Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 16

Wayesenza Ntoni UYesu Xa Wayelapha Emhlabeni?

Wayesenza Ntoni UYesu Xa Wayelapha Emhlabeni?

Xa abantu abaninzi becinga ngoYesu, bacinga ngosana, umprofeti olumkileyo okanye ngokufa kwakhe. Kodwa ngaba zikhona izinto esinokuzifunda kuye xa siqwalasela ubomi bakhe balapha emhlabeni? Kwesi sifundo, siza kuthetha ngezinye izinto ezibalulekileyo ezazisenziwa nguYesu nendlela ezinokukunceda ngayo.

1. Ngowuphi owona msebenzi ubalulekileyo owawusenziwa nguYesu?

Owona msebenzi ubalulekileyo owawusenziwa nguYesu ‘kukushumayela iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani bukaThixo.’ (Funda uLuka 4:43.) Wayeshumayela iindaba ezilungileyo zokuba uThixo uza kuzisa ubukumkani okanye urhulumente oza kulungisa zonke iingxaki zabantu. a Kangangeminyaka emithathu enehafu, uYesu wayengadinwa, exelela abantu lo myalezo ukhuthazayo.​—Mateyu 9:35.

2. Kwakutheni ukuze uYesu enze imimangaliso?

IBhayibhile ithetha kakhulu ‘ngemisebenzi emikhulu nemimangaliso awayeyenza uYesu ethunywe’ nguThixo. (IZenzo 2:22) UThixo wanika uYesu amandla okulawula imozulu, okondla abantu abaninzi kakhulu, okuphilisa abagulayo nokuvusa abantu abaswelekileyo. (Mateyu 8:23-27; 14:15-21; Marko 6:56; Luka 7:11-17) Imimangaliso awayeyenza yenza kwacaca ukuba wayethunywe nguThixo. Yabonisa nokuba uYehova unawo amandla okulungisa zonke iingxaki zethu.

3. Sifunda ntoni kwindlela uYesu awayephila ngayo?

UYesu wayethobela uYehova kuzo zonke izinto. (Funda uYohane 8:29.) Wazenza zonke izinto uTata wakhe awathi makazenze ubomi bakhe bonke, ngoku kwakukho abantu ababezama ukumyekisa. Wenza kwacaca ukuba abantu bangamkhonza uThixo nokuba sekunzima kangakanani. Ngenxa yaloo nto, uYesu wasishiya ‘nomzekelo esimele sizame ngandlela zonke ukuwulandela.’​—1 Petros 2:21.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda ngendlela uYesu awayebaxelela ngayo abantu iindaba ezilungileyo nawayeyenza ngayo imimangaliso.

4. UYesu waxelela abantu iindaba ezilungileyo

UYesu wayehamba iikhilomitha ezininzi kakhulu kwiindlela ezinothuli exelela abantu abaninzi iindaba ezilungileyo. Funda uLuka 8:1, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Ngaba uYesu wayeshumayela kubantu ababesiza kuye bezokummamela qha?

  • Ziintoni awayezenza uYesu ukuze afumane abantu?

UThixo wachaza kwakudala ukuba uMesiya wayeza kuxelela abantu iindaba ezilungileyo. Funda uIsaya 61:1, 2, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Ziintoni awazenzayo uYesu ukuze yenzeke into eyayichazwe kwakudala?

  • Ucinga ukuba abantu namhlanje bayazidinga ezi ndaba zilungileyo?

5. Wafundisa izifundo ezibalulekileyo

UYesu akazange aphelele nje ekushumayeleni iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani BukaThixo, kodwa wafundisa nezifundo ezinokusinceda. Khawucinge ngemizekelo embalwa ekwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni. Funda uMateyu 6:14, 34, no-7:12, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Ngawaphi amacebiso uYesu awawanika abantu akwezi vesi?

  • Ucinga ukuba la macebiso anokubanceda abantu namhlanje?

6. UYesu wayesenza imimangaliso

UYehova wanika uYesu amandla okwenza imimangaliso emininzi. Ukuze ubone omnye umzekelo, funda uMarko 5:25-34 okanye udlale IVIDIYO. Emva koko, nincokole ngale mibuzo.

  • Kule vidiyo, yintoni elaliyikholelwa ibhinqa eligulayo?

  • Yintoni oyithandileyo ngalo mmangaliso?

Funda uYohane 5:36, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Imimangaliso eyayisenziwa nguYesu ‘yangqina’ ntoni ngaye?

Ngaba ubuyazi?

Izinto ezininzi esizaziyo ngoYesu zivela kwiincwadi ezine ekuthiwa ziincwadi zeVangeli, uMateyu, uMarko, uLuka noYohane. Bonke aba babhali bezi ncwadi babhala iinkcukacha ezahlukeneyo ngoYesu. Zonke ezi nkcukacha ziyadibana kuze kube ngathi sibona umfanekiso omangalisayo wobomi bukaYesu.

  • UMATEYU

    wayibhala kuqala incwadi yakhe. Le ncwadi isixelela izinto ezininzi uYesu awayezifundisa. Eyona nto isixelela kakhulu ngayo kukufundisa kukaYesu ngoBukumkani BukaThixo.

  • UMARKO

    wabhala eyona ncwadi imfutshane. Isixelela ngezinto ezininzi ezazisenzeka ezibangela umdla.

  • ULUKA

    usixelela indlela ekwakubaluleke ngayo kuYesu ukuthandaza nendlela awayewaphatha kakuhle ngayo amabhinqa.

  • UYOHANE

    usixelela izinto ezininzi uYesu awayezithetha nabahlobo bakhe abasondeleyo kunye nabanye abantu. Le nto isinceda sibone ukuba wayengumntu onjani.

ABANYE ABANTU BATHI: “UYesu wayeyindoda elungileyo, kodwa wayengengoMesiya.”

  • Ucinga ntoni wena?

UFUNDE NTONI?

UYesu wayeshumayela ngoBukumkani BukaThixo, esenza imimangaliso, ibe emthobela kuzo zonke izinto uYehova.

Khawutsho

  • Ngowuphi owona msebenzi ubalulekileyo owawusenziwa nguYesu xa wayelapha emhlabeni?

  • Imimangaliso eyayisenziwa nguYesu ingqina ntoni?

  • Zeziphi izinto ezinokusinceda ezafundiswa nguYesu?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Funda ukuba kutheni sinokukholelwa ukuba uYesu wayenza nyhani imimangaliso.

“Imimangaliso KaYesu​—Unokufunda Ntoni Kuyo?” (IMboniselo, Julayi 15, 2004)

Funda indlela enye indoda eyabutshintsha ngayo ubomi bayo xa yafunda indlela uYesu abakhathalele ngayo abantu.

“Ndandicinga Ngesiqu Sam Kuphela” (IMboniselo, Oktobha 1, 2014)

a Isifundo 31-33 siza kubuchaza kakuhle uBukumkani BukaThixo.