Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISihlomelo

ISihlomelo
  1.  Izinto Ezisinceda Sazi IBhabhiloni Enkulu

  2.  UMesiya Wayeza Kufika Nini Apha Emhlabeni?

  3.  Iindlela Zokunyangwa Ezidibene Negazi

  4.  Ukohlukana Kwabantu Abatshatileyo

  5.  Iiholide Nezinto Ezibhiyozelwayo

  6.  Izifo Ezosulelayo

  7.  Izinto Zomthetho Namashishini

 1. Izinto Ezisinceda Sazi IBhabhiloni Enkulu

Sazi njani ukuba “iBhabhiloni Enkulu” imela zonke iinkonzo zobuxoki? (ISityhilelo 17:5) Khawujonge ezi zizathu:

  • Ikho emhlabeni wonke. IBhabhiloni Enkulu kuthiwa ihleli ‘kwizihlwele neentlanga.’ ‘Inobukumkani obulawula ookumkani bomhlaba.’​—ISityhilelo 17:15, 18.

  • Ayinamashishini okanye umbutho wepolitiki. “Ookumkani bomhlaba” ‘noosomashishini’ bayasinda xa itshatyalaliswa.​—ISityhilelo 18:9, 15.

  • Ingcolisa igama likaThixo. Lo mfazi ubizwa ngokuba yiBhabhiloni Enkulu kuthiwa uthengisa ngomzimba, kuba usebenzisana noorhulumente ukuze afumane imali okanye ezinye izinto. (ISityhilelo 17:1, 2) Ulahlekisa abantu bazo zonke iintlanga. Nguye nobangela kusweleke abantu abaninzi.​—ISityhilelo 18:23, 24.

Buyela kwisifundo 13, ku-6

 2. UMesiya Wayeza Kufika Nini Apha Emhlabeni?

IBhayibhile yachaza kwakudala ukuba uMesiya wayeza kufika xa kuphela iiveki eziyi-69.​—Funda uDaniyeli 9:25.

  • Zaqala nini ezi veki ziyi-69? Ngo-455 B.C.E. Ngelo xesha, uMlawuli uNehemiya wafika eYerusalem ezokuphinda ‘alungise aze akhe’ isixeko.​—Daniyeli 9:25; Nehemiya 2:1, 5-8.

  • Iiveki eziyi-69 zathatha ixesha elingakanani? Kwezinye iziprofeto eziseBhayibhileni, usuku lumela unyaka. (Numeri 14:34; Hezekile 4:6) Xa kunjalo, iveki imela oonyaka abayi-7. Kwesi siprofeto, iiveki eziyi-69 yiminyaka eyi-483 (iiveki eziyi-69 x iintsuku eziyi-7).

  • Iiveki eziyi-69 zaphela nini? Xa sibala iminyaka eyi-483 ukususela ngo-455 B.C.E., isifikisa kunyaka we-29 C.E. a Lo, ngunyaka uYesu awabhaptizwa ngawo waza wanguMesiya!—Luka 3:1, 2, 21, 22.

Buyela kwisifundo 15, ku-5

 3. Iindlela Zokunyangwa Ezidibene Negazi

Kukho ezinye iindlela zokunyangwa eziye zifune ukuba kusetyenziswe igazi laloo mntu unyangwayo. Ngokomzekelo, abanye abantu banikela ngegazi labo, okanye ligcinwe kuba besithi baza kulisebenzisa xa benyangwa. Kodwa amaKristu akavumelekanga ukuba azenze ezo zinto.​—Duteronomi 15:23.

