Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

  NGABA YADALWA?

IDNA Enokugcina Inkcazelo Eninzi Kakhulu

IDNA Enokugcina Inkcazelo Eninzi Kakhulu

ABANTU abasebenzisa iikhompyutha bagcina inkcazelo eninzi kwiikhompyutha zabo. Oososayensi bazama ukuphucula iindlela zokugcina inkcazelo ngokukopa kwiDNA, efumaneka kwindalo nenokugcina inkcazelo engaphezu kwaso nasiphi na isixhobo esenzelwe oko.

Khawucinge ngoku: IDNA, ekwiiseli zomzimba inokugcina inkcazelo eninzi kakhulu ngendlela esakhiwe nesibonakala ngayo isilwanyana kunye nabantu. UNick Goldman weEuropean Bioinformatics Institute uthi: “Sinokuyifumana nakumathambo eendlovu ezinoboya . . . ukuze sibone ukuba zazi njani na kanye-kanye ezi zilwanyana. Incinci kakhulu, ingqindilili yaye ayifuni mbane ukuze igcine inkcazelo, ibe oko kwenza kube lula ukuyithumela nokuyigcina.” Ngaba iDNA ingakwazi ukugcina inkcazelo eyenziwe ngabantu? Abaphandi bayavuma.

Oososayensi baye bakwazi ukufaka kwiDNA imiyalezo, imifanekiso, iingoma kunye nezinye izinto eziye zigcinwe. Kamva, bakwazi ukuzikhuphela zonke ezo zinto njengokuba bezinjalo. Ososayensi bathi kungekudala kungasetyenziswa iDNA ekugcineni inkcazelo, igram enye yeDNA inokugcina inkcazelo enokufakwa kwiiCD eziyi-3 000 000, ibe loo nkcazelo inokugcinwa kangangamakhulu nkqu namawaka eminyaka. Le ndlela isenokukwazi ukugcina yonke inkcazelo ekhoyo emhlabeni. Yiyo loo nto abanye xa bethetha ngeDNA bathi, “isesona sixhobo siphambili sokugcina inkcazelo.”

Ucinga ntoni? Ngaba ubuchule beDNA bokugcina inkcazelo bazivelela? Okanye badalwa?