sebelungele ukuthetha.” Kunokuba ubanyanzele ukuba bathethe, yiba nomonde. Yiloo nto kanye ekhuthazwa yiBhayibhile. “Iingcamango zomntu zinjengamanzi kwiqula elinzulu, kodwa umntu onokuqonda unokuwatsala anyuke.”—IMizekeliso 20:5, ngokweGood News Translation.

‘Khawuleza ukuva, ucothe ukuthetha.’ (Yakobi 1:19) ULizaan, ekuthethwe ngaye kwinqaku elandulela eli, uthi: “Ndafunda ukuzibamba ndingangxami ukuthetha xa abantwana bam bendixelela ingxaki abanayo. Ndafunda nokuba ndingangxami ndicebise, kodwa ndizole xa kukho izinto ezicaphukisayo.” ULeasa, umama wamakhwenkwe amabini uthi: “Bendisoloko ndinengxaki yokuphulaphula. Maxa wambi ndandizithatha lula iingxaki zoonyana bam, kodwa kwanyanzeleka ndifunde ukuba nolwazelelelo.”

“Amazwi enu makasoloko ekholekile.” (Kolose 4:6) ULyanne uthi: “Ukuze ndingathinteli unxibelelwano, ndenza umgudu wokuhlala ndizolile, kwanaxa kuvela ingxaki enzulu.”

Ukuba akwenzi nzame zokuba uhlale uzolile, ungagqajukelwa ngumsindo uze ukhuphe amazwi ongawacinganga, nto leyo enokuyenza mandundu imeko! (Efese 4:31) Ngokomzekelo, ukushawuta umntwana kunokumenz’ ayeke ukuthetha, ibe iqalile ke inkathazo. UHeidi, onentombazana ekwishumi elivisayo uthi: “Umntwana ufana neqokobhe likanokrwece. Xa uthetha naye ngobubele nothando, uza kukhululeka. Ukuba uyamshawuta okanye umenza azive kungekho yakhe, uye avale luphele tu unxibelelwano. Ekubeni ndifuna ukuhlala ndikukhumbula oku, ndibeke umfanekiso weqokobhe elivulileyo likanokrwece kwifriji yethu.”

Bazi abantwana bakho. UYasmin, ekuthethwe ngaye ngaphambili uthi: “Oonyana bam ababini abafani. Omnye lincoko; kodwa omnye uthule. Kulo uthuleyo ndifunde ukuba ndimele ndimngene ngobuchule. Ndiye ndithethe naye xa kukho into esiyenzayo, njengaxa sidlala, okanye xa esathetha ngento ayithandayo. Ngoxa kusemnandi ndiye ndimbuze indlela avakalelwa ngayo.”

Kuthekani ukuba inkwenkwe iziva kunzima ukuthetha nonina ngemibandela ethile, kanye njengonyana kaMisao okwishumi elivisayo. Wayesithi: “Akuyiqondi le nto wena Mama.” Wacela uncedo kumzalwana oqolileyo onokuthenjwa ebandleni. UMisao uthi: “Lo mzalwana uye wangumzekelo kunyana wam kangangokuba ngoku sele ekhululeka.”

Musa ukubhidanisa indima yokuba ngumzali neyokuba ngumhlobo. UIwona umama wabantwana ababini uthi: “Ndaqala ukwenza impazamo yokumana ndizityand’ igila kwintwazana yam ekwishumi elivisayo. Oko ndakwenza nakuba ndandisazi ukuba kuphosakele, kwaza ke kwafuneka ndikulungise.” Nakuba ufuna ukuba ngumhlobo osenyongweni nomntwana wakho, mus’ ukulibala ukuba into oyiyo ungumzali, igunya kubo. Xa ubambe isidima uze ubonise ukuba uqolile yaye uzinzile, oko kwenza kube lula kubantwana bakho ukuba bakuhlonele baze bathobele umyalelo weBhayibhile othi: “Bantwana, bathobeleni abazali benu.”—Efese 6:1, 2.

‘Thanda abantwana bakho.’ (Tito 2:4) Abantwana bafun’ ukuthandwa kanye njengokuba befuna ukutya namanzi! Hlala ubaqinisekisa ukuba uyabathanda—ngamazwi nangezenzo! Oko kuya kubenza bazive bekhuselekile baze bakulungele ukuthetha nawe futhi bakuthobele.