Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IMBONISELO No. 1 2018 | Ngaba IBhayibhile Isabalulekile?

NGABA IBHAYIBHILE ISABALULEKILE?

Ekubeni iteknoloji inayo yonke inkcazelo efunekayo namhlanje, ngaba iBhayibhile isabalulekile? IBhayibhile ithi:

“Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo.”​2 Timoti 3:16.

Le Mboniselo isenza sibone ukuba inyanisile na iBhayibhile xa isithi inokusikhokela kubo bonke ubomi bethu.

 

Ngaba IBhayibhile Isabalulekile?

Ekubeni kukho inkcazelo eninzi ngezinto zala maxesha, kutheni uza kuya kufuna inkcazelo yencwadi eneminyaka ephantse ibe yi-2 000 ikho?

Iimfundiso ZeBhayibhile Zinobulumko Obungaphelelwayo

Nakubeni kusithiwa iphelelwe lixesha xa ithelekiswa nolwazi lwala maxesha, iimfundiso zeBhayibhile zinemigaqo esebenzayo nengaphelelwayo.

Ngaba Ayisasebenzi Okanye Iseluncedo?

IBhayibhile asiyoncwadi yesayensi, kodwa indlela ethetha ngayo ngesayensi ingakumangalisa.

1 Unokuziphepha Njani Iingxaki?

Khawufunde indlela ubulumko bukaThixo obubancede ngayo abantu bakwazi ukuphepha iingxaki ezinkulu zobomi.

2 Yintoni Enokukunceda Xa Uneengxaki

IBhayibhile isinika ubulumko bokwazi ukwahlukana neengxaki ezingapheliyo nezikhathazayo ezinjengokukhathazeka kakhulu, ukuzibekel’ amangomso izinto nokuba lilolo.

3 Unokukwazi Ukunyamezela Iingxaki

Yintoni onokuyenza xa uneengxaki ongakwaziyo ukuziphepha, ezinjengesigulo esinganyangekiyo okanye ukuswelekelwa?

Ithini IBhayibhile Ngexesha Elizayo?

ILizwi likaThixo linokusinceda sikwazi ukujongana neengxaki esidibana nazo mihla le kweli hlabathi lingazinzanga. Kanti aliphelelanga apho. Lisixelela nento eza kwenzeka kwixesha elizayo.

Ucinga Ntoni?

Khawuve ukuba bathini abanye abantu nokuba iBhayibhile iwuphendula njani lo mbuzo.