Yiya kwinkcazelo

Ngaba UThixo Angandinceda Xa Ndithandaza?

Ngaba UThixo Angandinceda Xa Ndithandaza?

Impendulo yeBhayibhile

UThixo unceda abo bamcela ngokunyanisekileyo nangokuvisisana nokuthanda kwakhe. Nokuba akuzange uthandaze, unokukhuthazwa yimizekelo eseBhayibhileni yabo bathandaza besithi, “Thixo, ndincede.” Ngokomzekelo:

  • Ndincede Yehova Thixo wam; Ndisindise ngokobubele bakho.”—INdumiso 109:26.

  • Andinanto, ndilihlwempu: Thixo ndincede.”—INdumiso 69:6, ngokweDouay Version.

Umbhali wala mazwi wayenokholo kuThixo. UThixo uyabaphulaphula bonke abo bathetha naye ngokunyanisekileyo, njengabo “baphuke intliziyo” okanye ‘abamoya utyumkileyo.’—INdumiso 34:18.

Musa ukucinga ukuba uThixo ukude kakhulu kuwe ngoko akazikhathalele iingxaki zakho. IBhayibhile ithi: “UYehova uphakamile, ukanti uyambona othobekileyo; kodwa ophakamileyo umazela mgama kuphela.” (INdumiso 138:6) Phofu uYesu wathi kubafundi bakhe: “Kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke.” (Mateyu 10:30) UThixo ubona zonke izinto kuwe nezo wena ungazaziyo. Ngoko qiniseka ukuba uya kukuphulaphula xa ucela akuncede kwiingxaki onazo.—1 Petros 5:7.