Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

  OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

UYesu

UYesu

Ngaba uYesu UnguThixo?

“Akukho mntu umbonileyo uThixo nangaliphi na ixesha.”Yohane 1:18.

OKO KUTHETHWA NGABANTU

Abantu abaninzi bathi uYesu akangoThixo. Nangona kunjalo, kukho abantu abathi kukho iivesi zeBhayibhile ezithi uYesu ulingana noThixo.

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

IBhayibhile ayithi uYesu nguThixo uSomandla okanye ulingana noThixo. Itsho phandle ukuba uYesu ungaphantsi kunoThixo. Ngokomzekelo, eBhayibhileni sifumana amazwi kaYesu athi: “Kuba uBawo mkhulu kunam.” (Yohane 14:28) IBhayibhile iphinde ithi: “Akukho mntu umbonileyo uThixo nangaliphi na ixesha.” (Yohane 1:18) Akunakwenzeka ukuba uYesu unguThixo kuba abantu abaninzi bambona.

Abalandeli bakaYesu bokuqala zange bathi unguThixo. Ngokomzekelo, umbhali weVangeli uYohane wathi ngezinto awazibhalayo: ‘Ziye zabhalwa phantsi ukuze nikholwe ukuba uYesu unguye uKristu uNyana kaThixo.’Yohane 20:31. *

 Wazalwa nini uYesu?

“Kwakukwakho . . . abalusi ababehlala ezindle yaye belinde imihlambi yabo ebusuku.”Luka 2:8.

OKO KUTHETHWA NGABANTU

Abanye abantu babhiyozela iKrismesi ngoDisemba 25, kuba becinga ukuba uYesu wazalwa ngolo suku. Abanye babhiyozela ukuzalwa kukaYesu ekuqaleni kukaJanuwari.

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

IBhayibhile ayisichazeli usuku awazalwa ngalo uYesu. Kodwa ke, iyasichazela ukuba xa uYesu wayezalwa, “kwakukwakho . . . abalusi ababehlala ezindle yaye belinde imihlambi yabo ebusuku.” (Luka 2:8) Ibingenakwenzeka into yokuba abo balusi bagcine imihlambi yabo phandle ebusuku ngoDisemba noJanuwari. Ngoba?

NgoDisemba nangoJanuwari kubanda kakhulu kwindawo uYesu awazalelwa kuyo. Xa ithetha ngelo xesha lonyaka, iBhayibhile ithi abantu ‘babengcangcazela ngenxa yesiphango semvula.’ (Ezra 10:9, 13; Yeremiya 36:22) Ngoko ke, kwakungenakwenzeka ukuba abalusi ‘bahlale phandle’ nemihlambi yabo ngelo xesha lonyaka.

Ngaba ngokwenene uYesu wavuka emva kokuba efile?

“UThixo wamvusa [uYesu] kwabafileyo.”—IZenzo 3:15.

OKO KUTHETHWA NGABANTU

Abanye abantu bathi ngumnqa emini ukuba umntu, nkqu noYesu lowo, avuke ekufeni.

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba wayeza ‘kufumana imbandezelo, abulawe, aze avuswe ngomhla wesithathu.’ (Mateyu 16:21) IBhayibhile isixelela ukuba emva kokuba uYesu ebulewe waza wavuswa, wabonakala kubantu abayi-500. (1 Korinte 15:6) Abo bambonayo babeqinisekile ukuba wayevuswe engcwabeni. Kangangokuba babexolele nokuyifela loo nto!—IZenzo 7:51-60; 12:1, 2.

KUTHENI UMELE UBE NOMDLA

IBhayibhile ifundisa ukuba ukufa nokuvuka kukaYesu kusinika ithuba lokuzuza kwisithembiso esiseBhayibhileni seParadesi esemhlabeni. (INdumiso 37:11, 29; ISityhilelo 21:3, 4) Ngenxa yokusithanda kukaYesu noYise wakhe, uThixo uSomandla, uYehova, sinethemba lokuphila ubomi obonwabisayo nobungenasiphelo eParadesi.—Yohane 3:16; Roma 6:23.

^ isiqe. 7 IBhayibhile ayithi uThixo unomfazi wokoqobo aye wanabantwana kunye naye. Kunoko, ithi uYesu ‘nguNyana kaThixo’ kuba wadalwa ngenkqu nguye, ibe uneempawu ezifana nezikaYise.