Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

EINDONESIA

Uvulindlela Ongoyiki Ngokoyikiswa

UAndré Elias

Uvulindlela Ongoyiki Ngokoyikiswa
  • WAZALWA Ngo-1915

  • WABHAPTIZWA Ngo-1940

  • IBALI LOBOMI Uvulindlela ongoyiki ngokoyikiswa nowama eqinile xa wayephekw’ esophulwa ngemibuzo yaye esoyikiswa.

NGEMFAZWE YEHLABATHI II, uMzalwana uElias nomkakhe, uJosephine, bavela phambi kwabasemagunyeni eSukabumi, kwiNtshona yeJava, kwikomkhulu lomkhosi owoyikwayo waseJapan, iKempeitai. Kwaqala kwabuzwa uAndré. Wayephekwa esophulwa ngemibuzo emininzi enzima. “Angoobani amaNgqina kaYehova? Niyamchasa urhulumente waseJapan? Niziimpimpi?”

UAndré waphendula wathi: “Sikhonza uThixo uSomandla ibe akukho nto imbi siyenzileyo.” Ingqwayingqwayi yathi hlasi ikrele elaliseludongeni yaliphakamisela phezulu.

Yathi: “Ungathini ukuba ndinokukubulala ngoku?” Elungele ukufa, uAndré wabeka intloko yakhe phezu kwetafile waza wathandazela ngaphakathi. Emva kokuthi cwaka ixesha elide, yahleka le ngqwayingqwayi, yathi: “Unesibindi!” Emva koko yabiza uJosephine. Xa wathetha into efana neka-André, yathi: “Anizompimpi. Phuman’ apha!”

Kwiinyanga eziliqela kamva, uAndré watyholwa ‘ngabazalwana bobuxoki’ waza wavalelwa. (2 Kor. 11:26) Kwaqengqeleka iinyanga esitya iimvuthuluka azichola kwimibhobho yamanzi amdaka esisele sakhe. Nakuba kunjalo, akazange ayeke ukukhonza uThixo. Xa wayetyelelwe nguJosephine, wamsebezela phakathi kwezo ntsimbi zentolongo wathi: “Sukuba naxhala. Enokuba bayandibulala okanye bayandikhulula, ndiza kuhlala ndithembekile kuYehova. Baya kundikhupha apha ndisisidumbu, hayi umngcatshi.”

Emva kokuvalelwa iinyanga ezintandathu, uAndré wazithethelela phambi kweNkundla Ephakamileyo yaseJakarta waza wakhululwa.

Kwiminyaka eyi-30 kamva, xa urhulumente waseIndonesia waphinda wawuvala umsebenzi wamaNgqina kaYehova, umtshutshisi waseManado, kuMantla weSulawesi, wabizela uAndré eofisini yakhe. Wathi: “Uyayazi ukuba umsebenzi wamaNgqina kaYehova uvaliwe?”

Waphendula wathi: “Ewe.”

Umtshuthisi wabuza: “Ukulungele ngoku ukutshintsha unqulo lwakho?”

UAndré wasondela kumtshutshisi waza wazingomba isifuba esithi: “Ningayikhupha intliziyo yam emzimbeni wam, kodwa soze nindenze nditshintshe unqulo lwam.”

Umtshutshisi wamkhulula uAndré ibe akazange aphinde amhluphe.

Ngo-2000, uAndré wasweleka eneminyaka eyi-85, emva kokuba nguvulindlela onenzondelelo iminyaka emalunga neyi-60.