Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IMBONISELO No. 1 2023 | Izigulo Eziphazamisa Iimvakalelo—Ingakunceda Njani IBhayibhile?

Emhlabeni wonke, izigulo eziphazamisa iimvakalelo zenza abantu abaninzi bazive bexhelekile emphefumlweni. Ezi zigulo zichaphazela abantu abasebatsha, abadala, abanemali, abangenamali, abafundileyo nabangafundanga. Kanti zichaphazela nabantu beentlanga ezahlukeneyo nabakunqulo olwahlukeneyo. Ziintoni izigulo eziphazamisa iimvakalelo kwaye zibachaphazela njani abantu? Le ncwadana iza kuthetha ngokubaluleka kokufumana uncedo olusuka kugqirha nendlela amacebiso eBhayibhile anokubanceda ngayo abantu abanezi zigulo.

 

Iingxaki Zezigulo Eziphazamisa Iimvakalelo Emhlabeni Wonke

Ezi zigulo zichaphazela abantu abanemali, abangenamali nabaneemvelaphi ezingafaniyo. Jonga indlela iBhayibhile enokukukhokela ngayo ukuze uncedakale kwisigulo sakho esiphazamisa iimvakalelo.

UThixo Ukukhathalele

Kutheni unokuqiniseka ukuba uYehova uThixo, uyayiqonda indlela esivakalelwa nesicinga ngayo ngaphezu kwakhe nawuphi na omnye umntu?

1 | Umthandazo—“Liphoseni Kuye Lonke Ixhala Lenu”

Ngaba singakwazi ukuthandaza kuThixo ngayo nantoni na esenza ixhala? Umthandazo ungabanceda njani abo banexhala?

2 | “Intuthuzelo Esuka EBhayibhileni”

Umyalezo oseBhayibhileni uphinda usinike ithemba lokuba, ukuba buhlungu ngokweemvakalelo kuza kuphela.

3 | Indlela Imizekelo EseBhayibhileni Enokunceda Ngayo

IBhayibhile inamabali amanyhani amadoda nabafazi ababeneemvakalelo ezifana nezethu ibe loo nto isenza singaziva sisodwa kakhulu.

4 | IBhayibhile Isinika Amacebiso Anokusinceda

Jonga indlela iivesi eziseBhayibhileni nezinto ozimisele ukuzenza ezinokukunceda ukwazi ukumelana nesigulo esiphazamisa iimvakalelo zakho.

Indlela Yokunceda Abo Banezigulo Eziphazamisa Iimvakalelo Zabo

Uncedo lwakho lungakwazi ukwenza umahluko kumhlobo onesigulo esiphazamisa iimvakalelo.