Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Izinto ozimisele ukuzenza zifana neplani; xa uzama ukuzenza, zinokuphumelela

KULUTSHA

12: Izinto Ozimisele Ukuzenza

12: Izinto Ozimisele Ukuzenza

KUTHETHA NTONI?

Apha asithethi ngezinto nje oziphuphayo, okanye obawela ukuba zenzeke. Sithetha ngezinto ezifuna ucebe, utshintshe xa kuyimfuneko, uze usebenze, ungonqeni.

Ezinye izinto ozimisele ukuzenza zingathatha iintsuku okanye iiveki, ezinye zithathe iinyanga, zize ezinye zithathe unyaka nangaphezulu. Ukuba kukho into ofuna ukuyenza kunyaka ozayo, qala ngezinto ezincinci.

KUTHENI KUBALULEKILE NJE?

Xa ude wayenza into obuzimisele ukuyenza, uye uzithembe, ube nabahlobo, kwaye wonwabe.

Ukuzithemba: Xa uzimisela ukwenza izinto ezincinci, uze uzenze, uye ukulungele ukwenza ezinkulu. Utsho ukwazi nokujongana neengxaki zemihla ngemihla—ezinjengokwala xa oontanga bakho bekunyanzela ukuba wenze into engafanelekanga.

Abahlobo: Abantu bayathanda ukutshomana nomntu oyaziyo into ayifunayo, nozama ukuyifumana. Ngaphezu koko, enye yezona ndlela ziphumelelayo zokuqinisa ubuhlobo kukuba wena naye nibe nento enizimisele ukuyifikelela nobabini.

Ukonwaba: Xa uzibekela izinto ofuna ukuzenza, uze uzenze, uye uvuye.

“Ndiyathanda ukuba nento endizimisele ukuyenza. Kundenza ndihlale ndixakekile kwaye ndisoloko ndinento endifuna ukuyifikelela. Ibe xa ude wayenza into obuzimisele ngayo, akukho nto imnandi njengokuthi, ‘Heke! Ndide ndayenza le nto bendizimisele ukuyenza.’”—Christopher.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Olinda umoya akayi kuyihlwayela imbewu; nokhangela amafu akayi kuvuna.”—INtshumayeli 11:4.

YINTONI ONOKUYENZA?

Thatha la manyathelo alandelayo.

Zazi izinto ofuna ukuzenza. Bhala phantsi izinto ofuna ukuzenza, uqale ngeyokuqala, kulandele eyesibini, neyesithathu, njalo njalo.

Ceba. Yenza le nto ilandelayo kwinto nganye ofuna ukuyenza:

  • Beka umhla ofuna ukuyigqiba ngawo.

  • Ceba izinto ekufuneka uzenze.

  • Cinga ngeengxaki ezingavela, nangendlela oza kuzilungisa ngayo.

Yenza. Sukulinda de ufumane zonke iinkcukacha. Zibuze, ‘Yintoni endimele ndiqale ngayo ukuze ndenze le nto ndizimisele ukuyenza?’ Yenze ke. Zihlole xa ugqiba inyathelo ngalinye.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Amacebo okhutheleyo ngokuqinisekileyo ayingenelo [okanye amenza aphumelele].”​—IMizekeliso 21:5.