Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

ISityhilelo 21:1—“Izulu Elitsha Nomhlaba Omtsha”

ISityhilelo 21:1—“Izulu Elitsha Nomhlaba Omtsha”

 “Ndabona izulu elitsha nomhlaba omtsha, kuba izulu langaphambili nomhlaba zazingasekho, nolwandle lungasekho.”—ISityhilelo 21:1, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Ndabona izulu elitsha nehlabathi elitsha. Kaloku elokuqala izulu nelokuqala ihlabathi laliselidlule. Kwakungasekho nolwandle olu.”—ISityhilelo 21:1, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996.

Into ethethwa siSityhilelo 21:1

 Le vesi ithetha ngokuba uBukumkani bukaThixo basezulwini buza kususa bonke oorhulumente babantu. UBukumkani buza kutshabalalisa abantu abenza izinto ezimbi buze bulawule abo baphila ngemithetho obuza nayo.

 Incwadi yeSityhilelo ithetha “ngemiqondiso.” (ISityhilelo 1:1) Ngoko yiloo nto sisithi amazulu nomhlaba ekuthethwa ngawo kule vesi amela izinto ezithile. Enye into, “amazulu amatsha nomhlaba omtsha” njengokuba emela izinto ezithile, kuphinde kuthethwe ngawo nakwezinye iivesi zeBhayibhile. (Isaya 65:17; 66:22; 2 Petros 3:13) Ukufunda ezi vesi kunye nezinye iZibhalo kunokusinceda siqonde ukuba amela ntoni.

 “Izulu elitsha.” EBhayibhileni igama elithi “izulu” ngamanye amaxesha limela ulawulo okanye oorhulumente. (Isaya 14:12-14; Daniyeli 4:25, 26) Kangangokuba, enye imbekiselo ithi kwimibono yabaprofeti, “izulu limela abo balawulayo okanye urhulumente.” a KwiSityhilelo 21:1 “izulu elitsha” limela uBukumkani bukaThixo. Lo rhulumente wasezulwini, ekudla ngokuthiwa ‘buBukumkani basemazulwini’ kuthethwa ngaye kwincwadi yeSityhilelo nakwezinye iincwadi zeBhayibhile. (Mateyu 4:17; IZenzo 19:8; 2 Timoti 4:18; ISityhilelo 1:9; 5:10; 11:15; 12:10) UBukumkani bukaThixo obunoKumkani onguYesu, buza kususa “izulu langaphambili,” elingoorhulumente abangabantu abanesono.—Daniyeli 2:44; Luka 1:31-33; ISityhilelo 19:11-18.

 ‘Umhlaba omtsha.’ IBhayibhile ithi umhlaba wokoqobo awusoze utshatyalaliswe. (INdumiso 104:5; INtshumayeli 1:4) Ngowuphi ke lo mhlaba mtsha kuthethwa ngawo? Amaxesha amaninzi, iBhayibhile isebenzisa igama elithi ‘umhlaba’ xa ithetha ngabantu. (Genesis 11:1; 1 Kronike 16:31; INdumiso 66:4; 96:1) Ngoko “umhlaba omtsha,” umela abantu abakhetha ukulawulwa ngurhulumente kaThixo wasezulwini. ‘Umhlaba wangaphambili’ okanye abantu abangafuniyo ukulawulwa buBukumkani bukaThixo baza kutshatyalaliswa.

 ‘Ulwandle alusekho.’ Njengazo zonke ezinye izinto ezikwiSityhilelo 21:1, “nolwandle” ekuthethwa ngalo lumela into ethile. Kuba ulwandle lukhawuleza ukucaphuka ibe lusilwa amaxesha amaninzi, lumela abantu abaninzi abangasondelelananga noThixo. (Isaya 17:12, 13; 57:20; ISityhilelo 17:1, 15) Nabo bazotshatyalaliswa. INdumiso 37:10 ithi, “Sekusele ithutyana, bangabikho abenzi-bubi; xa ujonga apho bebekho, baza kube bengasekho.”

Into ekuthethwa ngayo kwiSityhilelo 21:1

 Incwadi yeSityhilelo yazichaza kwakudala izinto ezenzeka “ngemini yeNkosi.” (ISityhilelo 1:10) Isiprofeto esiseBhayibhileni sibonisa ukuba loo mini yaqala ngo-1914 xa uYesu waqalisa ukulawula njengoKumkani woBukumkani bukaThixo. b Kodwa wayengazuqalisa ukulawula umhlaba wonke ngoko nangoko. Kangangokuba ezinye iziprofeto zeBhayibhileni zibonisa ukuba ekuqaleni ‘kwemini yeNkosi,’ izinto emhlabeni zaziza kubambi kakhulu. Elo xesha kuthiwa ‘yimihla yokugqibela.’ (2 Timoti 3:1-5, 13; Mateyu 24:3, 7; ISityhilelo 6:1-8; 12:12) Xa loo mihla yobunzima iphela, uBukumkani bukaThixo buza kususa izulu nomhlaba omdala buze buzise imihla emnandi yoxolo. Abo baza kulawulwa buBukumkani—ekuthiwa ‘bangumhlaba omtsha’—baza kuphila kamnandi kungekho zinto zimbi ibe bephile qethe.—ISityhilelo 21:3, 4.

 Bukela le vidiyo ukuze ubone into ekuthethwa ngayo kwiSityhilelo.

a IMcClintock and Strong’s Cyclopedia (1891), Volume IV, iphepha 122.