Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO | Izizathu Ezithathu Zokungazibulali

Kuba Lukho Uncedo

Kuba Lukho Uncedo

“Liphoseni [kuThixo] lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.” —1 PETROS 5:7.

Usenokude unqwenele ukufa, xa ubona ngathi izinto soze zilunge. Kodwa zikho izinto ezinokukunceda.

Umthandazo. Umthandazo awuyonto nje yokukwenza uzive bhetele; okanye into yokuncamela. Uyincoko yokwenene kunye noYehova uThixo, okukhathaleleyo. UYehova ufuna ukuba umchazele ngezinto ezikukhathazayo. Kangangokuba iBhayibhile isibongoza isithi: “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova, yaye yena wokuxhasa.”—INdumiso 55:22.

Kutheni ungathandazi kuThixo namhlanje? Mbize ngegama lakhe, uYehova, uze uthethe ngokusuk’ entliziyweni. (INdumiso 62:8) UYehova ufuna ube ngumhlobo wakhe. (Isaya 55:6; Yakobi 2:23) Unokuthandaza nanini na, naphi na.

Ngokutsho koMbutho Wokuthintela Ukuzibulala WaseMerika, “uhlolisiso lubonisa ukuba i-90% yabantu abazibulalayo baphazamisekile engqondweni. Kumaxesha amaninzi sukuba kungakhange kubonwe oko baze banyangwe”

Abantu abakukhathaleleyo. Bakho abantu abakukhathaleleyo, njengentsapho yakho nabahlobo bakho. Kanti abanye isenokuba ngabantu ongazange wadibana nabo. Ngokomzekelo, amaNgqina kaYehova, xa eshumayela aye adibane nabantu abaxhelekileyo; abanye babo bade balikhuphe elokuba bebefuna ukuzibulala. Ukushumayela kwindlu ngendlu kwenze amaNgqina kaYehova akwazi ukubanceda abantu abanjalo. Exelisa umzekelo kaYesu, amaNgqina kaYehova abakhathalele abanye abantu. Akukhathalele nawe.Yohane 13:35.

Uncedo lukagqirha. Ngokuqhelekileyo abantu abacinga ngokuzibulala benziwa kukuphazamiseka ngokweemvakalelo. Ayilohlazo tu into yokuphazamiseka ngokweemvakalelo, njengokuba kungelohlazo nokugula. Abanye baye bathi “ngumkhuhlane nje oqhelekileyo wengqondo.” Kunokuchaphazela nabani na—yaye kunako ukunyangwa. *

KHUMBULA OKU: Abantu abaphazamisekileyo ngokweemvakalelo abadli ngakuphumelela xa bezama ukuzinceda ngokwabo. Kodwa banako ukuphumelela xa bencedwa ngomnye umntu.

OKO UNOKUKWENZA NAMHLANJE: Khangela ugqirha onamava okwaziyo ukunyanga abantu abaphazamisekileyo ngokweemvakalelo.

^ isiqe. 8 Ukuba usoloko ucinga ngokuzibulala, khangela naluphi na uncedo olufumanekayo kwindawo okuyo—kubantu abakufundeleyo oku okanye uye esibhedlele. Apho unokufumana oogqirha abanamava nabanokukunceda.