Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iingxaki Zezigulo Eziphazamisa Iimvakalelo Emhlabeni Wonke

Iingxaki Zezigulo Eziphazamisa Iimvakalelo Emhlabeni Wonke

“Ndisoloko ndinexhala noba lincinci, nokuba akhonto indihluphileyo.”

“Xa ndiziva ndingumqabaqaba ndiye ndoyike, kuba ndiyayazi ukuba xa ndiziva ndonwabile umoya wam unokukhawuleza ube phantsi.”

“Ndiye ndizame ukujongana nengxaki ibenye ngexesha kodwa ngamanye amaxesha ndisuke ndibe nexhala lezinto ezininzi.”

Ngaba nawe ukhe uzive ngendlela efanayo neyabantu abanengxaki yeezigulo eziphazamisa iimvakalelo? Ngaba ungomnye wabo—okanye—unaye umntu omthandayo ojongene nale ngxaki?

Sicela uqiniseke ukuba awuwedwanga. Baninzi namhlanje abantu abachatshazelwa ziingxaki zezigulo eziphazamisa iimvakalelo enoba zichaphazela bona okanye abantu ababathandayo.

Asiyithandabuzi into yokuba siphila kumaxesha ’ekunzima ukuwanyamezela’ ibe loo nto ibangela ukuba kubekho izinto ezibuhlungu ezininzi. (2 Timoti 3:1) Uphando lubonise ukuba malunga nomntu omnye kwabayi-8 unengxaki yesigulo esiphazamisa iimvakalelo. Ngo-2020, ubhubhane weKhorona wabangela ukuba abantu abanamaxhala bongezeleleka nge-78 miliyoni baza abantu abanoxinezeleko nabo bongezeleleka nge-78 miliyoni.

Nangona kubalulekile ukuwazi la manani abantu abanezigulo eziphazamisa iimvakalelo, kodwa eyona nto ibalulekileyo kukuyazi ukuba wena nabantu obathandayo ningenza njani ukuze niphile ngeyona ndlela ibhetele.

Uba njani xa ungaphazamisekanga ngokweemvakalelo?

Xa iimvakalelo zakho zingaphazamisekanga, amaxesha amaninzi uyakwazi ukonwaba wenze nezinto kakuhle. Uyakwazi ukumelana nestres esiqhelekileyo, usebenze kakuhle uze uzive wanelisekile ebomini.

Ukuphazamiseka kweemvakalelo . . .

  • AKWENZIWA kukuba umntu enezinto angakwaziyo ukuzenza kakuhle.

  • SISIGULO esibangela umntu axinezeleke, kuphazamiseke indlela acinga ngayo, angakwazi ukulawula indlela avakalelwa ngayo kunye nendlela azenza ngayo izinto.

  • Sinokwenza kube nzima ukuba umntu azenzele ubuhlobo kunye nabanye abantu aze angakwazi ukwenza izinto amele azenze ebomini bakhe.

  • Kunokuchaphazela abantu abasebatsha, nabadala, abanemvelaphi ezahlukeneyo, abohlanga, nabakunqulo olwahlukileyo, abafundileyo nabangafundanga okanye abanemali nabangenamali.

Ukufumana uncedo kwizigulo eziphazamisa iimvakalelo

Ukuba wena okanye umntu omthandayo kuqapheleka utshintsho kubuntu bakhe, ulala kancinci okanye kakhulu, okanye utya kakhulu okanye kancinci kunangaphambili, usoloko exhalabile, uxinezelekile, uziva ebuhlungu, kunokufuneka uncedo lukagqirha ukuze kucace ukuba yintoni unobangela. Kodwa ungalufumana phi uncedo?

Eyona ndoda isisilumko eyakha yaphila uYesu yathi: “Abantu abaphile qete abamdingi ugqirha, kodwa udingwa ngabagulayo.” (Mateyu 9:12) Abo bahlutshwa ziingxaki zempilo nabafumana amayeza bangakwazi ukunciphisa izinto abagula zizo baze bancedakale baphile ubomi obunenjongo nobanelisayo. Ngoko kubalulekile ukuba xa umntu esiya egula kakhulu akhawuleze afumane uncedo. a

Nangona iBhayibhile ingeyoncwadi yezonyango, into ethetha ngayo ingaluncedo kwizigulo eziphazamisa iimvakalelo. Sicela ufunde la manqaku alandelayo athetha ngendlela iBhayibhile enokusinceda ngayo ukuze sikwazi ukumelana nezigulo eziphazamisa iimvakalelo.

a IMboniselo ayikhuthazi uhlobo oluthile lonyango. Mntu ngamnye kubalulekile ukuba ahlolisise ukhetho lwakhe ngaphambi kokwenza isigqibo.