Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova Awujonga Njani Umngcwabo?

AmaNgqina KaYehova Awujonga Njani Umngcwabo?

Iimbono nendlela esingcwaba ngayo isekelwe kwiimfundiso zeBhayibhile ibe ezinye zazo zezi:

  • Kuyinto eqhelekileyo ukukhathazeka komntu xa kusweleke isalamane okanye umhlobo. Abafundi bakaYesu babekuzilela ukusweleka kwezalamane kunye nabahlobo babo. (Yohane 11:33-35, 38; IZenzo 8:2; 9:39) Ngenxa yoko, ixesha lomngcwabo asilijongi njengexesha lokonwaba. (INtshumayeli 3:1, 4; 7:1-4) Kunoko, lixesha lokubonisa uvelwano.​—Roma 12:15.

  • Abaswelekileyo abazi nto. Kungakhathaliseki ukuba siloluphi uhlanga okanye imvelaphi, siyawaphepha amasiko angekho seBhayibhileni njengenkolo yokuba abaswelekileyo bayazi ibe banento abayenzayo kwabaphilayo. (INtshumayeli 9:5, 6, 10) Oku kuquka amasiko anjengomlindo, inkcitho mali ngokungeyomfuneko kubhiyozelwa umngcwabo, ukukhunjulwa kwemihla abangcwatywa ngayo abaswelekileyo, imicimbi yokutyhilwa kwamatye, ukuthetha nokucela izinto kubo nokubazilela. Siyakuphepha ukuwenza onke loo masiko, ngenxa yokuba sithobela umthetho weBhayibhile othi: “Nizahlule . . . nento engahlambulukanga ningayichukumisi.”​—2 Korinte 6:17.

  • Likhona ithemba ngabaswelekileyo. IBhayibhile ifundisa ukuba kuza kubakho uvuko kwaye kuseza ixesha apho ukufa kuza kupheliswa. (IZenzo 24:15; ISityhilelo 21:4) Eli themba lisinceda sikuphephe ukuba lusizi, njengokuba lawancedayo amaKristu angaphambili.​—1 Tesalonika 4:13.

  • IBhayibhile ithi masithozame. (IMizekeliso 11:2) Asikholelwa ekubeni umngcwabo umele ube lithuba ‘lokuqhayisa’ ngemfundo okanye ngezinto onazo. (1 Yohane 2:16) Asenzi mingcwabo inobugocigoci kuba nje sifuna ukonwabisa abantu okanye sibe neebhokisi eziduru kakhulu okanye sinxibe iimpahla ezingayiwayo kuba nje sifuna ukubonwa ngabantu.

  • Asizami ukunyanzela abanye ngeenkolelo zethu kumba womngcwabo. Kulo mba, silandela umgaqo othi: “Ngamnye wethu uya kuziphendulela kuThixo.” (Roma 14:12) Sekunjalo, xa kuvela ithuba siyazama ukuzicacisa iinkolelo zethu “ngomoya wobulali nentlonelo enzulu.”​—1 Petros 3:15.

Wenziwa njani umngcwabo weNgqina?

Indawo: Yintsapho egqibayo ukuba uza kwenzelwa phi umngcwabo, njengakwiHolo yoBukumkani, kwikhaya lomntu okanye kwindawo ekutshiselwa kuyo izidumbu.

Indlela owenziwa ngayo umngcwabo: Kubakho intetho ethuthuzela abaswelekelweyo ecacisa oko iBhayibhile ikutshoyo ngokufa nangethemba lovuko. (Yohane 11:25; Roma 5:12; 2 Petros 3:13) Kule ntetho kunokukhankanywa iimpawu ezintle zomntu oswelekileyo, mhlawumbi kubalaseliswe izinto ezilukhuthazo kumzekelo wakhe wokuthembeka.—2 Samuweli 1:17-27.

Kunokuculwa ingoma esekelwe eZibhalweni. (Kolose 3:16) Umngcwabo uqukunjelwa ngomthandazo othuthuzelayo.​—Filipi 4:6, 7.

Ukuqokelelwa kwemali: Asibabhatalisi abantu ngezinto esizisebenzisileyo kwisihlandlo somngcwabo ibe asiqokeleli mali kwiintlanganiso zethu.​—Mateyu 10:8.

Abantu abanokuza: Abantu abangengomaNgqina bamkelekile ukuba beze emngcwabeni oqhutyelwa kwiHolo yoBukumkani. Njengezinye iintlanganiso zethu, abantu bangaya kwimingcwabo yethu.

Ngaba amaNgqina ayaya kwimingcwabo eqhutywa zezinye iinkonzo?

Ngqina ngalinye lizenzela isigqibo esisekelwe kwisazela esiqeqeshwe yiBhayibhile. (1 Timoti 1:19) Sekunjalo, asibandakanyeki kwimisitho yonqulo esivakalelwa kukuba ayivisisani neZibhalo.​—2 Korinte 6:14-17.