Kodwa ke, zikhona ezinye iindlela zonyango ezisenokwamkeleka. Nazi ezinye zazo: Kukuhlolwa kwegazi. Ukucocwa kwegazi ekuthiwa yihemodialysis. Ihemodilution egcina igazi. Ukusetyenziswa kwecell-salvage eyonga igazi ngokuliqokelela enxebeni, lihlanjwe okanye lihluzwe liphinde libuyiselwe. Okanye iheart-lung bypass machine encedisa ekuhambiseni igazi. UmKristu kufuneka azikhethele ngokwakhe ukuba ufuna kwenziwe ntoni ngegazi lakhe xa enyangwa ngezi ndlela. Oogqirha basenokungazenzi ngendlela efana ncam ezi ndlela zokunyanga. Ngoko, ngaphambi kokuba umKristu avume ukunyangwa ngendlela ethile, kufuneka aqonde kakuhle ukuba loo gqirha uza kulenza ntoni igazi lakhe. Khawucinge ngale mibuzo:

  • Ndiza kuthini ukuba igazi lam liyakhutshwa emzimbeni wam lize lingahambi kuwo okwexeshana? Ngaba isazela sam singandivumela ukuba ndithi elo gazi iselelam okanye lifanele ‘lichithwe emhlabeni’?​—Duteronomi 12:23, 24.

  • Ndiza kuthini ukuba xa ndinyangwa, igazi lam liyakhutshwa, litshintshwe lize libuyiselwe emzimbeni wam? Ngaba loo nto ingayingxaki kwisazela sam esiqeqeshwe yiBhayibhile okanye ndingavuma ukuba yenziwe loo nto?

Buyela kwisifundo 39, ku-3

 4. Ukohlukana Kwabantu Abatshatileyo

IBhayibhile ithi umyeni nomfazi wakhe abafanele bohlukane, ibe yenza kucace ukuba xa bohlukene, abanakukwazi ukutshata abanye abantu. (1 Korinte 7:10, 11) Kodwa ke, kukho ezinye iimeko ezenza amaKristu acinge ngokwahlukana.

  • Xa umyeni engayondli ngabom intsapho yakhe: Umyeni akafuni kuyondla intsapho yakhe, ide loo ntsapho ingabi nazo nezona zinto izidingayo ukuze ikwazi ukuphila.​—1 Timoti 5:8.

  • Ukuxhatshazwa ngokubethwa emzimbeni: Loo nto inokwenza umntu ophethwe kakubi abe neengxaki zempilo okanye ubomi bakhe bube sengozini.​—Galati 5:19-21.

  • Xa umntu otshate naye engakuvumeli ukuba ube ngumhlobo kaYehova: Umntu otshate naye wenza ungakwazi tu ukukhonza uYehova.​—IZenzo 5:29.

Buyela kwisifundo 42, ku-3

 5. Iiholide Nezinto Ezibhiyozelwayo

Abazalwana noodade abazenzi iiholide angazifuniyo uYehova. Kodwa umKristu ufanele asebenzise isazela sakhe esiqeqeshwe yiBhayibhile, ukuze agqibe ukuba uza kuthini xa abanye bezibhiyozela. Khawujonge le mizekelo.

  • Xa umntu ekubulisa ngendlela ekubuliswana ngayo ngaloo holide. Usenokuvele uthi, “Enkosi.” Ukuba loo mntu usafuna ukwazi ezinye izinto, ungamcacisela ukuba kutheni ungayibhiyozeli loo holide.

  • Xa umntu otshate naye ongeloNgqina, ekumema ukuba niyokutya nabantu enizalana nabo ngaloo holide. Ukuba isazela sakho siyakuvumela ukuba uhambe naye, ungamcacisela kwangaphambili ukuba xa kusenziwa amasiko, wena awuzukuwenza.

  • Xa umqeshi wakho ekunika ibhonasi ngexesha leholide. Ngaba umele ungayithathi? Kuyaxhomekeka. Ngaba umqeshi wakho ukunika loo bhonasi njengesipho sokubhiyozela iholide, okanye ukunika kuba ekubulela ngomsebenzi wakho omhle?

  • Xa umntu ekunika isipho ngexesha leholide. Loo mntu xa ekupha, unokuthi: “Ndiyazi ukuba awuyibhiyozeli le holide, kodwa ndicela ukukupha le nto.” Mhlawumbi loo mntu ubonisa nje ububele. Okanye, ngaba sikhona isizathu sokuba ucinge ukuba uvavanya ukholo lwakho, okanye uzama ukukwenza ukuba ubhiyozele loo holide? Emva kokucinga ngalo mbuzo, ungazikhethela ukuba uza kusithatha na eso sipho. Kuzo zonke izigqibo esizenzayo, sifuna ukuba nesazela esikhululekileyo phambi koYehova size sinyaniseke kuye.​—IZenzo 23:1.

