Yiya kwinkcazelo

Ithini IBhayibhile NgeKrismesi?

Ithini IBhayibhile NgeKrismesi?

Impendulo yeBhayibhile

IBhayibhile ayiwuchazi umhla uYesu awazalwa ngawo, ingatsho nokuba sifanele siwubhiyozele. ICyclopedia kaMcClintock noStrong ithi: “Ukugcinwa kweKrismesi akuzange kumiselwe ngokobuthixo, kungazange kuvele nakwiTestamente Entsha.

Endaweni yoko, imvelaphi yeKrismesi isuka kwimisitho yonqulo lwabahedeni. IBhayibhile ibonisa ukuba siyamkhubekisa uThixo ukuba simnqula ngendlela angayamkeliyo.—Eksodus 32:5-7.

Imvelaphi yezithethe zeKrismesi

  1. Ukubhiyozela umhla wokuzalwa kukaYesu:AmaKristu okuqala ayengakubhiyozeli ukuzalwa [kukaYesu] kuba ayekujonga ukubhiyozela ukuzalwa kwakhe nawuphi na umntu njengesiko lobuhedeni.”—The World Book Encyclopedia.

  2. UDisemba 25: Abukho ubungqina bokuba uYesu wazalwa ngolu suku. Iinkokeli zeecawa zakhetha olu suku zaza zalidibanisa nemibhiyozo yabahedeni eyayisiba sebusika.

  3. Ukuphana izipho, izidlo, Nemijuxuzo: IThe Encyclopedia Americana ithi: “Uninzi lwezithethe zemigcobo yeKrismesi lusekelwe kwiSaturnalia, itheko lamaRoma elibhiyozelwa phakathi kuDisemba. Ngokomzekelo, kulo mbhiyozo kwalandelwa isithethe sokwenza amatheko amakhulu, ukuphana izipho, nokukhanyiswa kwamakhandlela.” IEncyclopædia Britannica ithi “ayevalwa amashishini yaye kwakungasetyenzwa” xa ilixesha leSaturnalia.

  4. Izibane zeKrismesi: Ngokutsho kweThe Encyclopedia of Religion, abantu baseYurophu babehombisa izindlu zabo “ngezibane nangemithi enamagqabi aluhlaza” ukuze kubhiyozelwe imini eyayisiba neeyure ezimfutshane nokugxotha imimoya engendawo.

  5. IMistletoe engcwele:Upristi wecawa yamaCeltic wayesithi olu hlobo lwesityalo luya kwazi ukwenza imimangaliso. Esi sityalo singcwele sasinqulwa ngenxa yokuba sasizisa ithemba lokubuya kwelanga.”—The Encyclopedia Americana.

  6. Umthi weKrismesi:Ukunqulwa komthi kwakuxhaphakile phakathi kwabahedeni baseYurophu kwaye baqhubeka nalo mkhwa nasemva kokuba beguqukele kubuKristu.” Lo mkhwa ubonakala kwizithethe ezahlukeneyo kuquka “isiko . . . lokubeka umthi weKrismesi emnyango okanye ngaphakathi endlwini.”—Encyclopædia Britannica.