Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKUSHUMAYELA NOKUFUNDISA EHLABATHINI LONKE

Amazwe AseMerika

Amazwe AseMerika
  • AMAZWE 57

  • ABEMI 980 780 095

  • ABAVAKALISI 4 034 693

  • IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE 4 339 285

Iinkedama Ziya Ezintlanganisweni

UAngela, ohlala eSuriname, waya kwikhaya leenkedama elikufuphi nalapho ahlala khona. Umphathi welo khaya yayingudade opholileyo, ngoko wamnika imvume yokushumayela kwezo nkedama. UAngela wathetha nabantwana abayi-85 waza wababonisa iividiyo ezikwi-jw.org. Ekuhambeni kwexesha, waqhubela abaninzi babo izifundo. Oovulindlela ababini nabo beza, elowo eneqela lakhe. Lo dade upholileyo wathi ubafundise iingoma zoBukumkani yaye ubebafundela namabali eBhayibhile ebusuku. Wathi uyafuna ukuya ezintlanganisweni kodwa akanakubashiya bodwa aba bantwana. Ngoko kwenziwa amalungiselelo okuba bonke beze eHolweni yoBukumkani. Ekubeni ikhaya abahlala kulo lalikufutshane neHolo yoBukumkani, abazalwana beza kubalanda. Ngoku lo dade kunye nabo bonke abo bantwana baya rhoqo ezintlanganisweni.

UGabriel Uncede Utatomkhulu Wakhe

EParaguay: UGabriel uthetha noyisemkhulu

Endleleni ebuya kwindibano eyayiseParaguay, uGabriel oneminyaka emithandathu wacingisisa ngendlela ekubaluleke ngayo ukushumayela ngoBukumkani. Wacinga ngomntu amthanda kunene afuna ukuba naye eParadesi—utatomkhulu wakhe. Kodwa uyisemkhulu akazange khe abe nomdla enyanisweni ibe wayeyichasa inkosikazi yakhe nabantwana babo ababengamaNgqina.

Kanye ngolo suku, uGabriel wacela kubazali bakhe ukufowunela utamkhulu nomakhulu wakhe ababehlala eArgentina ngezi fowuni zale mihla ezikwenza umbone umntu othetha naye. UGabriel waxelela uyisemkhulu isizathu sokuba kubalulekile ukufunda iBhayibhile waza engagwegwelezi wambuza wathi, “Tatomkhulu, uyafuna ndikufundise iBhayibhile?” Uyisemkhulu wavuma. UGabriel wathi baza kufunda incwadana ethi Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade. Kwiinyanga ezimbalwa ezalandelayo, babefunda le ncwadana. Ekubeni bobabini babengafundi ngokutyibilikayo, umntu wayeqala alungiselele. Suku ngalunye xa beza kufunda, uGabriel wayelungiselela indawo abaza kuyifunda aze anxibe kakuhle, ihempe neqhina.

Ekuhambeni kwexesha utatomkhulu nomakhulu kaGabriel batyelela kowabo baza bahlala iiveki ezimbalwa. Ngoxa babelapho, notatomkhulu wayesiya eHolweni. Xa bebuyela eArgentina, utatomkhulu waqhubeka efundelwa ngumzalwana walapho waza waba ngumvakalisi ongabhaptizwanga. Sithetha nje, umakhulu notatomkhulu kaGabriel bathandaza kunye yonke imihla. Kanti nenkwenkwana uGabriel, iqhuba kakuhle kakhulu. Nayo ngoku ingumvakalisi ongabhaptizwanga. Ngoku utatomkhulu uthi ufuna ukubhaptizwa.

“Ufike Ngelona Xesha”

EBrazil, ngoxa wayehambisa iphecana elithi Ngaba Abafi Bangaphinda Baphile Kwakhona?, uJennifer wankqonkqoza ekhayeni lelinye ibhinqa elalingxamele ukuya emngcwabeni womhlobo walo osenyongweni. UJennifer walixelela ukuba, ngokungathi ebesazi, ufuna ukulinika iphecana elithetha ngethemba lokubona abafileyo esibathandayo bephila kwakhona. Eli bhinqa lakha lawujonga limangalisiwe lo mxholo, laza lalithatha. Xa uJennifer walibuza ukuba angalinika na amanye amaphecana ukuze linike loo ntsapho ifelweyo, lathi yhaaz unyanisile, laza lacela amaphecana asithoba.

Xa uJennifer wabuyela kwelo binqa lathi: “Ngala mini ubulapha, ndaqonda ukuba ngokwenene uthunywe nguThixo ukuze uze kundithuthuzela, kuba bendifuna loo nto kanye.” Lawahambisa onke loo maphecana. Ilungu lentsapho elaliqhuba umngcwabo, lalifundela abantu bonke. Wonk’ umntu walithanda waza wabulela eli bhinqa ngamazwi athuthuzelayo akulo. Eli bhinqa lavuma ukuqhutyelwa isifundo.

Ukushumayela KwiTap-Tap

Amalungu amathathu aseBheteli eHaiti ayehamba ngeteksi enemibalabala ebizwa ngokuba yitap-tap. Kwiiyure ezimbini ezinesiqingatha ekuloo teksi, ayeshumayeza abo bantu ayekhwele nabo ngethemba loBukumkani, aza ahambisa iimagazini eziyi-50 namaphecana ayi-30. Omnye wawo, ogama linguGurvitch, wafundela omnye owayekhwele apho uVukani! Umfana owayephulaphule ogama linguPépé wangenelela kuloo ngxubusho. Wacela ukufundelwa iBhayibhile, yaye kwathi kanti uhlala kwintsimi yebandla likaGurvitch. Ukususela ngoJanuwari 2014, xa kwakuqala ukudityanwa naye, uPépé uya kuzo zonke iintlanganiso neendibano. Uncokola nabanye ngenyaniso asandul’ ukuyifumana yaye unethemba lokuba uza kukhawuleza abe ngumvakalisi ongabhaptizwanga.