Buyela kwisifundo 44, ku-1

 6. Izifo Ezosulelayo

Kuba sibathanda abantu, asifuni kubosulela ngezifo. Ukuba sinesifo esosulelayo okanye sicinga ukuba sinaso, sifanele silumke singabosuleli abanye. Le nto siyenza kuba iBhayibhile ithi: “Umele umthande ummelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo nawe.”​—Roma 13:8-10.

Umntu onesifo esosulelayo angabonisa njani ukuba uyabathanda abanye? Akamele azame ukubonisa uthando ngokwenza izinto ezifana nokuhaga okanye ukuphuza abanye. Akamele acaphuke naxa abanye bengammemi emakhayeni abo kuba befuna ukukhusela iintsapho zabo. Ibe ngaphambi kokuba abhaptizwe, ufanele axelele umnxibelelanisi wequmrhu labadala ngesifo sakhe ukuze abhaptizwe ngendlela engazukwenza abanye bosuleleke. Ngaphambi kokuba aqalise ukuthandana, umntu ekusenokwenzeka ukuba unesifo esosulelayo ufanele ayohlola igazi lakhe. Xa esenza ezi zinto, ubonisa ukuba ubakhathalele abantu kuba ‘akacingeli siqu sakhe kodwa ucingela nabanye.’​—Filipi 2:4.

Buyela kwisifundo 56, ku-2

 7. Izinto Zomthetho Namashishini

Iingxaki ezininzi singakwazi ukuziphepha, xa sinokuzibhala phantsi izinto esivumelana ngazo ngemali okanye izinto zamashishini, nokuba eso sivumelwano sisenza nomKristu. (Yeremiya 32:9-12) Kodwa amaKristu asenokungavumelani kwizinto ezidibene nemali okanye ezinye izinto. Abo bantu bangavumelaniyo bafanele bazame ukuzilungisa bodwa futhi ngokukhawuleza ezo ngxaki, kungabikho ngxabano.

Sifanele sizilungise njani izinto ezinkulu, ezifana nobutsotsi nokungcoliswa kwamagama abantu? (Funda uMateyu 18:15-17.) UYesu wasixelela izinto ezintathu esinokuzenza:

  1. Zama ukulungisa loo ngxaki naloo mntu kuphela.​—Jonga ivesi 15.

  2. Ukuba akukho nto ilungayo, cela umntu omnye okanye ababini abathanda uYehova nabanamava, ukuba bahambe nawe.​—Jonga ivesi 16.

  3. Ukuba nangoku ayide ilunge loo ngxaki, ungaya kubadala.​—Jonga ivesi 17.

Kwizinto ezininzi, asimele simangalele umzalwana okanye udade enkundleni, kuba loo nto inokwenza abantu bathethe kakubi ngoYehova nebandla. (1 Korinte 6:1-8) Kodwa ke, zikhona izinto ezidinga ukulungiswa enkundleni. Njengedivosi, ukufumana ilungelo lokukhulisa umntana, ukwenza izigqibo ngemali yokukhulisa umntana, imali yeinshorensi, ukubhalwa kwabantu abanamatyala, naxa kusabiwa ilifa. UmKristu ozama ukulungisa izinto ezifana nezi enkundleni ngoxolo, akunakuthiwa akalithobeli icebiso leBhayibhile.

Xa kwenziwe into eyaphula umthetho, njengokudlwengula, ukuphathwa kakubi kwabantwana, ukubethwa, ubusela, okanye kubulewe umntu; umKristu omangalela enye yezo zinto akunakuthiwa akalithobeli icebiso leBhayibhile.

Buyela kwisifundo 56, ku-3

a Unyaka olandelayo emva ko-455 B.C.E. ngunyaka we-454. Ukususela ku-1 B.C.E. ukuya ku-1 C.E. ngunyaka omnye (kwakungekho nyaka phakathi kuka-1 B.C. E no-1 C.E). U-1 C.E. ukuya ku-29 C.E. kuthatha iminyaka eyi-28. Le nto isinika iminyaka eyi-483.