Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Umthandazo

Umthandazo

Ngaba ukho umntu oyivayo imithandazo yethu?

“Owu mphulaphuli wemithandazo, abantu bayo yonke inyama baya kuza kuwe.”—INdumiso 65:2.

OKUTHETHWA NGABANTU

Abantu bakholelwa ukuba akukho mntu uyivayo imithandazo yethu. Abona bantu badla ngokucinga ukuba ayiviwa imithandazo yabo ngabanengxaki ebakhathazayo.

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE

Ithi: “Amehlo kaYehova [uThixo] aphezu kwabo bangamalungisa, neendlebe zakhe zisingisele esikhungweni sabo; kodwa ubuso bukaYehova bunxamnye nabo benza izinto ezimbi.” (1 Petros 3:12) Kucace mhlophe ukuba uThixo uyayiva imithandazo. Kodwa ke, eyona mithandazo ayivayo yeyabantu abathobela imiyalelo yakhe. Esinye isibhalo esingqina ukuba uThixo uyayiva imithandazo yethu sithi: “Sinentembelo yokuba, kungakhathaliseki ukuba yintoni na esiyicelayo ngokuvumelana nokuthanda kwakhe, uyasiva.” (1 Yohane 5:14) Yiloo nto ke kubalulekile ukuba abo bathandaza ngokusuka entliziyweni bazi ukuba ziziphi izicelo ezivumelana nokuthanda kukaThixo.

 Simele sithandaze njani?

“Xa uthandaza, ungaphindaphindani nento enye.”—Mateyu 6:7.

OKUTHETHWA NGABANTU

Abantu beenkonzo ezahlukahlukeneyo—njengamaBhuda, amaKatolika, amaHindu namaSilamsi—baye bafundiswa ukuba basebenzise amaso ukuze bacengceleze imithandazo yabo.

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE

Umthandazo umele usuke entliziyweni; awumele ucengcelezwe. IZibhalo zithi: “Xa uthandaza, ungaphindaphindani nento enye, njengokuba besenza abantu beentlanga, kuba becinga ukuba baya kuviwa ngenxa yokusebenzisa kwabo amazwi amaninzi. Ngoko, ze ningafani nabo, kuba uThixo uYihlo uyakwazi enikusweleyo ningekamceli.”—Mateyu 6:7, 8.

ISIZATHU SOKUBA KUBALULEKILE OKU

Xa umntu ethandaza ngendlela engamkholisiyo uThixo, usenokuba udlala nje ngexesha lakhe, yaye usenokude amcaphukise noThixo. IBhayibhile ilumkisa ngelithi uThixo ‘uyayicekisa’ imithandazo yabantu abangazimiselanga ukwenza ukuthanda kwakhe.—IMizekeliso 28:9.

Simele sithandaze kubani?

“Funani uYehova [uThixo] ngoxa esenokufunyanwa. Mbizeni ngoxa esekufuphi.”—Isaya 55:6.

OKUTHETHWA NGABANTU

Abanye abantu abakhonzayo bathandaza kuMariya okanye kwiingelosi nakwabanye abantu ababajonga ‘njengeengcwele’ ezihloniphekileyo. Enye yazo ‘yiNgcwele’ uAnthony wasePadua, ekuthiwa “ufundisa abantu ngoThixo aze abenzele nezinto abazidingayo,” kunye ‘neNgcwele’ uJude, ekuthiwa unceda abantu xa “beneengxaki.” Abantu abaninzi bathandaza kwezi “ngcwele” nakwiingelosi benethemba lokuba ziya kubathethelela kuThixo.

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE

Abanquli bokwenyaniso bamele bathandaze ‘kuBawo wethu osemazulwini.’ (Mateyu 6:9) IBhayibhile ikhuthaza oku: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo.”—Filipi 4:6.