Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Indalo Ityhila UThixo Ophilayo

Indalo Ityhila UThixo Ophilayo

 Indalo Ityhila UThixo Ophilayo

Ufanele, Yehova, Thixo wethu, ukwamkela uzuko . . . ngenxa yokuba wadala zonke izinto.”ISITYHI. 4:11.

1. Yintoni esimele siyenze ukuqinisekisa ukuba ukholo lwethu aluhexi?

ABANINZI bathi bakholelwa kwizinto abanokuzibona ngamehlo kuphela. Sinokubanceda njani abantu abanjalo babe nokholo kuYehova? IBhayibhile iyatsho ukuba, “akukho mntu umbonileyo uThixo nangaliphi na ixesha.” (Yoh. 1:18) Yintoni esinokuyenza ukuqinisekisa ukuba nolwethu ukholo ‘kuThixo ongabonakaliyo’ aluhexi? (Kol. 1:15) Into yokuqala kukuzazi kakuhle ezona mfundiso zisimfamekisayo ngokuphathelele uYehova. Emva koko simele sibe nobuchule bokusebenzisa iBhayibhile ukuze sibhukuqe nayiphi na indlela yokucinga “ephakanyiswa nxamnye nolwazi lukaThixo.”2 Kor. 10:4, 5.

2, 3. Ziziphi iimfundiso ezimbini ezimfamekisa abantu ngokuphathelele uThixo?

2 Eyona mfundiso igqugqisileyo nemfamekisa abantu yile yokuba izinto eziphilayo zazivelela. Le mfundiso iyangqubana naleyo yeBhayibhile yaye yenza abantu bangabi nalo kwaphela ithemba. Eyona nto iyitshoyo kukuba zonke izinto eziphilayo zasuka zazivela kungekho mntu uzidalayo; nto leyo ethetha ukuba ubomi abunanjongo.

3 Kwelinye icala bambi kwiNgqobhoko bafundisa ukuba indalo, kuquka umhlaba nazo zonke izinto eziphilayo isandul’ ukudalwa kumawaka nje ambalwa eminyaka. Nakuba beyihlonela iBhayibhile, eyona nto bayimeleyo abo banale mfundiso kukuba zonke izinto zadalwa kwiintsuku nje ezintandathu zokoqobo, kumawaka ambalwa eminyaka edlulileyo. Abafuni nokuva ngobungqina obuvakalayo besayensi obuphikisana noluvo lwabo. Ngenxa yoko, le mfundiso yabo iyisingela phantsi iBhayibhile, iyenza ibonakale ingekho ngqiqweni yaye ingachananga. Abameli bale mfundiso basikhumbuza ngabathile kwinkulungwane yokuqala ababenenzondelelo kuThixo “kodwa kungekhona ngokolwazi oluchanileyo.” (Roma 10:2) Singalisebenzisa njani iLizwi likaThixo ukuze sibhukuqe le mfundiso yendeleyo yokuba izinto eziphilayo zazivelela kuquka  leyo yokuba izinto zadalwa kwiintsuku nje ezintandathu zokoqobo? * Oko singakwenza kuphela xa sizibhokoxa ekuzuzeni ulwazi oluchanileyo lweemfundiso zeBhayibhile.

UKHOLO LUSEKELWA KUBUNGQINA NEZIBAKALA

4. Yintoni olumele lusekelwe kuyo ukholo lwethu?

4 IBhayibhile isifundisa ukuba siluxabise ulwazi. (IMize. 10:14) UYehova ufuna ukuba ukholo lwethu lusekelwe kubungqina nezibakala, kungekhona kwintanda-bulumko okanye izithethe zonqulo. (Funda amaHebhere 11:1.) Ukuze sibe nokholo olomeleleyo kuThixo, simele siqale seyiseke ukuba uYehova ukhona. (Funda amaHebhere 11:6.) Sikholelwa ukuba ukhona kungekhona nje kuba sifuna ukukholelwa, kodwa ngenxa yokuba siye sahlolisisa izibakala saza sasebenzisa “amandla okucinga.”Roma 12:1.

