Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 UKUNCEDA IINTSAPHO | UMTSHATO

Xa Udanile Emtshatweni

Xa Udanile Emtshatweni

INGXAKI

Wena neqabane lakho beninezinto ezininzi enifana ngazo, ngaphambi kokuba nitshate. Ngoku iingxaki eninazo zivula umsantsa phakathi kwenu, onenza nivakalelwe njengamaqabane asentolongweni kunamaqabane athandanayo.

Unako ukuwuphucula umtshato wakho. Kodwa qala ngokuhlolisisa unobangela weengxaki eninazo.

ISIZATHU SOKUBA OKU KUSENZEKA

Imiqobo ebakho emtshatweni. Imisebenzi yemihla ngemihla, ukukhulisa abantwana, nabantu basebukhweni; konke oko kusenokubangela umqobo emtshatweni. Ukongezelela koko, iingxaki ezingalindelekanga—njengeengxaki zemali okanye ukunyamekela ilungu lentsapho eligulayo—zinokuluphelisa ulonwabo emtshatweni.

Ukuba neembono ezahluke ngokupheleleyo. Xa abantu besathandana, badla ngokungazihoyi izinto abahluke ngazo. Kodwa bathi bakutshata babone indlela abahluke ngayo kwindlela yokuncokola, ekuphatheni imali, nasekucombululeni iingxaki. Izinto abahluke ngazo ebezikade zibonakala zingenamsebenzi, ngoku azinyamezeleki.

Anizikhathalelanga iimvakalelo zomnye. Ekuhambeni kwexesha, amazwi ahlabayo, izenzo ezicaphukisayo neengxabano ezingaconjululwanga zinokuyenza indoda okanye umfazi angathethi ngeemvakalelo zakhe, okanye okubi nangakumbi, ade atsaleleke komnye umntu.

Ukuba nolindelo olungekho ngqiqweni. Abanye abantu bangena emtshatweni benengcamango yokuba lo mntu atshate naye wenzelwe yena. Nangona leyo isenokuba yingcamango entle, kodwa isenokuba yingozi. Xa kuvela iingxaki, ingcamango yokuba lo mntu “wenzelwe yena” iyaphela, aze avakalelwe kukuba utshate nomntu ongamfanelanga.

 OKO UNOKUKWENZA

Cinga ngeempawu ezintle elinazo iqabane lakho. Khawuzame oku: Bhala iimpawu ezintathu ezintle elinazo iqabane lakho. Kugcine oko ukubhalileyo, mhlawumbi ngasemva kwifoto yenu yomtshato okanye efowunini yakho. Kufunde rhoqo oko ukuze uzikhumbuze ngesizathu sokuba ulitshate. Ukucinga ngeempawu ezintle elinazo iqabane lakho kwenza kubekho uxolo yaye kuya kukunceda ulinyamezele xa kukho izinto enahluke kuzo. —Umgaqo weBhayibhile: Roma 14:19.

Cebani ukuchitha ixesha kunye. Kusenokwenzeka ukuba ngaphambi kokuba nitshate, nanidla ngokuchitha ixesha nikunye. Nanikuvuyela ukuchitha ixesha kunye, kodwa kwakufuneka nicebe kwangaphambili. Kutheni ningenzi into efanayo nangoku? Ceba ukuchitha ixesha kunye neqabane lakho njengoko nanisenza ngaphambili. Oko kuya kunenza nisondelelane nize nikwazi ukujamelana neengxaki ezingalindelekanga.—Umgaqo weBhayibhile: IMizekeliso 5:18.

Thetha ngeemvakalelo zakho. Ukuba uye wakhathazwa yinto eliyithethileyo okanye eliyenzileyo iqabane lakho, ungakwazi na ukuyilibala? Ukuba akunakukwazi, lichazele iqabane lakho endaweni yokuvela nje uthule. Thetha ngokuzolileyo nalo ngokukhawuleza, kwangolo suku ukuba kunokwenzeka.—Umgaqo weBhayibhile: Efese 4:26.

Ukuba uye wakhathazwa yinto eliyithethileyo okanye eliyenzileyo iqabane lakho, ungakwazi na ukuyilibala?

Zama ukuqonda umahluko phakathi kwendlela ovakalelwa ngayo kunye nenjongo yeqabane lakho. Kumele ukuba akakho kuni onenjongo yokuvisa omnye ubuhlungu. Kubonise oku ngokuthi ucele uxolo ngokunyanisekileyo kwiqabane lakho ukuba uye walivisa ubuhlungu nangayiphi na indlela. Emva koko thethani ngezinto eninokuzenza ukuze niphephe ukuvisana ubuhlungu ningaqondanga. Sebenzisani icebiso leBhayibhile elithi: “Yibani nobubele omnye komnye, nibe nemfesane, nixolelane ngesisa.” —Efese 4:32.

Yiba nolindelo olusengqiqweni. IBhayibhile ithi abo batshatayo “baya kuba nembandezelo.” (1 Korinte 7:28) Xa ufikelwa yiloo mbandezelo, musa ukukhawuleza ugqibe ekubeni wenze impazamo yokutshata nomntu ongakufanelanga. Endaweni yoko, bambisana neqabane lakho ekucombululeni ukungavisisani kwenu, nize ‘niqhubeke ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa.’—Kolose 3:13.