Yiya kwinkcazelo

Ukuthembeka Phantsi Kwentshutshiso

Jonga indlela iLizwi likaThixo eliwanceda ngayo amaNgqina KaYehova akwazi ukunyamezela xa etshutshiswa ngenxa yokholo lwawo.

Babenophawu Elingunxantathu Opepuli

Kutheni ngoku ootitshala beqiniseka ukuba bayawabala amaNgqina KaYehova xa bethetha ngabantu abaphathwa kakubi ngamaNazi kwiinkampu zoxinaniso?

Soze Siluyeke Ukholo Esinalo

UDaniel Lokollo ukhumbula indlela awatshutshiswa ngayo ngunogada wentolongo.

Abazange Boyike Ngokoyikiswa

Bathini abantu ngokutshutshiswa kwamaNgqina KaYehova eGeorgia?

Ndandizimisele Ukuba Lijoni LikaKristu

UDemetrius Psarras wavalelwa kuba engafuni kulwa. Sekunjalo waqhubeka emzukisa uThixo, nakuba waba neengxaki.

Wayithanda IBhayibhile Ngenxa Yendlela Amabanjwa AngamaNgqina Ayeziphethe Ngayo

Ngoku yayisejele e-Eritrea, yabona ukuba amaNgqina ayazenza izinto azifundisayo.

Ndandithandaza Ndikumthi Wom-Oki

Utata kaRachel wayezama ukumenza ayeke ukukhonza uYehova ngokuthembisa ukumthengela izinto ambethe nangamanqindi. Ukuthandaza kumthi wom-oki kwamnceda njani wahlala ethembekile kwaye omelele?

Wayezimisele ukufundisa iintombi zakhe ezimbini iBhayibhile

Omnye umama wafundisa iintombi zakhe iBhayibhile ngendlela engaqhelekanga.

Abazange Baphindise Kumfundisi Owayenomsindo

Ibhayibhile isikhuthaza ukuba sihlale sizolile naxa sicatshukiswa. Iyanceda loo nto?

UBukumkani Abulophupha Njee Kum

UEfraín De La Cruz wayebanjiwe waza wabethwa ngenkohlakalo kwiintolongo ezisixhenxe ngenxa yokushumayela iindaba ezilungileyo. Yintoni eye yamnceda wakwazi ukunyamezela ekukhonzeni uYehova iminyaka engaphezu kweyi-60?

Uvulindlela Ongoyiki Ngokoyikiswa

Kwiminyaka eyi-60 enguvulindlela, uAndré Elias akazange ayilahle ingqibelelo yakhe nakuba wayephekw’ esophulwa ngemibuzo yaye esoyikiswa.