Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 UDLIWANO-NDLEBE | NOELDAR NEBOLSIN

Umdlali Wepiyano Uchaza Ngokholo Lwakhe

Umdlali Wepiyano Uchaza Ngokholo Lwakhe

UEldar Nebolsin waseUzbekistan ngumdlali wepiyano othandwayo kwamanye amazwe. Uye wadlala namanye amaqela eLondon, eMoscow, eSt. Petersburg, eNew York, eParis, eRoma, eSydney, eTokyo, naseVienna. Wakhulela eSoviet Union, engakholelwa kubukho bukaThixo. Kodwa ke, ekugqibeleni wavuma ukuba abantu banoMdali onothando. UVukani! uye wadlan’ indlebe naye ngomculo nangokholo lwakhe.

Yintoni eyakwenza wayimvumi?

Abazali bam ngabadlali bepiyano. Baqalisa ukundifundisa ukuyidlala xa ndandineminyaka emihlanu. Kamva, ndafunda kwisikolo esiphambili somculo eTashkent.

Khawusixelele, ziziphi ingxaki ezibakho xa udlala kwiokhestra?

Iiokhestra azifani. Zifana nezixhobo ezikhulu zomculo “ezidlalwa” ngababhexeshi bazo. Eyona nto ibonakala inzima kumdlali ngamnye kukuhambisana nombhexeshi. Ndingayifanisa nabahlobo abancokolayo, endaweni yokuba kuthethe umntu omnye, bancokola bonke. Kuye kufuneke sidibane isihlandlo esinye okanye ezibini ukuze siqhelisele oku.

Uchitha ixesha elingakanani xa uqhelisela?

Ndichitha ubuncinane iiyure ezintathu ngosuku, phofu kwelo xesha andiqheliseli nje iindawo ezinzima kuphela. Ndiye ndifunde ingoma yonke ukuze ndiyiqonde kakuhle indlela ebhalwe ngayo. Ndimamela nezinye iingoma zomqambi ukuze ndiyiqonde ngakumbi le ndiza kuyidlala.

Singayibona njani incutshe yomdlali wepiyano?

Ngokuyidlala ipiyano kube ngathi “kucula” yona. Mandikucacisele. Ipiyano uyayicofa xa uyidlala. Ngokwahlukileyo kwizixhobo ezivuthelwayo okanye ilizwi lomntu, elikwaziyo ukugcina okanye linyuse isandi, sona isandi sepiyano siyehla. Eyona ngxaki inkulu kumdlali wepiyano kukuqiniseka ukuba isandi sayo asehli. Oku ukwenza ngokuyicofa kancinci kwangaxeshanye anyathele umcephe wasekunene ukuze isandi sihlale siphezulu. Xa abadlali bepiyano beziincutshe  ekwenzeni oku, inokukhala njengembande, isigodlo okanye iokhestra. Banokude bayenze ikhale njengesona sixhobo sizigqwesa zonke ezinye—ilizwi lomntu.

Kuyacaca ukuba uwuthand’ egazini umculo.

Kum umculo yeyona ndlela yokuchaza iimvakalelo ekunzima ukuzibeka ngamazwi.

Yintoni eyakwenza wafuna ukumazi uThixo?

Ekhaya kwakusoloko kukho iincwadi ezininzi ezazize notata eMoscow. Eyona ncwadi ndandiyithanda yayinamabali eBhayibhile athetha ngemvelaphi yabantu neyamaSirayeli. Enye incwadi endayifundayo yethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni, epapashwe ngamaNgqina kaYehova. * Ndandithanda indlela eyayizicacisa ngayo iimfundiso zeBhayibhile. Xa ndaya kufundela umculo eSpeyin ngo-1991, ndahamba nayo ndaza ndayifunda izihlandlo eziliqela. Ndafunda ngokholo olungasekelwanga nje kwiingcinga zabantu kodwa kubungqina bokwenene.

Eyona mfundiso ndaba nomdla kuyo sisithembiso seBhayibhile sokuba abantu banokuphila ngonaphakade emhlabeni. Le mfundiso yazicacela nangona ndandingekadibani namaNgqina kaYehova. Ndazixelela ukuba mhla ndadibana neNgqina, ndiya kulicela ukuba lindifundise iBhayibhile.

Wadibana njani namaNgqina?

Emva kweentsuku nje ezimbalwa ndenze eso sigqibo, ndabona amagqiyazana amabini ephethe iiBhayibhile. Ndathi, ‘ingathi ngaba bantu ndifunde ngabo encwadini yam aba. Bashumayela kanye njengamaKristu emihla yokubhalwa kweBhayibhile.’ Kungekudala ndaqalisa ukufundiswa iBhayibhile lelinye iNgqina. Eyona nto indivuyisa kakhulu ngoku kukufundisa abanye abantu ngoMdali wethu.

Yintoni eyakwenza wakholelwa kuMdali, ekubeni wawusithi akakho?

Ngumculo. Abantu abaninzi bawuthanda umculo ngendlela ezingenakukwazi ngayo izilwanyana. Umculo uyakwazi ukuveza indlela esivakalelwa ngayo, njengovuyo, ukuzithemba, uthando, phantse nazo zonke ezinye iimvakalelo. Uthi wakudlala, sifune ukushukumisa umzimba. Ngaba singaphila ngaphandle komculo? Ngaba uyayixhasa imfundiso yendaleko ethi “kusinda abo banamandla”? Andiqondi. Ngendlela endicinga ngayo, bubudenge ukucinga ukuba ingqondo yomntu, ekwaziyo ukuqamba nokuwuqonda umculo onjengokaMozart noBeethoven yazivelela. Eyona ngcaciso isengqiqweni kukuba ingqondo yethu elumkileyo yadalwa nguMdali onobulumko nonothando.

Yintoni eyakwenza wakholelwa ukuba iBhayibhile ibhalwe nguThixo?

IBhayibhile yakhiwe ziincwadana eziyi-66 nezibhalwe kwisithuba seminyaka emalunga neyi-1 600 ngamadoda amalunga nayi-40. Ndazibuza, ‘Ngubani owalathisa ukubhalwa kwale ncwadi emnandi kangaka nethetha into enye?’ Akakho omnye ngaphandle kukaThixo. IBhayibhile ifana noncuthu lwengoma eqanjwe yincutshe nenesigidimi esithi ngco entliziyweni.

^ isiqe. 15 Ngoku amaNgqina kaYehova afundisa abantu iBhayibhile ngencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Unokuyifumana kwi-www.dan124.com/xh.

IBhayibhile ifana noncuthu lwengoma eqanjwe yincutshe nenesigidimi esithi ngco entliziyweni