Yiya kwinkcazelo

Ngaba Isithembu Sivumelekile?

Ngaba Isithembu Sivumelekile?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Kwakha kwagqitha ixesha uThixo eyivumela indoda ukuba ibe nabafazi abaninzi. (Genesis 4:19; 16:1-4; 29:18-29) Kodwa asingoThixo owaqalisa isithembu. Wamnika umfazi omnye uAdam.

UThixo wayalela uYesu Kristu ukuba abuyise umthetho wokuba nomfazi omnye. (Yohane 8:28) Xa wayebuzwa ngomtshato, uYesu wathi: “Lowo wabadalayo ukususela ekuqaleni wabenza baba yindoda nebhinqa waza wathi, ‘Ngenxa yesi sizathu indoda iya kumshiya uyise nonina ize inamathele emfazini wayo, baze abo babini babe nyama-nye.’”—Mateyu 19:4, 5.

Omnye umfundi kaYesu waphefumlelwa nguThixo ukuba abhale athi: “Ndoda nganye mayibe nowayo umfazi yaye umfazi ngamnye abe neyakhe indoda.” (1 Korinte 7:2) IBhayibhile iphinde ithi indoda etshatileyo esebandleni lamaKristu enikwa amalungelo akhethekileyo imele ibe ‘yindoda enomfazi omnye.’—1 Timoti 3:2, 12.