Yiya kwinkcazelo

Kutheni Ningayibhiyozeli IKrismesi?

Kutheni Ningayibhiyozeli IKrismesi?

Ubuxoki obudla ngokuthethwa

 Ubuxoki: Isizathu sokuba amaNgqina kaYehova angayibhiyozeli iKrismesi kukuba akakholelwa kuYesu.

 Inyaniso: SingamaKristu. Sikholelwa ukuba usindiso lungoYesu Kristu.—IZenzo 4:12.

 Ubuxoki: Niqhekeza iintsapho ngokufundisa amalungu azo ukuba angayibhiyozeli iKrismesi.

 Inyaniso: Sizikhathalele kakhulu iintsapho, yaye sisebenzisa iBhayibhile ukuze sizakhe zomelele.

 Ubuxoki: Niphoswa “ngumoya weKrismesi” wokupha, woxolo emhlabeni nomoya omhle ophakathi kwabantu.

 Inyaniso: Sizabalazela ukupha nokuba noxolo yonke imihla. (IMizekeliso 11:25; Roma 12:18) Ngokomzekelo, indlela esiziqhuba ngayo iintlanganiso zethu nendlela esishumayela ngayo ivisisana nomyalelo kaYesu othi: “Namkele ngesisa, yiphani ngesisa.” (Mateyu 10:8) Ngaphezu koko, sifuna abantu bajonge kuBukumkani bukaThixo njengethemba lokwenene lokuzisa uxolo emhlabeni.—Mateyu 10:7.

Kutheni amaNgqina kaYehova engayibhiyozeli iKrismesi?

  •   UYesu wayalela ukuba sikhumbule ukufa kwakhe, hayi ukuzalwa kwakhe.—Luka 22:19, 20.

  •   Abapostile nabafundi bakaYesu benkulungwane yokuqala babengayibhiyozeli iKrismesi. IThe New Catholic Encyclopedia ithi, “itheko lokuzalwa kukaYesu laqaliswa emva ko-243 [C.E.],” kwinyaka engaphezulu kwekhulu wafayo umpostile wokugqibela.

  •   Abukho ubungqina bokuba uYesu wazalwa ngoDisemba 25; iBhayibhile ayiwuchazi umhla awazalwa ngawo.

  •   Sikholelwa ukuba uThixo akayifuni iKrismesi kuba ivela kumasiko nezithethe zabahedeni.—2 Korinte 6:17.

Kutheni iKrismesi iyingxaki kumaKristu?

 Abaninzi basayibhiyozela iKrismesi nakuba besazi ukuba inemvelaphi yobuhedeni yaye iBhayibhile ayiyixhasi. Abantu abanjalo banokubuza: Kutheni amaKristu efanele angayenzi into eyenziwa ngabanye? Kutheni izakuba yingxaki nje le?

 IBhayibhile isikhuthaza ukuba sizicingele, sisebenzise ‘amandla engqiqo.’ (Roma 12:1, 2) Isifundisa ukuba siyixabise inyaniso. (Yohane 4:23, 24) Ngoko, ngoxa sinomdla kwindlela abasijonga ngayo abanye, siza kunamathela kwimigaqo yeBhayibhile nokuba oko kubangela singafunwa ngabantu.

 Nangona thina singayibhiyozeli iKrismesi, siyayihlonipha indlela abanye abayijonga ngayo. Asibaphazamisi abanye xa bebhiyozela iKrismesi.