5. Sisiphi esinye isizathu esenza seyiseke ukuba uThixo ukhona?

5 Umpostile uPawulos usichazela esinye isizathu sokuba simele seyiseke ukuba uThixo ukhona nakuba singenakumbona. Ethetha ngoYehova, uPawulos wathi: “Iimpawu zakhe ezingabonakaliyo zibonwa ngokucacileyo ukususela ekudalweni kwehlabathi kuse phambili, ngenxa yokuba ziqondeka ngezinto ezenziweyo, kwanamandla angunaphakade nobuThixo bakhe.” (Roma 1:20) Ungamnceda njani umntu obuthandabuzayo ubukho bukaThixo ukuze abone ubunyani bala mazwi aphefumlelweyo? Unokuqwalasela naye ezinye kwezi nkalo zilandelayo ezibubungqina obubonakala kwindalo bokuba uMdali unamandla nobulumko.

AMANDLA KATHIXO ABONAKALA KWINDALO

6, 7. Ziziphi izinto ezimbini ezisikhuselayo ezityhila amandla kaYehova?

6 Amandla kaYehova atyhilwa zizinto ezimbini ezisikhuselayo—umoya ojikeleze umhlaba (atmosphere) kunye nemagnethi yomhlaba. Ngokomzekelo, umoya ojikeleze umhlaba awupheleli nje ekusincedeni siphefumle. Uphinda usikhusele nasekwenzakalisweni zizinto eziwa esibhakabhakeni. Amatye abeya kuthi xa entlithe umhlaba enze umonakalo ongathethekiyo, aye athi xa efika kulo moya ujikeleze umhlaba atshe, size thina emhlabeni sibone nje inkwenkwezi entle etshekayo isenza amatshe esibhakabhakeni.

7 Enye into esikhuselayo yimagnethi yomhlaba. Yona iphuma emathunjini omhlaba. Umbindi womhlaba, owenziwe ngesidudu sentsimbi ebilayo ukhupha imagnethi yomhlaba esikhuselayo nenamandla ahamba de aye kufikelela esibhakabhakeni. Le magnethi yomhlaba isikhusela kwimitha nolophu oluyingozi olukhutshwa ziintlantsi zelanga. Ngenxa yale magnethi yomhlaba, la mandla akhutshwa lilanga akazitshabalalisi izinto eziphila emhlabeni. Endaweni yoko umhlaba uyakwazi ukuthabatha lawo uwafunayo uze uvalele ngaphandle lawo ungawafuniyo. Ubungqina bokukhuselwa yile magnethi yomhlaba sibubona kwimibala embejembeje ebonakala esibhakabhakeni xa ukufuphi kwiincam zomhlaba eMntla naseMzantsi. Icace nakuthathatha into yokuba uYehova “womelele ngamandla.”Funda uIsaya 40:26.

UBULUMKO BUKATHIXO BUTYHILWA KWINDALO

8, 9. Butyhilwa njani ubulumko bukaYehova kwindlela ayile ngayo indalo ukuze ubomi buqhubeke emhlabeni?

8 Ubulumko bukaYehova butyhilwa yindlela ayile ngayo indalo ukuze ubomi buqhubeke emhlabeni. Ngokomzekelo: Cinga ngendlela ebebuya kuba yiyo ubomi kwisixeko esibiyelweyo ngoxa sinyakazela abantu  kungekho kwandlela yokungenisa amanzi acocekileyo nokukhuphela ngaphandle bonke ubunyhukunyhuku baso. Bekungayi kuba kudala eso sixeko sibe mdaka de abantu bangakwazi kuhlala kuso. Ngandlel’ ithile, lo mhlaba sihlala kuwo sinokuwufanisa neso sixeko sibiyelweyo. Unomlinganiselo othile wamanzi acocekileyo, ibe asinandlela yakukhuphela ngaphandle nakuphi na ukungcola okukuwo. Kodwa esi “sixeko sibiyelweyo,” siyakwazi ukunyamekela iibhiliyoni zezidalwa eziphila kuso, isizukulwana emva kwesinye. Sikwazi njani? Kungenxa yamandla aso amangalisayo okuhlaziya izinto uze uphinde uzisebenzise butsho ubomi buqhubeke.

