Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA EZA KULUNGISWA NGAYO INGXAKI

Xa Kulawula UBukumkani BukaThixo ‘Uxolo Luza Kuba Luninzi’

Xa Kulawula UBukumkani BukaThixo ‘Uxolo Luza Kuba Luninzi’

Kungekudala, uBukumkani BukaThixo ekudala sibulindile, urhulumente womhlaba wonke obekwe nguThixo, uza kwenza kubekho uxolo baze abantu bavane emhlabeni wonke. INdumiso 72:7 ithi, ‘Uxolo luza kuba luninzi.’ Buza kulawula nini uBukumkani BukaThixo emhlabeni? Buza kulawula njani? Buza kukunceda njani wena xa bulawula?

BUZA KUFIKA NINI UBUKUMKANI BUKATHIXO?

IBhayibhile yasichazela kwakudala izinto ezaziza kubonisa ukuba uBukumkani BukaThixo busondele. Njengeemfazwe, indlala, izifo, iinyikima nokwanda kobubi.​—Mateyu 24:3, 7, 12; Luka 21:11; ISityhilelo 6:2-8.

Esinye isiprofeto sithi: “Ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo. Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, . . . abangathobeli bazali, abangenambulelo, abanganyanisekanga, abangenawo umsa wemvelo, abangayifuni kwaphela imvisiswano, abanyelisi, abangenakuzeyisa, iindlobongela, abangathandi kulunga, . . . abakhukhumele likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo.” (2 Timoti 3:1-4) Kudala bekhona abantu abanje, kodwa kule mihla baninzi kakhulu.

Ezi ziprofeto zaqala ukwenzeka ngo-1914. Ababhali-mbali, izikhulu zepolitiki nabanye ababhali baye bayichaza indlela elatshintsha ngayo ihlabathi emva kwaloo nyaka. Ngokomzekelo, omnye umbhali-mbali waseDenmark uPeter Munch wathi: “Imfazwe ka-1914 yazisa olona tshintsho lukhulu embalini yabantu. Ngaphambi kwala nyaka abantu babecinga ukuba iimeko zehlabathi ziza kuba bhetele, . . . kodwa kwasuka kwavela iingxaki, ukubulalana kwabantu kabuhlungu, nenzondo, baza abantu baqalisa ukungakhuseleki kuyo yonke indawo.”

Into enika ithemba kukuba ezi zinto zenzekayo zibonisa ukuba uBukumkani BukaThixo bukufuphi. Nantsi enye into eyathethwa nguYesu: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.”​—Mateyu 24:14.

Iindaba ezilungileyo yeyona nto athetha ngayo AmaNgqina KaYehova. Eyona magazini bayisebenzisayo inomxholo othi, IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova. Idla ngokuthetha ngezinto ezintle uBukumkani BukaThixo obuza kuzenzela abantu.

BUZA KULAWULA NJANI UBUKUMKANI BUKATHIXO?

Ukuze siphenduleke masijonge ezi zinto:

  1. Obu Bukumkani abuzokumelwa ziinkokeli zepolitiki zeli hlabathi.

  2. Iinkokeli zepolitiki zeli hlabathi azizokufuna luthathwe ulawulo kuzo, kodwa ziza kulwa noBukumkani BukaThixo.​—INdumiso 2:2-9.

  3. UBukumkani BukaThixo buza kuziphelisa ezi zikumkani zopolitiko zifuna ukuqhubeka zilawula abantu. (Daniyeli 2:44; ISityhilelo 19:17-21) Iza kuba yimfazwe yokugqibela yehlabathi ibe ibizwa ngokuba yiArmagedon.​—ISityhilelo 16:14, 16.

  4. Bonke abo bafuna ukulawulwa bobu Bukumkani baza kusinda kwiArmagedon baze baphile kwilizwe elinoxolo. Xa bebonke iBhayibhile ibabiza ngokuthi ‘sisihlwele esikhulu’ esiza kuba ziimiliyoni.​—ISityhilelo 7:9, 10, 13, 14.

BUZA KUKUNCEDA NJANI WENA OBU BUKUMKANI?

Into yokuqala omele uyenze ukuze nawe ube kobu Bukumkani, kukufunda iBhayibhile. UYesu xa wayethandaza kuThixo wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.”​—Yohane 17:3.

Xa abantu bemazi uYehova uThixo baye bancedakale ngeendlela ezininzi. Khawucinge nje ngezi ndlela zimbini: Eyokuqala, baye babe nokholo olomeleleyo kuye. Olo kholo, olubekho ngenxa yobungqina, lubanceda babone ukuba uBukumkani BukaThixo buza kubakho nyhani nokuba sele buza kulawula. (Hebhere 11:1) Eyesibini, baye bamthande nangakumbi uThixo nommelwane. Uthando lwabo ngoThixo lubenza bamthobele ngokusuka entliziyweni. Uthando lwabo ngommelwane lubenza basebenzise amazwi kaYesu adla ngokubizwa ngokuba nguMthetho Omkhulu. Lo mthetho uthi: “Kanye njengoko nifuna abantu benze kuni, yenzani ngendlela efanayo kubo.”​—Luka 6:31.

Njengotata onothando, uMdali wethu ufuna sonwabe. Ufuna siphile ubomi iBhayibhile ebubiza ngokuba ‘bubomi benene.’ (1 Timoti 6:19) Obu bomi sibuphilayo ayibubo ‘ubomi benene.’ Ubomi babantu abaninzi bunzima kakhulu. Ukuze ube nombono wobu ‘bomi benene,’ jonga ezinye zezinto obuza kuzenzela abantu uBukumkani BukaThixo.

Xa kulawula uBukumkani BukaThixo abantu baza kukhuseleka kuze kubekho ukutya okuninzi