Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Njengekhampasi enokuthenjwa, ukwazi indlela yokuziphatha kunganceda umntwana wakho ayazi indlela amakahambe ngayo

KUBAZALI

7: Indlela Yokuziphatha

7: Indlela Yokuziphatha

KUTHETHA NTONI?

Indlela yokuziphatha yimilinganiselo umntu akhetha ukuphila ngayo. Ngokomzekelo, ngaba uzama ukunyaniseka kuzo zonke izinto? Ukuba kunjalo, mhlawumbi ungafundisa abantwana bakho ukuba nabo babe njalo.

Ufuna nokubafundisa ukuba kubalulekile ukukhuthala, ukuba nengqiqo nokubacingela abanye abantu—ezo mpawu kulula ukuba bakhawuleze babe nazo xa bebancinci.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Yiqeqeshe inkwenkwe ngokwendlela yayo; naxa indala ayisayi kuphambuka kuyo.”​—IMizekeliso 22:6.

KUTHENI KUBALULEKILE NJE?

Kweli xesha leteknoloji, kubalulekile ukuziphatha. Omnye umama onguKaryn, uthi: “Abantwana bangafunda imikhuba emibi nakwesiphi na isixhobo se-elektroniki nanini na. Bangalapha ecaleni kwethu, babe bebukele izinto ezingafanelekanga!”

UMGAQO WEBHAYIBHILE: ‘Abantu abaqolileyo, amandla abo okuqonda bawaqeqeshela ukwahlula okulungileyo nokubi.’​—Hebhere 5:14.

Nokuba nembeko kubalulekile. Ezinye iindlela zokubonisa imbeko kukuthi “enkosi” okanye “ndicela” nokubakhathalela abanye abantu, nto leyo enqabileyo kuba abantu ngoku bakhathalele izixhobo ze-elektroniki ngaphezu kwabanye abantu.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Njengoko nifuna abantu benze kuni, yenzani ngendlela efanayo kubo.”​—Luka 6:31.

YINTONI ONOKUYENZA?

Mchazele indlela yokuziphatha. Ngokomzekelo, uphando lubonisa ukuba xa abantwana bexelelwe kakuhle ukuba ukwabelana ngesondo ngaphambi komtshato akufanelekanga, loo nto ingabenza bangayenzi le nto ingafanelekanga.

NALI ICEBISO: Sebenzisa into esandul’ ukwenzeka ukuze uqalise incoko ngokuziphatha. Ngokomzekelo, ukuba ezindabeni kuthethwa ngomntu oye wabulala, unokuthi: “Imbi indlela abanye abantu abawukhuphela ngayo umsindo wabo kwabanye. Ucinga ukuba yintoni ebenza babe nje?”

“Kuba nzima kubantwana ukukhetha phakathi kwento embi nelungileyo xa bengayazi ukuba yeyiphi embi iyeyiphi elungileyo.”—Brandon.

Bafundise ukuba nembeko. Nabantwana abancinci bangafunda ukuthi “ndicela” nokuthi “enkosi” baze babahloniphe abanye abantu. Incwadi ethi, Parenting Without Borders ithi: “Xa abantwana bebona ukuba benza into enkulu, engaphezu kwabo njengokwenza into entsatsheni, esikolweni okanye ekuhlaleni, baye bakuvuyele ukwenza nantoni na engazokunceda bona kodwa eza kunceda abanye abantu.”

NALI ICEBISO: Abantwana banike imisebenzi abamele bayenze apha endlini ukuze bafunde indlela yokunceda abanye abantu.

“Ukuba abantwana bayayiqhela ngoku imisebenzi yasekhaya, abazokuxakana nento xa bezihlalela. Baza kuba sele bekuqhelile ukuzenzela izinto.”​—Tara.