9 Cinga nje ngomjikelo weoksijini. Iibhiliyoni zezinto eziphilayo zisezela ioksijini zize zikhuphe ikharbon diokside xa ziphefumla. Kuyo yonke loo nto, ioksijini zange khe iphele, ibe nomoya ojikeleze umhlaba awukaze uxakwe bubuninzi “bomoya ongcolileyo,” ikharbon diokside. Kubangelwa yintoni oko? Sincedwa yinkqubo emangalisayo ekuthiwa yiphotosynthesis. Kule nkqubo, izityalo zisezela ikharbon diokside, amanzi, zisebenzise imitha yelanga nezondlo ukuze zivelise icarbohydrates neoksijini. Uthi ke lo mjikelo ukuze uphelele, thina siphefumle ioksijini leyo ikhutshwa zizityalo. UYehova usebenzisa ngokuthe ngqo izityalo azenzileyo ukuze anike “bonke abantu ubomi nempefumlo.” (IZe. 17:25) Abukho ubulumko obungaphezu kobo!

10, 11. Ubulumko bukaYehova bubonakala njani kwibhabhathane imonarch nedragonfly?

10 Ubulumko bukaYehova bubonakala nakubuninzi bezidalwa eziphila kulo mhlaba umangalisayo. Kuqikelelwa ukuba zifikelela kwizigidi ezibini ukusa kwezilikhulu iintlobo zezilwanyana eziphilayo. (Funda iNdumiso 104:24.) Phawula ubulumko bakhe njengoko bubonakala kwindlela aziyile ngayo ezinye zezi zidalwa.

Ubulumko bukaThixo sibubona kwindlela ayile ngayo iliso ledragonfly; lo mfanekiso unwetyiwe (Funda isiqendu 11)

11 Ngokomzekelo, ibhabhathane ekuthiwa yimonarch linobuchopho obuphantse bulingane nentloko yepen yokubhala. Kodwa eli bhabhathane linobuchule bokufudukela kumgama omalunga neekhilomitha eziyi-3 000 lisuka eKhanada liye kwihlathi elithile laseMexico, likhokelwa lilanga. Yintoni elincedayo xa sele ilanga litshonile? UYehova wayila loo ngqondwana yalo ngendlela yokuba likwazi ukulandela ukuhamba kwelanga nokuba sele lisithele esibhakabhakeni. Enye into onokucinga ngayo liliso ledragonfly. Esi sinambuzane sinamehlo amabini antsonkothileyo. Liso ngalinye lineelens ezimalunga ne-30 000. Nakuba kunjalo, ingqondwana yedragonfly iyakwazi ukuva yonke into ebonwa zezi lens nkqu neyona ntshukumo incinane yezinto eziyingqongileyo.

12, 13. Yintoni ekuchukumisayo kwindlela uYehova aziyile ngayo iiseli zomzimba wakho?

12 Enye yezinto ezibalaseleyo yindlela uYehova ayile ngayo iiseli zezinto eziphilayo. Umzimba wakho uyilwe ziiseli ezimalunga nee 100 triliyoni. Kwiseli nganye kukho iDNA (deoxyribonucleic acid). Igcina phantse yonke inkcazelo efunekayo ukwakha umzimba wakho.

