Yiya kwinkcazelo

Ngaba AmaNgqina KaYehova Alihlelo?

Ngaba AmaNgqina KaYehova Alihlelo?

 Akunjalo, amaNgqina kaYehova akalilo ihlelo. Kunoko, singamaKristu enza konke okusemandleni ethu ukuze silandele umzekelo kaYesu Kristu size siphile ngokuvumelana neemfundiso zakhe.

Yintoni ihlelo?

 Abantu balichaza ngendlela ezingafaniyo igama elithi “ihlelo.” Noko ke, makhe sithethe ngeembono ezimbini eziqhelekileyo nesizathu sokuba ezo mbono zingabhekiseli kuthi.

  •   Abanye bacinga ukuba ihlelo lunqulo olutsha okanye unqulo olungaziwayo. AmaNgqina kaYehova akezanga nonqulo olutsha. Kunoko, senza njengoko amaKristu enkulungwane yokuqala enzayo, lawo umzekelo neemfundiso zawo ubhalwe eBhayibhileni. (2 Timoti 3:16, 17) Sikholelwa ekubeni iZibhalo Ezingcwele zinegunya kwindlela esifanele sinqule ngayo.

  •   Abanye bacinga ukuba ihlelo lunqulo oluyingozi olunenkokheli engumntu. AmaNgqina kaYehova awanankokheli ingumntu. Kunoko, sixelisa umzekelo wabalandeli bakaYesu, abathi: ‘Inye iNkokeli yethu, uKristu.’​—Mateyu 23:10.

 Kunokuba abe lihlelo eliyingozi, amaNgqina kaYehova lunqulo olunceda amalungu alo nabanye abantu ekuhlaleni. Ngokomzekelo, ukushumayela kwethu kuye kwanceda abantu abaninzi bayeka ukuba ngamakhoboka eziyobisi notywala. Ukongezelela, sifundisa abantu ukulesa nokubhala ehlabathini lonke. Siyancedisa nasemva kweentlekele. Sisebenza nzima ukuze sibe ngumzekelo omhle kwabanye, njengoko uYesu wayalela abafundi bakhe.​—Mateyu 5:13-16.