Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

NGABA YADALWA?

Uboya Bentini Yaselwandle

Uboya Bentini Yaselwandle

IZILWANYANA ezininzi ezincancisayo ezihlala emanzini abandayo zinenqatha eliphantsi kwesikhumba elizinceda zihlale zifudumele. Yona intini yaselwandle ikhuselwa buboya bayo obufukufuku.

Khawucinge ngoku: Uboya bale ntini buninzi kakhulu kunobezinye izilwanyana ezincancisayo. Xa idada, obu boya butsala umoya. Lo moya uvalela amanzi abandayo angadibani nofele lwayo aze ayigodolise.

Oososayensi bathi ikho into esinokuyifunda kuboya bale ntini. Baye basebenzisa iidyasi ezinoboya obude nobufutshane, obufukufuku nobugqagqeneyo. Bafumanise ukuba xa “uboya bufukufuku futhi bubude, amanzi awangeni.” Ngoko singathi, iintini zaselwandle zinokuzidla ngoboya bazo obufukufuku.

Abaphandi banethemba lokuba uphando lwabo luza kubangela ukuba kuphuculwe indlela awenziwa ngayo amalaphu angangeni manzi. Le nto isenokubangela abantu bazibuze ukuba akunakwenzeka na ukuba abantu abadada emanzini abandayo banxibe iimpahla ezinoboya obufukufuku njengobentini yaselwandle!

Ucinga ntoni? Ngaba uboya obufudumeza intini yaselwandle bazivelela? Okanye badalwa?