Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IIMBALASANE ZONYAKA ODLULILEYO

Kunikezelwa Isebe LaseSri Lanka

Kunikezelwa Isebe LaseSri Lanka

ABAZALWANA noodade baseSri Lanka abanxibe isinxibo selo bamkela ngobubele iindwendwe eziyi-130, ezivela kumazwe ayi-19, ezize kunikezela isebe kwesi siqithi sihle. Abantwana bacula iingoma zoBukumkani, yaye bonke abo bantu babuka imifanekiso emihle yezithethe zalapho, banandipha ukutya kwasekuhlaleni okumuncis’ iintupha, umculo omyoli nencoko emnandi.

NgoMgqibelo kaJanuwari 11, 2014 izakhiwo zesebe ezazisandul’ ukwakhiwa nezo zazisandul’ ukulungiswa zanikezelwa kuYehova. Bayi-893 abantu ababephulaphule ucwangciso obeluqhutywa ngeelwimi ezintathu. Baqhwaba izandla kangangethutyana xa uMark Sanderson weQumrhu Elilawulayo wababuza oku: “Niyafuna ukunikezela ezi zakhiwo kuYehova uThixo?”

Kusuku olulandelayo abantu abayi-7 701 baye bakuvuyela ukubukela ucwangciso lwangoMgqibelo nolwalunentetho ekhuthazayo kaMzalwan’ uSanderson. Nabanye abakwindawo ezintlanu kwesi siqithi babebukele. Kwakukokokuqala ukuba abazalwana abakwiindawo ezahlukahlukeneyo kwesi siqithi bakwazi ukubonana nokuvana xa becula iingoma zoBukumkani besebenzisa ividiyo. Ngokwenene, eso sihlandlo sabangela ‘uvuyo olukhulu.’—Neh. 12:43.