Yiya kwinkcazelo

Kutheni AmaNgqina KaYehova Engaphenduli Kuzo Zonke Izityholo Abekwa Zona?

Kutheni AmaNgqina KaYehova Engaphenduli Kuzo Zonke Izityholo Abekwa Zona?

AmaNgqina KaYehova athobela icebiso leBhayibhile lokungaziphenduli zonke izityholo zabantu abachasayo. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi: “Olungisa umgculeli uzizisela ihlazo.” (IMizekeliso 9:​7, 8; 26:4) Kunokuba sibe sixoxa nabantu abasityhola ngobuxoki, eyona nto ibalulekileyo kuthi kukukholisa uThixo.​—INdumiso 119:69.

Ewe kona, “kukho ixesha lokuthi cwaka nexesha lokuthetha.” (INtshumayeli 3:7) Siyabaphendula abo bafuna ukuyazi iBhayibhile, kodwa siyakuphepha ukuxoxa izinto ezingenamsebenzi. Ngaloo ndlela sithobela iimfundiso nomzekelo kaYesu nowamaKristu okuqala.

  • UYesu akazange aphendule kwizityholo zobuxoki awatyabekwa zona phambi koPilato. (Mateyu 27:11-​14; 1 Petros 2:​21-​23) Kwakhona, uYesu akazange aphendule kwizityholo zokuba ulinxila nedlakudla. Kunoko, izenzo zakhe zangqinelana nalo myalelo: “Ubulumko bungqineka bububulungisa ngemisebenzi yabo.” (Mateyu 11:19) Kodwa ke, xa kunyanzelekile wayebaphendula ngesibindi abo babethetha kakubi ngaye.​—Mateyu 15:​1-3; Marko 3:​22-​30.

    UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bangatyhafiswa zizityholo zobuxoki. Wathi: “Ninoyolo nina xa abantu beningcikiva, benitshutshisa, bethetha ngani lonke uhlobo lwento engendawo bexoka, ngenxa yam.” (Mateyu 5:​11, 12) Kwakhona, uYesu wathi xa izityholo zivulela abalandeli bakhe ithuba lokushumayela, wayeza kuzalisekisa esi sithembiso: “Ndiza kuninika umlomo nobulumko, obo xa bebonke abachasi benu bangayi kukwazi ukubuchasa okanye ukubuphikisa.”​—Luka 21:12-​15.

  • Umpostile uPawulos wawalumkisa amaKristu ukuba aphephe ukuphikisana nabachasi ngezinto ezingenamsebenzi, esithi ezi mpikiswano ‘zingamampunge yaye ziphuthile.’​—Tito 3:9; Roma 16:17, 18..

  • Umpostile uPetros wakhuthaza amaKristu ukuba alumele ukholo lwawo xa kunyanzelekile. (1 Petros 3:​15) Kodwa watsho ukuba eyona ndlela yokuyenza le nto idla ngokuba kukuyenza kunokuyithetha. Wabhala wathi: “Ngokwenza kwenu okulungileyo, nibavale umlomo abo bathetha ngokungenangqiqo nangokungazi.”​—1 Petros 2:​12-​15.