Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova ashumayela kwindawo kawonke-wonke ngakwiBridge of Peace, eseTbilisi

FEBRUWARI 21, 2017
Georgia

INkundla YaseYurophu Ixhasa Ilungelo LamaNgqina KaYehova Lokunqula EGeorgia

INkundla YaseYurophu Ixhasa Ilungelo LamaNgqina KaYehova Lokunqula EGeorgia

Inkululeko yokunqula anayo ngoku amaNgqina KaYehova aseGeorgia yahluke kakhulu kwimeko awayekuyo kwiminyaka embalwa eyadlulayo. AmaNgqina abhaliswe ngokusemthethweni ngoku, ibe norhulumente uyawavumela ukuba akhonze ngokukhululekileyo. Kodwa kwakungekho njalo ukususela ngo-1999 ukuya kutsho ngo-2003, kuba urhulumente welo xesha wavumela abantu abangafuni nokulubona unqulo ukuba bahlasele amaNgqina kanobom waza akavuma nokuba bavalelwe abahlaseli.

Ukutshutshiswa kwamaNgqina kuloo minyaka idlulileyo kwawabangela ukuba afake izicelo eziliqela kwiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu. Esinye sezi zicelo sasinomxholo othi, Case of Tsartsidze and Others v. Georgia ibe sasithetha ngezinto ezintathu ezenzekayo eGeorgia ngo-2000 nango-2001 eziquka ukuhlaselwa liqela, ukuphazanyiswa kweentlanganiso zonqulo, ukonakalisa izakhiwo, ukubethwa nokuthukwa ngamapolisa.

NgoJanuwari 17, 2017, iNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu yakhupha isigwebo kwityala likaTsartsidze ibe yafumanisa ukuba liyanyhashwa ilungelo lamaNgqina. Kwale nkundla yabona ukuba kusenokwenzeka la mapolisa aseGeorgia ayebandakanyekile kwezi zinto zazisenzeka okanye asilela ukuwakhusela amaxhoba. Yafumanisa nokuba iinkundla neejaji zaseGeorgia azizange zibavalele abo babexhaphaza amaNgqina ngenxa yokuba zazithath’ icala ibe zakhangela inkcazelo ekwakunganyanzelekanga ukuba ihlolwe.

Kwisigwebo Sesithathu, Ayamkelekanga Intshutshiso Exhaswa Ngurhulumente

Esi yayisisigwebo sesithathu esasikhutshwe yiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu, sisuka koko inkundla yayikubiza ngokuthi, “ukuphathwa kakubi kwamaNgqina KaYehova ngenxa yonqulo kwilizwe lonke” okwakwenzeke phakathi kuka-1999 no-2003. Kuzo zontathu ezi zigwebo, iNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu ifumanise ukuba iGeorgia isinyhashile iSigqibo SaseYurophu Samalungelo Abantu ngokungawavumeli amaNgqina KaYehova ukuba abe nenkululeko yokunqula nangokuwacalula.

Ngelo xesha inkundla yayicacisa ngale ndlela imeko yaseGeorgia: “Ngenxa yendlela abazenza ngayo izinto abaphathi, ekusenokwenzeka ukuba bancedisa ngokuthe ngqo ekuhlaseleni amaNgqina KaYehova okanye bavuma baza babandakanyeka ekwenzeni izinto ezingekho semthethweni ebantwini, abasemagunyeni eGeorgia basixhasa isigqibo sokuba amaNgqina KaYehova aphathwe kakubi, esathi ekugqibeleni sakhuthaza ukuba ahlaselwe ngakumbi kwilizwe lonke.”

INkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu Ifuna Kuthotyelwe Umthetho Ibe Kubekho Nenkululeko Yonqulo

Kwizihlandlo ezithathu zokuhlaselwa ezihlolwe yiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu kwityala likaTsartsidze, amaxhoba awazange aphathwe ngobulungisa kuba amapolisa abanenxaxheba okanye akuxhasa ukuhlaselwa kwamaNgqina.

  • NgoSeptemba 2, 2000, kwisixeko saseKutaisi, amapolisa athatha uMnumzan’ uDzamukov aza amsa kwisikhululo samapolisa. Athatha iincwadi zonqulo awayeziphethe ibe amthuka aza ambetha. Ngengomso, ipolisa labetha uMnumzan’ uGabunia ngamanqindi esuswini laza lakrazula neencwadi zonqulo awayeziphethe.

