Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Umtshato

Umtshato

Ngaba umtshato yinto nje yobumnandi?

“Oko uThixo akubophelele ngedyokhwe ndawonye makungahlukaniswa mntu.”Mateyu 19:6.

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

KuThixo umtshato awenzelwanga ubumnandi nje kuphela. Kukumanyana kwendoda nomfazi okwamiselwa nguThixo. IBhayibhile ithi: “Ukususela ekuqaleni kwendalo ‘[uThixo] wabenza baba yindoda nebhinqa. Ngenxa yoku indoda iya kumshiya uyise nonina, yaye aba babini baya kuba nyama-nye’ . . . Ngoko ke oko uThixo akubophelele ngedyokhwe ndawonye makungahlukaniswa mntu.” *Marko 10:6-9; Genesis 2:24.

Ibinzana elithi “oko uThixo akubophelele ngedyokhwe ndawonye” alithethi ukuba imitshato isekwa ezulwini. Kunoko xa isithi uMdali wethu nguMsunguli womtshato, iBhayibhile ibalaselisa ukubaluleka kweqhina lomtshato. Izibini eziwujonga ngolu hlobo umtshato ziwuphatha njengongcwele, ongasoze uqhawuke, zitsho zizimisele ukuwenza uphumelele. Ziwuqinisa ngakumbi xa ngamnye kuzo edlala indima yakhe echazwe eBhayibhileni.

 Yiyiphi indima yendoda?

“Indoda iyintloko yomfazi wayo.”Efese 5:23.

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Ukuze intsapho yonwabe, kufuneka abekho umntu owenza izigqibo. IBhayibhile iyinike indoda loo mbopheleleko. Kodwa loo nto ayithethi ukuba mayibe nguzwilakhe okanye umxhaphazi. Ingathethi nokuba mayingazenzi iimbopheleleko zayo, nto leyo enokubangela ukuba umkayo angayihloniphi aze anyanzeleke ukuba enze izinto ezingapha kwamandla akhe. Kunoko, uThixo ulindele ukuba izibhokoxe ekunyamekeleni umfazi wayo ize imnike imbeko njengelona qabane lisondeleleyo nelithembekileyo. (1 Timoti 5:8; 1 Petros 3:7) Kwabase-Efese 5:28 kuthiwa: “Amadoda afanele abathande abafazi bawo njengemizimba yawo.”

Indoda emthanda ngokwenene umfazi wayo iyazixabisa izinto akwaziyo ukuzenza nobuchule bakhe yaye iyammamela xa ethetha, ingakumbi kwizinto ezinokuthanani nentsapho. Ayifanele inyanzelise iimbono zayo kuba nje iyintloko-ntsapho. Xa indoda eyayithanda uThixo, uAbraham, ingazange iliphulaphule icebiso lomkayo kwinto eyayinokuthanani nentsapho, uYehova uThixo wathi: “Liphulaphule ilizwi lakhe.” (Genesis 21:9-12) UAbraham wakwenza oko, yaye intsapho yakhe yamanyana, yaseluxolweni yaza yasikelelwa nguThixo.

Yiyiphi indima yomfazi?

“Bafazi, wathobeleni amadoda enu.”1 Petros 3:1.

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Kanye ngaphambi kokuba adale umfazi, uThixo wathi: “Akulungile ukuba umntu aqhubeke eyedwa. Ndiza kumenzela umncedi oza kuba ngumphelelisi wakhe.” (Genesis 2:18) Into ephelelisayo ibangela ukuba into igqibelele. Ngoko uThixo akazange adale umfazi ukuze abangisane nendoda, kodwa ukuze abe ngumphelelisi wayo. Bobabini babeza kufeza into ababeyithunywe nguThixo baze bazalise umhlaba ngabantwana babo.Genesis 1:28.

Ukuze umfazi akwazi ukwenza indima yakhe, uThixo wamnika umzimba, ingqondo neemvakalelo ezisemagqabini. Xa ezi zinto ezisebenzisa ngobulumko nangothando, ufak’ isandla kwimpumelelo yomtshato ize nendoda yakhe yaneliseke. KuThixo, umfazi onjalo ufanele adunyiswe. *IMizekeliso 31:28, 31.

^ isiqe. 5 IBhayibhile ivumela kuphela ukuba umtshato uqhawulwe xa omnye ekrexezile.Mateyu 19:9.

^ isiqe. 14 Izibini ziza kufumana amacebiso amaninzi aluncedo ngomtshato nobomi bentsapho kumanqaku aphuma rhoqo kuVukani! athi “Ukunceda Iintsapho.”