Yiya kwinkcazelo

Ngaba Umntu Uyakwazi Ukuyeka Ukuba LiNgqina LikaYehova?

Ngaba Umntu Uyakwazi Ukuyeka Ukuba LiNgqina LikaYehova?

Ewe. Umntu unokuyeka ukuba liNgqina ngezi ndlela zimbini:

  • Ngokucela ukuyeka. Umntu unokubhala okanye achaze ukuba wenze isigqibo sokuba akasafuni ukuba liNgqina likaYehova.

  • Ngezenzo. Umntu unokwenza into ebangela ukuba angabi yinxalenye yabazalwana bethu abasehlabathini lonke. (1 Petros 5:9) Ngokomzekelo, unokuhamba enye icawa aze ayenze icace into yokuba akazimiselanga ukuyiyeka.—1 Yohane 2:19.

Kuthekani ukuba umntu akasashumayeli okanye akasayi kwiintlanganiso zenu? Ngaba loo mntu nithi uyekile ukuba liNgqina?

Akunjalo. Ukuyeka ukuba liNgqina okanye ukuzahlula kwahlukile ekubeni buthathaka elukholweni. Ngokuqhelekileyo, abo baye batyhafa okanye bayeka ukunqula, abaphelelwanga lukholo kodwa badimazekile nje. Kunokuba sizahlule kwabo banjalo, sizama ukubathuthuzela nokubaxhasa. (1 Tesalonika 5:14; Yude 22) Ukuba umntu ufuna uncedo, abadala bebandla baye bakhokele ekumncedeni.—Galati 6:1; 1 Petros 5:1-3.

Sekunjalo, abadala abanalungelo lakunyazela umntu ukuba ahlale eliNgqina likaYehova. Umntu ngamnye uzenzela esakhe isigqibo ngendlela yokukhonza. (Yoshuwa 24:15) Sikholelwa ukuba abo bakhonza uThixo bamele bamkhonze ngokuzithandela ngokusuka entliziyweni.—INdumiso 110:3; Mateyu 22:37.