  • Ngo-Oktobha 26, 2000, kwisixeko saseMarneuli, amapolisa ambonzeleka aza aphazamisa intlanganiso yonqulo ibe athatha neencwadi. Athatha uMnumzan’ uMikirtumov, owayesisithethi kulo ntlanganiso noMnumzan’ uAliev, eyayingenela kwakhe intlanganiso, aza abasa kwisikhululo samapolisa. Kamva, amapolisa anyanzela uMnumzan’ uMikirtumov ukuba angene emotweni aza amsa ngaphandle kwesixeko, emyalela ukuba angaze aphinde abuyele apho. Axelela uMnumzan’ uAliev ukuba kungaze kuphinde kubekho iintlanganiso zamaNgqina KaYehova kwakhe.

  • NgoMatshi 27, 2001, kwisixeko saseRustavi, iqela lobuOthodoki elithi, unqulo lunobungozi lonakalisa ikhaya likaMnumzan’uGogelashvili ngoxa kuqhubeka intlanganiso. Lathuka abo babekho laza labanyanzela ukuba bahambe. Eli qela lathatha iincwadi zonqulo laza ngemini elandelayo lazitshisa ekuhleni ngakwivenkile eyayikufuphi. Amapolisa awazange afune ukuyingena le ngxwaba-ngxwaba aze akhusele amaxhoba.

Kuwo onke la matyala, amaxhoba abhenela kwiinkundla zaseGeorgia ukuze ziwancede kodwa abuya nemband’ esikhova. NgokweNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu, iijaji zazeGeorgia zazikheth’ icala lamapolisa ibe zasilela ukuhlola ubungqina bamaxhoba kakuhle. Ngokwendlela ezawasingatha ngayo la matyala iijaji zasekuhlaleni, iNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu yathi:

Ukuncedisa kwabasemagunyeni ekuhlaseleni amaNgqina, ukujonga icala elinye letyala elixhaswa ngamagosa omthetho nokungamkeli izicelo ngenxa yezizathu ezingenasihlahla, ngokwenkundla oko kubonisa ukuba iijaji ziyabuxhasa ubundlobongela obenziwe kwabo bebefake izicelo.

INkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu ifumanise ukuba amalungelo abo baye bafaka izicelo ezihambisana neGaba 9 (inkululeko yonqulo) neGaba 14 (ucalucalulo) leSindululo SaseYurophu Samalungelo Abantu aye anyhashwa, iye yahlawula umonakalo othi xa uwonke ube yi-R148 732.90, ehamba neendleko zomthetho eziyi-R135 074.94.

Ngaba Ezi Zigwebo Ziyasebenza ERashiya NaseAzerbaijan?

Ngaphambi kokuba ifikelele kwisigqibo, iNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu iphinde yasibethelela isigqibo seejaji kumatyala angaphambili, elikaGldani noBegheluri baseGeorgia nelikaKuznetsov noKrupko baseRashiya. Urhulumente waseGeorgia uye wazisebenzisa ezi sigqibo ibe amaNgqina KaYehova aseGeorgia anombulelo kuba ngoku ekhuselekile, oko kuwavulela ithuba lokudibana aze omelezane elukholweni ekhululekile ibe ekhuselekile.

Igqwetha elilwela amalungelo abantu ehlabathini lonke uAndré Carbonneau, oye waba nenxaxheba kumatyala ebexoxwa ekuhlaleni eGeorgia nasekwenzeni izicelo eziya kwiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu, uthe: “Ngenxa yesi sigwebo sihle, iNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu ibonise kakuhle ukuba ayizokuzinyamezela izinto ezenziwa ngurhulumente kuba enamandla okukhuthaza nokuxhasa ukucinezelwa kwabahlali kuba bengavumelekanga ukuba nenkululeko yokunqula. AmaNgqina KaYehova ayavuya kuba urhulumente waseGeorgia eqhubeka ehambisana nezi zigwebo ukuze akhonze ngokukhululekileyo. Mhlawumbi namanye amazwe eBhunga LaseYurophu njengeRashiya aza kuzithathela entweni ezi zigwebo.”

Esi sigwebo sakutshanje seNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu sikhusela inkululeko yokuhlanganisana kwamaNgqina ukuze akhonze onke aze ancokole nabamelwane ngezinto azikholelwayo. AmaNgqina KaYehova asehlabathini lonke anethemba lokuba esi sigwebo sinamandla senziwe yiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu siza kuba nento esiyenzayo kwizicelo ezisaqhubeka zifakwa eRashiya naseAzerbaijan kwangalo mba.