13 Ingakanani inkcazelo equlethwe yiDNA? Makhe sithelekise inkcazelo equlathwa yigram yeDNA kunye naleyo ikwiCD. ICD inokugcina yonke inkcazelo yencwadi, ibe oko kuyamangalisa xa ucinga ukuba iCD licwecwana nje elincinane leplastiki. Noko ke, igram nje enye yeDNA inokugcina inkcazelo enokuzalisa iiCD eziyitriliyoni! Singayichaza ngolu hlobo le nto, itispuni nje le DNA linokugcina inkcazelo efunekayo ukwakha abantu abaphindwe kayi-350 kwaba baphila kulo mhlaba namhlanje!

14. Izinto ezifunyaniswe zizazinzulu zikwenza uvakalelwe njani ngoYehova?

14 UKumkani uDavide wachaza inkcazelo efunekayo ukwakha umzimba womntu ngokuba ibhalwe encwadini yokomfuziselo. Ethetha ngoYehova wathi: “Amehlo akho andibona ndiseyimbumba, yaye zonke iinxalenye zam zazibhalwe phantsi encwadini yakho, ngokubhekisele kwiimini ezayilwa ngazo kwakungekabikho nanye phakathi kwazo.” (INdu. 139:16) Kuyabonakala ukuba, uDavide wadumisa uYehova emva kokuqwalasela indlela oyilwe ngayo umzimba wakhe. Izinto ezifunyaniswe zizazinzulu zisenza simoyike ngakumbi uYehova xa siqwalasela imizimba yethu. Ezi zinto zingqinela umdumisi owathi: “Ndiya kukubonga ngenxa yokuba ngendlela eyoyikekayo ndenziwe ngokumangalisayo. Imisebenzi yakho iyamangalisa, njengoko umphefumlo wam uqonda kakuhle.” (INdu. 139:14) Enyanisweni, yintoni ke eyenza abantu bangaboni ukuba indalo ityhila ubukho boThixo ophilayo?

NCEDA ABANYE BAZUKISE UTHIXO OPHILAYO

15, 16. (a) Iincwadi zethu ziye zabanceda njani abantu babuxabisa ngakumbi ubuchule bukaYehova? (b) Liliphi elona nqaku liye lakuchukumisa ngokukhethekileyo kulawo athi “Ngaba Yadalwa?”

15 Sekudlule amashumi eminyaka iphephancwadi uVukani! linceda izigidi zabantu zikuqonde oko kutyhilwa yindalo ngoThixo ophilayo. Ngokomzekelo, ngo-2006 uVukani! kaSeptemba wawunomxholo othi “Ngaba Ukho UMdali Wezi Zinto?” Wawulungiselelwe ukuvula amehlo abo balahlekiswe yingcamango yokuba izinto eziphilayo zazivelela naleyo yokuba zonke zadalwa kwiintsuku ezintandathu zokoqobo. Ethetha ngaloo Vukani! omnye udade wabhalela iofisi yesebe yaseUnited States wathi: “Liye laphumelela gqitha iphulo lokuhambisa lo Vukani! ukhethekileyo. Elinye ibhinqa liye lacela iikopi eziyi-20. Lifundisa ibhayoloji esikolweni ngoko belifuna ukuba bonke abantwana elibafundisayo babe neekopi zabo.” Omnye umzalwana wathi: “Kudala ndishumayela ukususela ekupheleni kweye-1940 yaye ngoku sendiza kugqiba iminyaka eyi-75 ndiphila, kodwa zange khe ndonwaba kangaka entsimini, njengaxa bendihambisa lo Vukani! ukhethekileyo.”

