Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Khanikhe Nizikhumbuze Njengentsapho

Khanikhe Nizikhumbuze Njengentsapho

Thelekisa umfanekiso nevesi

Funda iGenesis 1:1-31. Krwela umgca uze ungqamanise umfanekiso ngamnye nevesi yeBhayibhile ohambisana nayo. (Le mifanekiso ayibhalwanga ngokulandelelana kwayo.)

INTO EKUNOKUNCOKOLWA NGAYO:

 

Sazi njani ukuba iintsuku zokudala zazingeyomihla yeeyure ezingama-24?

UKUFUMANA IMPENDULO: Funda iGenesis 2:4; iNdumiso 90:4.

Yintoni oyifundayo ngoYehova kwimisebenzi yokudala?

UKUFUMANA IMPENDULO: Funda iNdumiso 115:16; amaRoma 1:20; eyoku-1 kaYohane 4:8; iSityhilelo 4:11.

OKUNOKWENZIWA YINTSAPHO:

 

Cebani uhambo njengentsapho. Tyelelani kumzi wogcino zilwanyana, kumyezo, okanye iziko elinezixhobo zokufunda iinkwenkwezi ukuze nifunde ngezilwanyana enizithandayo, izityalo, okanye izijikeli-langa. Emva koko, chazela intsapho yakho ngoko uye wakufunda ngoYehova kwindalo yakhe.

Gcinani La Makhadi

IKHADI LEBHAYIBHILE 23 UYONATAN

IMIBUZO

  1. A. UYonatan wayengunyana omdala ka ․․․․․.

  2. B. Yinyaniso okanye Bubuxoki? Uyise wamgibisela ngomkhonto.

  3. C. Ngubani owayethandwa ngokukhethekileyo nguYonatan, ibe ngoba?

IMBALI YAKHE

Nakuba kwakumele kungene yena etroneni, kwaye emdala ngeminyaka ekuma-30 kunoDavide, uYonatan waxhasa uDavide njengalowo ukhethwe nguThixo ukuba abe ngukumkani. (1 Samuweli 23:15-18) Wade wabek’ ubomi bakhe esichengeni ukuze akhusele uDavide kuSawule, uyise owayenomona. (1 Samuweli 20:1-42) Umzekelo kaYonatan wokuthobela usifundisa ukuba sivuyisane nabo bafumana izinto ezintle kuThixo.

IIMPENDULO

  1. A. Kumkani uSawule.—1 Samuweli 14:47, 49.

  2. B. Yinyaniso.—1 Samuweli 20:33.

  3. C. NguDavide. Wabona isibindi nendlela awayethanda uYehova ngayo njengoko wayesilwa noGoliyati.—1 Samuweli 17:1–18:4.

Abantu Namazwe

Igama lam ndinguPyae Sone Aung, ndineminyaka eli-11 ubudala, ndikunye noHsu Myat Yadanar Lwin, oneminyaka esi-7 ubudala. Sihlala eMyanmar. Mangaphi amaNgqina kaYehova ahlala eMyanmar? Ngaba angama-3 600, angama-6 300, okanye ali-10 000?

Liliphi ichaphaza elibonisa indawo esihlala kuyo? Yenza isangqa kwindawo ohlala kuyo uze ubone ukuba ukude kangakanani na eMyanmar.

Bantwana Khangelani Le Mifanekiso

Ngaba ungayifumana le mifanekiso kweli phephancwadi? Ngamazwi akho, chaza oko kwenzekayo kumfanekiso ngamnye.

IIMPENDULO

  1. 1 ungqamana F.

  2. 2 ungqamana B.

  3. 3 ungqamana A.

  4. 4 ungqamana E.

  5. 5 ungqamana C.

  6. 6 ungqamana D.

  7. 3 600.

  8. D.