Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UDLIWANO-NDLEBE | UFAN YU

Umntu Owenza Iinkqubo Zekhompyutha Ucacisa Ukholo Lwakhe

Umntu Owenza Iinkqubo Zekhompyutha Ucacisa Ukholo Lwakhe

UMSEBENZI wokuqala kaGqr. Fan Yu yayikukuba yingcaphephe yezibalo kwiChina Institute of Atomic Energy, kufuphi naseBeijing. Ngelo xesha wayengakholelwa kuThixo, ekholelwa ekubeni izinto zazivelela. Kodwa ngoku ukholelwa ekubeni zonke izinto eziphilayo zadalwa nguThixo. UVukani! wambuza ngokholo lwakhe.

Khawusixelele ngawe.

Ndazalwa ngo-1959, kwidolophu iFuzhou, ekwiPhondo laseJiangxi, eTshayina. Xa ndandineminyaka esibhozo, eli lizwe laliqalisa impucuko. Utata, owayengunonjineli, kwathiwa makaye kwakha isiporo sikaloliwe kwindawo eyayikude kakhulu. Kangangeminyaka, wayedla ngokuza kusibona kanye ngonyaka. Ngelo xesha ndandihlala nomama. Yena wayefundisa kwesinye isikolo. Sasihlala kweso sikolo. Ngo-1970, saya kuhlala kwilali eyayibizwa ngokuba yiLiufang, eyayikwiSithili SaseLinchuan. Kuloo lali kwakuhlutshekwa, ukutya kunqabile.

Yayikholelwa entwenini intsapho yakowenu?

Utata wayengenamdla kwicawa okanye kwiipolitiki. Yena umama wayengumBhuda. Esikolweni ndafundiswa ukuba ubomi buyazenzekela nje ngenxa yenkqubo yemvelo, ibe ndandiyikholelwa into ethethwa ngootitshala bam.

Yintoni eyakwenza wanomdla kwizibalo?

Ndandizithanda izibalo kuba zifuna umntu asebenzise ingqondo. Ngo-1976, emva kokusweleka kukaMao Tse-tung owayeyinkokeli yomzabalazo, ndaya eyunivesithi. Izibalo yayisesona sifundo siphambili kwendandizenza. Emva kokuba ndifumene isidanga seemasters, ndaphanda ngendlela yokwenza izinto zenyukliya.

Yintoni eyakutsalayo eBhayibhileni?

Ngo-1987, ndeza kufundela ukuba ngugqirha-lwazi eMerika, kwiYunivesithi iTexas A&M. Ndandisazi ukuba abantu abaninzi baseMerika bakholelwa kuThixo ibe bayayifunda iBhayibhile. Ndeva nokuba iBhayibhile inobulumko obuninzi endinokubusebenzisa, ngoko ndaqonda ukuba ndimele ndiyifunde.

Izinto endandizifunda eBhayibhileni zazivakala ziyinyani. Kodwa kwakunzima ukuziqonda ezinye kangangokuba ndade ndayeka nokuyifunda.

Yintoni eyavusa umdla owawunawo ngeBhayibhile?

Ndandiqala ukuva ngoMdali, ngoko ndaphanda ngaye

Ngo-1990, kwafika iNgqina likaYehova emzini wam, landibonisa into ethethwa yiBhayibhile ngekamva labantu. Lacela amanye amaNgqina atshatileyo ukuba aze kundinceda ndiyazi into ethethwa yiBhayibhile. Ekuhambeni kwexesha, umfazi wam, uLiping, owayefundisa isayensi kwisikolo samabanga aphakamileyo eTshayina nowayengakholelwa kuThixo, naye wafunda iBhayibhile. Safunda ukuba iBhayibhile ithi zivela phi izinto eziphilayo. Ndandiqala ukuva ngoMdali, ngoko ndaphanda ngaye.

Wafumana ntoni xa wawuphanda?

Ekubeni ndandiyingcaphephe yezibalo, ndandiqeqeshelwe ukukwazi ukubala ukuba angakanani amathuba okuba into ingenzeka. Ndandifunde nokuba ukuze ubomi buzivelele, kufuneka zibe sele zikho iiproteni. Ngoko ndazama ukubala amathuba okuzivelela kweeproteni. Iiproteni zezinye zezona molekyuli zintsonkothileyo, kwaye iiseli eziphilayo zinokuba namawaka eentlobo ezahlukeneyo zeeproteni ezisebenzisana ngeendlela ezikhethekileyo. Njengabanye, nam ndaqonda ukuba soze kuthi kanti iproteni isuka nje ivele esithubeni! Akukho nto ndiyifundileyo kwimfundiso yezinto ezizivelelayo endifikelela intliziyo ngendlela ezizivelela ngayo ezi molekyuli zintsonkothileyo, andisathethi ke ngezinto eziphilayo. Loo nto yandenza ndabona ukuba ukho uMdali.

Yintoni eyakwenza waqiniseka ukuba iBhayibhile ivela kuThixo?

Xa ndandiqhubeka ndifunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova, ndafumanisa ukuba ineziprofeto ezenzeka kanye ngendlela ethe ziza kwenzeka ngayo. Ndaqalisa ukubona indlela ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile okundinceda ngayo. Ndandizibuza, ‘Ababhali beBhayibhile ababephila kumawaka eminyaka edlulileyo bakwazi njani ukubhala amazwi obulumko obusasebenza nanamhlanje?’ Ngokuya ndiyifunda, ndaqonda ukuba iBhayibhile liLizwi likaThixo.

Yintoni esakuqinisekisayo ukuba ukho uMdali?

Xa ndicingisisa ngezinto ezininzi eziphilayo, andikwazi ukungakholelwa ukuba ukho uMdali. Ndithetha nawe nje ndenza iinkqubo zekhompyutha, ibe isoloko indimangalisa indlela ingqondo yomntu esebenza ngayo kunazo. Ngokomzekelo, iyamangalisa indlela ingqondo ekwazi ngayo ukuva into ethethwayo, kwaye kunzima ukuyiqonda. Uninzi lwethu luyakhawuleza ukuva into ethethwayo, enoba umntu uthetha isivakalisi esingaphelelanga, uyahleka, uyakhohlela, uyathintitha, uthetha ngendlela eyahlukileyo, uyangxola okanye uthetha efowunini. Unokucinga ukuba le yinto engahoywanga. Kodwa abantu abenza iinkqubo zekhompyutha abacingi njengawe. Ingqondo yomntu iyodlula lee ikhompyutha ekwaziyo ukuva into ethethwayo.

Ingqondo yethu yahlukile nakwiikhompyutha ezintsonkothileyo kuba yona iyakwazi ukuqonda indlela umntu aziva ngayo, indlela eyahlukileyo athetha ngayo, ukanti iyakwazi nokuva ukuba lilizwi likabani elilinganiswayo. Abenzi beenkqubo zekhompyutha baphanda indlela abanokukwazi ngayo ukwenza iikhompyutha zisebenze njengengqondo yomntu. Ndiqinisekile ukuba xa besenza loo nto, bafunda umsebenzi owenziwe nguThixo.