Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

3 Unokukwazi Ukunyamezela Iingxaki

3 Unokukwazi Ukunyamezela Iingxaki

Kukho iingxaki ezingenakuphepheka nezingenakulungiswa. Ngokomzekelo, xa uswelekelwe ngumntu omthandayo okanye unesigulo esinganyangekiyo, ayikho into onokuyenza ngaphandle kokuba unyamezele. Ngaba iBhayibhile ingakunceda kwiimeko ezinzima njengezi?

ISIGULO ESINGANYANGEKIYO

URose uthi: “Ndinesifo esindenza ndihlale ndisezintlungwini ezingathethekiyo. Andisenampilo konke konke.” Enye yezona zinto ezazinzima kuye kukuba xa efunda, ingqondo yayingabikho kuloo nto ayifundayo kwaye kwakuba nzima ukwenza ezinye izinto zonqulo. Kodwa wancedwa kakhulu ngamazwi kaYesu akuMateyu 19:26 athi: “KuThixo izinto zonke zinako ukwenzeka.” Wafumanisa ukuba zininzi iindlela zokufunda. Intlungu awayekuyo yayisenza kube nzima ukufunda ngamanye amaxesha, waqalisa ukumamela iBhayibhile neencwadi ezithetha ngayo ezirekhodiweyo. * Uthi: “Ngaphandle kwezi ndlela, andazi ukuba bendinokubuqinisa njani ubuhlobo bam noThixo.”

Xa uRose ekhathazwa kukuba engasakwazi ukwenza izinto awayezenza, uthuthuzelwa ngamazwi akweyesi-2 kwabaseKorinte 8:12 athi: “Ukuba umntu unolangazelelo kuqala, umnikelo wakhe wamkeleka ngakumbi ngokoko anako, kungekhona ngokoko angenako.” Loo mazwi amkhumbuza ukuba uThixo uvuyiswa yiloo nto ayenzayo, kuba wenza oko anamandla okukwenza.

INTLUNGU YOKUFELWA

UDelphine ekukhe kwathethwa ngaye uthi: “Emva kokuba ndiswelekelwe yintombi yam eneminyaka eyi-18, ndaba buhlungu kakhulu kangangokuba ndandingatsho ukuba ndiza kuphila. Kwakungazukufana nakuqala.” Wathuthuzelwa ngamazwi akwiNdumiso 94:19, apho umdumisi athi kuThixo: ‘Xa iingcamango zam eziphazamisayo zaba ninzi ngaphakathi kwam, intuthuzelo yakho yaqalisa ukundithuthuzela.’ Uthi, “Ndathandaza kuYehova ndicela ukuba andincede ndifumane iindlela zokunyamezela intlungu.”

Wazixakekisa ngokunceda abantu ngaphandle kwemali. Ekuhambeni kwexesha wazifanisa nekhrayoni kuba nokuba yophukile, iyasebenza. Naye, nangona wayesentlungwini, wafumanisa ukuba angakwazi ukubanceda abanye abantu. Uthi: “Ndabona ukuba nam ndiyathuthuzelwa nguYehova xa ndithuthuzela abantu endibafundela iBhayibhile ngokusebenzisa imigaqo yayo.” Wabhala amagama abantu abaseBhayibhileni ababekhe basezintlungwini ezingathethekiyo. Wafumanisa ukuba “bonke bathandaza kuYehova.” Wafunda nokuba “ebengasoze akwazi ukunyamezela ukuba ebengayifundi iBhayibhile.”

Ukufunda iBhayibhile kuye kwamnceda nakwenye into uDelphine, ukuzilibala izinto ezidlulileyo, ajonge kwezexesha elizayo. Uthuthuzelwa lithemba elikwiZenzo 24:15 lokuba: “Kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.” Uqiniseke kangakanani ukuba uYehova uza kuyivusa intombi yakhe? Uthi: “Ndizibona ndiphila nentombi yam kwixesha elizayo. Elo xesha selibekiwe nguYehova. Ndinombono wam ndikunye nayo egadini, ingathi kungokuya yayisand’ uzalwa, ndilujongile olu sana, ndiluthanda.”

^ isiqe. 4 Ezi zinto zirekhodiweyo zikwiwebhsayithi u-jw.org/xh.

IBhayibhile ingakunceda ufumane intuthuzelo nangawona maxesha anzima