Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA UTHIXO UNOMDLA KUWE

UThixo Uyazisondeza Kuwe

UThixo Uyazisondeza Kuwe

“Akukho mntu unako ukuza kum ngaphandle kokuba uBawo, owandithumayo, amtsale”—YOHANE 6:44.

ISIZATHU SOKUBA ABANYE BANGAQINISEKI: Abaninzi abakholelwa kuThixo baziva bengasondelanga kuye. UChristina ibhinqa laseIreland oya ecaweni veki nganye uthi: “Ndimbona njengoThixo odale yonke into, kodwa andimazi. Zange khe ndaziva ndisondele kuye.”

OKO KUFUNDISWA LILIZWI LIKATHIXO: Xa siziva singamalolo, uYehova akadinwa kukusinceda. UYesu wabonisa indlela uThixo asinceda ngayo ngokuthi: “Ukuba umntu unezimvu ezilikhulu ize enye yazo ibhadule, akayi kuzishiya ezintabeni na ezingamashumi asithoba anesithoba aze anduluke aye kufuna leyo ibhadulayo?” Yintoni ke esiyifundayo apha? “Kwangokunjalo naye uBawo osezulwini akanqweneli ukuba kutshabalale namnye waba bancinane.”—Mateyu 18:12-14.

Wonke ‘ubani waba bancinane’ uxabisekile kuThixo. UThixo ‘umbona njani umntu obhadulayo?’ Njengoko isibhalo esicatshulwe ekuqaleni sibonisa, uYehova ubatsalela kuye abantu.

Ngoobani namhlanje abaya emakhayeni abantu nakwiindawo zikawonke-wonke ukuze babelane nabantu ngesigidimi seBhayibhile esingoThixo?

Jonga nje indlela uThixo awenza ngayo ukuze atsale abantu. Ngemihla yokubhalwa kweBhayibhile, uThixo wathumela umKristu onguFilipu ukuba aye kudibana negosa laseTiyopiya ukuze acacisele eli gosa intsingiselo yesi sibhalo esasifundwa leli gosa. (IZenzo 8:26-39) Kamva, uThixo wayalela umpostile uPetros ukuba aye kwigosa laseRoma elinguKorneli, elalithandaza yaye lizama ukunqula uThixo. (IZenzo 10:1-48) UThixo waphinda wakhokela umpostile uPawulos nabo wayekunye nabo ukuya kumlambo ongaphandle kwesixeko saseFilipi. Apho badibana ‘nomnquli kaThixo’ ogama linguLidiya kwaye “uYehova wayivula yabanzi intliziyo yakhe ukuze anikele ingqalelo.”—IZenzo 16:9-15.

Sihlandlo ngasinye, uYehova wayeqiniseka ukuba abo bamfunayo bayalifumana ithuba lokumazi. Ngoobani namhlanje abaya emakhayeni abantu nakwiindawo zikawonke-wonke ukuze babelane nabantu ngesigidimi seBhayibhile esingoThixo? Abaninzi bangathi, “ngamaNgqina kaYehova.” Khawuzibuze, ‘Ngaba mhlawumbi uThixo usebenzisa wona ukuze afike nakum?’ Siyakucela ukuba uthandaze kuThixo ukuze akuncede uyikhathalele imizamo yakhe yokukusondeza kuye. *

^ isiqe. 8 Ngolwazi olungakumbi, bukela ividiyo ethi Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile? kwi-www.dan124.com/xh.