16 Kutshanje, kwinkoliso yooVukani! bekubakho inqaku elithi “Ngaba Yadalwa?” La manqaku mafutshane ebebalaselisa ubungqina bokuba izinto ezikhoyo ziyilwe ngendlela emangalisayo aze abonise iindlela abantu abaye bazama ngazo ukulinganisa uMyili Omkhulu. Ngo-2010 siye safumana nenye incwadana enemifanekiso ethi Ngaba Izinto Eziphilayo Zadalwa? neye yasinceda samzukisa ngakumbi uThixo. Imifanekiso yayo emihle nemizobo ecacisayo ilungiselelwe ukuba sibuxabise ngakumbi ubuchule bukaYehova. Imibuzo esekupheleni kwecandelo ngalinye inceda umfundi acingisise ngenkcazelo agqiba kuyifunda. Ngaba ukhe wayisebenzisa le ncwadana entsimini okanye xa udibana nabantu?

17, 18. (a) Bazali, ningabanceda njani abantwana benu bazithembe ukuba bayakwazi ukulumela ukholo lwabo? (b) Yiyiphi indlela enikhe nazisebenzisa ngayo ezi ncwadana zithetha ngendalo kunqulo lwentsapho?

17 Bazali, ngaba nikhe nayiqwalasela kunye nabantwana bethu le ncwadana inemifanekiso emihle kunqulo lwentsapho yenu? Ukuba niyakwenza oko, niya kubanceda bamxabise uThixo ophilayo. Mhlawumbi abantwana benu baselula yaye bafunda kwizikolo zamabanga aphakamileyo. Ngawona  maxhoba bajolisa kuwo abo bafundisa ubuxoki bokuba izinto eziphilayo zazivelela. Izazinzulu, ootitshala, iifilimu ezibonisa indalo nkqu nezolonwabo kuquka amabali eTV neemovie zikhuthaza obu buxoki njengobuyinyaniso. Ungakwazi ukunceda abantwana bakho bamelane nobo buvuvu ngokufunda nabo enye incwadana enemifanekiso ethi, The Origin of Life—Five Questions Worth Asking, nayo eyakhululwa ngo-2010. Njengaleyo ithi Ngaba Izinto Eziphilayo Zadalwa?, nayo le ikhuthaza abaselula ukuba basebenzise “amandla abo okucinga.” (IMize. 2:10, 11) Ibafundisa indlela yokukhangela ukuze babone enoba kusengqiqweni kusini na oko bakufundiswayo esikolweni.

Bazali, ncedani abantwana benu bakwazi ukumela ukholo lwabo (Funda isiqendu 17)

18 Incwadana ethi Origin of Life ilungiselelwe ukunceda abafundi bazihlolisise iingxelo ezingundaba-mlonyeni zokuba izazinzulu ziye zafumanisa iifosili ezingqina ubunyani bokuba izinto eziphilayo zazivelela. Ikhuthaza abafundi ukuba bazihlolele ngokwabo ubunyani bezo ngxelo zithi umntu wavela ezilwanyaneni. Ibafundisa indlela yokuphendula xa kusithiwa izazinzulu ziyakwazi ukuvelisa ubungqina bokuba izinto eziphilayo zasuka zazivelela nje. Bazali, ukuba niyayisebenzisa le ncwadana niya kukwazi ukunceda abantwana benu bazithembe ukuba bangakwazi ukuphendula abo bafuna izizathu zokuba bakholelwe kuMdali.Funda eyoku-1 kaPetros 3:15.

19. Liliphi ilungelo esinalo sonke?

19 Izinto eziphandwe kakuhle esizifumana kwintlangano kaYehova zisinceda siziqonde kakuhle iimpawu zakhe ezintle kwindalo esingqongileyo. Obu bungqina busenza singakwazi kuzibamba sivakalise uzuko lukaThixo wethu. (INdu. 19:1, 2) Sinelungelo elingathethekiyo lokunika uYehova, uMdali wazo zonke izinto uzuko nembeko emfaneleyo!1 Tim. 1:17.

^ isiqe. 3 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngendlela yokuqiqa nabo baxhasa into yokuba izinto ezikhoyo zadalwa kwiintsuku ezintandathu zokoqobo, funda iphepha 24-28 kwincwadana enemifanekiso ethi Ngaba Izinto Eziphilayo Zadalwa?