Yiya kwinkcazelo

Andibuthandi Ubomi Endibuphilayo—Ngaba Unqulo, UThixo Okanye IBhayibhile Ingandinceda?

Andibuthandi Ubomi Endibuphilayo—Ngaba Unqulo, UThixo Okanye IBhayibhile Ingandinceda?

Impendulo yeBhayibhile

Ewe. IBhayibhile, incwadi yobulumko yamandulo, ineempendulo zemibuzo ebalulekileyo yobomi yaye inokukunceda uzive ubhetele uze wonwabe. Nantsi eminye imibuzo eyiphendulayo.

  1. Ngaba ukhona uMdali? IBhayibhile ithi uThixo “wadala zonke izinto.” (ISityhilelo 4:11) NjengoMdali, uThixo uyayazi into eza kusonwabisaneza kusenza saneliseke ebomini.

  2. Ngaba uThixo undikhathalele? Kunokuba ichaze uThixo njengokude lee ebantwini, iBhayibhile ithi: ‘Akakude kuye ngamnye wethu.’ (IZenzo 17:27) Unomdla ebomini bakho yaye ufuna ukukunceda uphumelele.—Isaya 48:17, 18; 1 Petros 5:7.

  3. Ukwazi uThixo kunokundinceda njani ndizive bhetele? UThixo wasidala ‘sanentswelo yokomoya,’ ukulambela ukwazi intsingiselo nenjongo yobomi. (Mateyu 5:3) Intswelo yokomoya ikwathetha nokunqwenela ukwazi uMdali wethu nokuba nolwalamano naye. UThixo uyayithanda imigudu oyenzayo yokumazi kuba iBhayibhile ithi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.”—Yakobi 4:8.

Izigidi zabantu zifumanise ukuba ukwakha ubuhlobo noThixo kuye kwaphucula ubomi bazo kwaza kwazenza zaneliseka. Ngoxa ukwazi uThixo kungazi kukwenza ungabi nazingxaki, ubulumko bakhe obuseBhayibhileni bunokukunceda

Iicawa ezininzi ezisebenzisa iBhayibhile aziyenzi into eyifundisayo. Ngokwahlukileyo koko, unqulo lokwenyaniso, olubambelela koko kuthethwa yiBhayibhile, luza kukunceda umazi uThixo.