Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 UDLIWANO-NDLEBE | NOMASSIMO TISTARELLI

Umenzi Weerobhothi Uchaza Isizathu Sokuba Ekholelwa KuThixo

Umenzi Weerobhothi Uchaza Isizathu Sokuba Ekholelwa KuThixo

Unjingalwazi uMassimo Tistarelli sisazi-nzulu kwiYunivesithi yaseSassari eItali. Ungumhleli weencwadi ezintathu zezenzululwazi ezipapashwa ehlabathini lonke yaye uye wancedisa xa kubhalwa amanqaku ezenzululwazi angaphezu kwekhulu. Uphanda ngendlela ingqondo yomntu ekwazi ngayo ukwahlukanisa ubuso bomntu othile kobomnye, kunye nendlela abantu abakwazi ngayo ukwenza izinto ezibonakala zilula njengokuganga ibhola. Emva koko, usebenzisa iziphumo zophando lwakhe ukuze enze iirobhothi ezikwaziyo ukwenza ezinye zezinto ezenziwa ngabantu. UVukani! uye wadlan’ indlebe naye ngesizathu sokukholelwa kwakhe kumdali, nangezifundo zakhe zezenzululwazi.

Wazalelwa kweyiphi icawa?

Abazali bam babezibiza ngokuba bangamaKatolika nangona babengayi ecaweni. Xa ndandisengumfana, ndakha ndakholelwa ukuba uThixo akakho. Ndandifundiswe ukuba ubomi basuka bazivelela yaye ndandisithi loo nto iyinyaniso. Nangona ndandingakholelwa kubukho boMdali, ndandisithi kumele ukuba kukho into ethile enamandla ngaphezu kwethu. Ekubeni ndandifuna ukwazi ukuba yintoni leyo, ndafunda ngobuBhuda, ubuHindu, nobuTao, kodwa ke ezo mfundiso azizange zindanelise.

Yintoni eyakwenza waba nomdla kwinzululwazi?

Ndikhule ndibathanda oomatshini. Ndandidla ngokuqhaqha iithoyi zam ndize ndiphinde ndizidibanise. Utata wayeyinjineli yaye ndandidla ngokumngxixha ngemibuzo emininzi ngokuphathelele indlela ezisebenza ngayo iiradiyo neefowuni.

Yintoni oyifundeleyo?

Ndaqala ngesidanga sobunjineli bee-elektroniki kwiYunivesithi yaseGenoa, emva koko ndalandelisa ngesinye sophando lwendlela yokwenza iirobhothi. Ndafunda ngokukhethekileyo ngendlela amehlo abantu asebenza ngayo nangokwenza iirobhothi ezikwaziyo ukubaxelisa.

 Yintoni eyakwenza wanomdla kwindlela asebenza ngayo amehlo abantu?

Amehlo ethu asebenza ngendlela entsonkothileyo—yaye ukuze sibone, akufuneki sibe namehlo nje kuphela, kodwa nobuchopho bethu bufak’ isandla ngokutolika oko sikubonayo. Ngokomzekelo, makhe sithethe ngoko kwenzekayo xa uganga ibhola. Njengoko ubaleka usiya kuyiganga, yilensi yeliso efota umfanekiso waloo bhola ize iwuthumele kwiretina. Ukungena kwaloo mfanekiso kwiretina kuxhomekeke ekushukumeni kwebhola neliso lakho. Noko ke, umntu udla ngokungawasusi amehlo akhe kuloo nto ayijongileyo. Umfanekiso wayo udla ngokuhlala kwiretina ungashukumi.

Kwangaxeshanye, amehlo kunye nobuchopho bakho zibala isantya ehamba ngaso loo bhola kunye necala eya ngakulo. Okumangalisayo kukuba, oko kubala kuqala kwiretina njengoko iliso lakho liqikelela intshukumo yebhola. Emva koko, imithambo-luvo yamehlo ithatha loo nkcazelo ekwiretina ize iyise ebuchotsheni, buze bona bukuxelele ukuba ganga ngoku. Iyamangalisa indlela entsonkothe ngayo le nto xa iyonke.

