Yiya kwinkcazelo

Ithini IBhayibhile Ngokuzithanda?

Ithini IBhayibhile Ngokuzithanda?

Impendulo esuka eBhayibhileni

IBhayibhile ibonisa ukuba akhonto imbi ngokuzithanda, ukusa kumlinganiselo ofanelekileyo. Olo thando luquka ukuzikhathalela, ukuzihlonipha nokuzixabisa. (Mateyu 10:31) Kunokukhuthaza ikratshi, iBhayibhile ithetha ngokuzithanda ngomlinganiselo ofanelekileyo.

Ngubani esifanele simthande kuqala?

  1. Kufuneka sithande uThixo kuqala. IBhayibhile isifundisa ngowona mthetho mkhulu othi: “Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela.”​—Marko 12:28-​30; Duteronomi 6:5.

  2. Owesibini umthetho omkhulu uthi: “Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.”​—Marko 12:31; Levitikus 19:18.

  3. Nangona iBhayibhile ingenamthetho ungqalileyo wokuzithanda, umthetho othi, “uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu” ubonisa ukuba ukuzithanda nokuzihlonipha ngomlinganiselo ofanelekileyo kuqhelekile kwaye kuyanceda.

UYesu wathanda bani kuqala?

UYesu wabonisa indlela esifanele sithande ngayo uThixo, ummelwane, neziqu zethu ngomkhamo ofanelekileyo kwaye wafundisa nabalandeli bakhe ukuba balandele umzekelo wakhe.​—Yohane 13:34, 35.

  1. Wathanda uYehova uThixo kuqala wazinikela ekwenzeni umsebenzi Wakhe. Wathi: “Ukuze ihlabathi lazi ukuba ndiyamthanda uBawo, kwananjengoko uBawo endinike umyalelo wokwenza, ndenjenjalo.”​—Yohane 14:31.

  2. UYesu wabonisa ukuba uyamthanda ummelwane ngokubenzela izinto abazidingayo abantu wade wanikela nangobomi bakhe.​—Mateyu 20:28.

  3. Wabonisa ukuba uyazithanda ngokuthi aphumle, atye aze achithe ixesha nabalandeli bakhe nabo babeza kuba ngabafundi bakhe.​—Marko 6:31, 32; Luka 5:29; Yohane 2:1, 2; 12:2.

Ngaba ukuthanda abanye ngaphezu kwesiqu sakho kukwenza ungonwabi okanye ungazihloniphi?

Hayi, kuba sidalwe ngokomfanekiso kaThixo onothando. (Genesis 1:27; 1 Yohane 4:8) Oko kuthetha ukuba sidalwe ngohlobo lokuba sibathande abanye. Ukuzithanda kufanelekile, kodwa sonwaba kakhulu xa sithanda uThixo size senzele abanye abantu izinto ezintle. IBhayibhile ithi, “kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”​—IZenzo 20:35.

Namhlanje abantu abaninzi bathi ukuze wonwabe kufuneka uzithande. Bathi “zithande” kunokuba bathi “thanda ummelwane.” Kodwa, izinto ezenzekayo ngoku zibonisa ukuba abantu abonwabileyo nabasempilweni ngabo bathobela icebiso leBhayibhile elithi: “Ngamnye makafune, kungekhona ingenelo yakhe, kodwa eyomnye umntu.”​—1 Korinte 10:24.