Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

NGABA YADALWA?

Ukukhanyisa KweBobtail Squid YaseHawaii

Ukukhanyisa KweBobtail Squid YaseHawaii

ISILWANYANA esizingela ebusuku nesifumaneka kulwandle lwaseHawaii esiyibobtail squid, sikhanyisa njengenyanga neenkwenkwezi. Ukuze sikwazi ukwenza oku, sincedwa ziintsholongwane ezivelisa ukukhanya. Ukwazi banzi ngendlela ezikhanyisa ngayo ezi ntsholongwane kunokusinceda nathi, kodwa ngendlela eyahlukileyo. Kunokuyiphucula impilo yethu.

Khawucinge ngoku: Esi silwanyana sihlala kumanzi acwengileyo akunxweme lweziQithi zaseHawaii. Ngokuqhelekileyo ukukhanya kwenyanga neenkwenkwezi kusenza sibonakale lula isithunzi sesilwanyana kwezinye ezizingelayo. Kodwa ke, yona ibobtail squid iye ikhanyise njengenyanga neenkwenkwezi. Ngoko, kubonakala ukukhanya endaweni yesithunzi. Esi silwanyana sincedwa ziintsholongwane ezikhanyisayo ukuze singabonakali kwezo zizingelayo.

Kubonakala ukuba ezi ntsholongwane ziyasinceda esi silwanyana sikwazi ukulala nokuvuka ngexesha elifanelekileyo. Oku kwenza abaphandi babe nomdla kwezi ntsholongwane, kuba kusenokwenzeka ukuba ayisiso sodwa esi silwanyana esincedwa ziintsholongwane. Ngokomzekelo, kwezinye izilwanyana, iintsholongwane ezincedisa ekucolweni kokutya zinokuba nefuthe kwixesha lokulala nokuvuka kwazo. Ukuphazamiseka kwexesha lokulala nokuvuka ebantwini kusenokubangela istres, isifo seswekile, ukutyeba kakhulu nokungalali kakuhle. Ngenxa yoko, ukufunda ngendlela ezisebenza ngayo iintsholongwane ezikwibobtail squid kunokunceda ekuphuculeni impilo yabantu.

Ucinga ntoni? Ngaba ukukhanyisa kwebobtail squid yaseHawaii kwazivelela? Okanye kwadalwa?