Yintoni eyakwenza wakholelwa ukuba kukho uMdali?

Ngowe-1990 ndachitha iinyanga ezimbalwa eDublin, eIreland, ndisenza uphando kwiTrinity College. Endleleni egodukayo, mna nomfazi wam uBarbara sancokola ngekamva labantwana bethu. Kwakhona, sagqiba kwelokuba sityelele udadewethu owayeliNgqina likaYehova. Wandinika incwadi epapashwe ngamaNgqina kaYehova, enomxholo othi Life—How Did It Get Here? By Evolution or by Creation? Ndayithanda indlela ephandwe ngokucokiseke ngayo le ncwadi. Kwatsho kwathi thaa kum ukuba imfundiso yokuzivelela kwezinto ndandiyikholelwe ngaphandle kokuyiphanda ukuba iyinyaniso kusini na. Ngokomzekelo, ndandicinga ukuba amaxhwayela ayakungqina ukuchana kokuzivelela kwezinto. Kodwa ke akunjalo. Okukhona ndiphanda ngokuzivelela kwezinto kwaba kokukhona ndibona ukuba le mfundiso ibubuvuvu.

Ndacinga ngomsebenzi wam wokwenza iirobhothi. Ngubani lo wenza ezi zinto zilinganiswa zezi robhothi ndizenzayo?

Emva koko, ndacinga ngomsebenzi wam wokwenza iirobhothi. Ngubani lo wenza ezi zinto zilinganiswa zezi robhothi ndizenzayo? Andinakuze ndikwazi ukwenza irobhothi ekwaziyo ukuganga ibhola njengomntu. Irobhothi inokwenziwa ikwazi ukuganga ibhola, kodwa kuphela xa ilawulwa ngumntu. Ayinakukwazi ukusuka ixhumele ibhola ize iyigange nje esithubeni kungekho mntu uyilawulayo. Thina sibagqitha kude lee oomatshini ngokufunda—yaye oomatshini abazange bazivelele kodwa benziwe ngabantu! Le yenye yezinto ezandenza ndagqiba kwelokuba nathi senziwa nguMdali.

Kwenzeka njani ukuba ube liNgqina likaYehova?

Enye yezinto mna noBarbara esazithandayo yindlela afundisa ngayo amaNgqina. Ndayithanda nendlela eziphandwa ngokucokiseke ngayo iincwadi zawo. Abantu abangakhi phezulu xa befunda, bayazithanda iincwadi eziphandwe ngokucokisekileyo. Ngokomzekelo, ndandinomdla kwiziprofeto ezininzi zeBhayibhile. Ukufunda kwam ngazo kwandenza ndaqiniseka ukuba iBhayibhile ivela kuThixo. Ngowe-1992, mna noBarbara sabhaptizwa ukuze sibe ngamaNgqina kaYehova.

Ngaba ukufunda kwakho ngenzululwazi kuye kwakwenza waphelelwa lukholo?

Okumangalisayo kukuba inzululwazi indenze ndaba nokholo nangakumbi. Ngokomzekelo, makhe sithethe ngokukwazi kwethu ukwahlula phakathi komntu othile nomnye. Usana luqalisa ukukwazi ukwenza oku emva kweeyure nje ezimbalwa luzelwe. Mna nawe siyakwazi ukubona umntu esimaziyo naxa ephakathi kwegquba labantu. Siyakwazi nokumbona xa ekhathazekile okanye evuya. Noko ke, uninzi lwethu alwazi ukuba ukuze sikwazi ukwenza oku kukho inkcazelo eninzi efanele iye engqondweni ngesantya esiphezulu ngeyona ndlela.

Andilithandabuzi elokuba nguYehova uThixo owasenza sabona. Izinto esiziphiwe nguye, eziquka iBhayibhile, zisenza simbulele size sixelele abanye ngaye. Ngaphezu koko, asibobulungisa ukungamzukisi ngenxa yezinto azenzileyo.