Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndingazicacisa Njani Iinkolelo Zam Ngokulalana?

Ndingazicacisa Njani Iinkolelo Zam Ngokulalana?

“Intoni​—zange ulale namntu?”

Ukuba ufuna ukuwuphendula ngoewe lo mbuzo, ngaba ungatsho ngokuzithemba? Eli nqaku liza kukunceda wenza kanye loo nto!

 Ungamchaza njani umntu onyulu?

Umntu onyulu ngumntu ongazange alalane namntu.

Kakade ke, ukulalana kwabantu akusiso kuphela isenzo esinento yokwenza nesini. Abanye basenokuthi “banyulu” kuba bengazange balalane namntu kodwa babe bezenzile zonke ezinye izinto.

Igama elithi “ukulalana,” linokubhekisa kwisini esenziwa emlonyeni, ezimpundu okanye ukuphulula amalungu esini omnye umntu.

Inyaniso yile: Abantu abaye balalana—kuquka iintlobano zesini ezenziwa ngomlomo, ezimpundu okanye ukuphulula amalungu esini omnye umntu​—abanakuthi banyulu.

 Ithini iBhayibhile ngokulalana?

IBhayibhile ithi ukulalana kumele kwenzeke phakathi kwendoda nomfazi wayo kuphela. (IMizekeliso 5:18) Ngoko umntu ofuna ukukholisa uThixo umele angalalani namntu de atshate.—1 Tesalonika 4:3-5.

Abanye bathi imbono yeBhayibhile ngokulalana iphelelwe lixesha. Kodwa ke, kula maxesha siphila kuwo, ixhaphake kakhulu idivosi, ukukhulelwa kwamabhinqa engacebanga kunye nezigulo ezidluliselwa ngesini. Abantu esiphila nabo ngoku abakufanelekeli ukukhupha amacebiso amahle ngomtshato!—1 Yohane 2:15-17.

Xa ucinga ngemigaqo yeBhayibhile, utsho ubone ukuba isebenza kakuhle! Makhe senze umzekelo: Masithi uphiwe intywenka yemali. Ngaba ubuya kuyithi saa loo mali ukuze icholwe ngabantu abadlulayo?

Ujongene nemeko efanayo kumba wokulalana. USierra ona-14 uthi, “Andifuni kulahla ubunyulu bam kumntu endiza kujika ndimlibale.” UTammy ona-17 naye uthetha into enye. Uthi: “Isini sisipho endingasoze ndidlale ngaso.”

Inyaniso yile: IBhayibhile ithi ukuba nyulu nokuziphatha kakuhle kwabantu abangatshatanga yeyona ndlela ekumele kuphilwe ngayo.—1 Korinte 6:18; 7:8, 9.

 Ukholelwa entwenini wena?

  • Ngaba ukholelwa ukuba indlela iBhayibhile ethetha ngayo ngokulalana ingqongqo kakhulu okanye ifanelekile?

  • Ngaba ukholelwa ukuba kuvumelekile ukulalana xa abantu ababini besithi bayathandana?

Emva kokuwuhl’ amahlongwane lo mba, ulutsha oluninzi luthi kubhetele ukuhlala lunyulu kwaye luziphathe kakuhle. Abazisoli ngesi sigqibo okanye bacinge ukuba badlelw’ indlala. Khawuve oko bakutshoyo:

  • “Ndiyazidla ngobunyulu bam! Akukho nto iphosakeleyo ekuphepheni iingxaki ezinokubakhona emzimbeni, engqondweni neemvakalelo ezibuhlungu ezibangelwa kukulalana ngaphambi komtshato.”—UEmily.

  • “Mna ndizidla ngento yokuba ndisazi ukuba akukho bantu ndakha ndalala nabo, ibe ngoku iyandivuyisa loo nto kuba ndiqinisekile ukuba andinazo tu izigulo ezosulela ngokulalana.”—UElaine.

  • “Maninzi amantombi angangam kunye namanye amadadlana endiye ndaweva ezisola ngokulalana ngaphambi komtshato, mna andifuni kuyenza loo mpazamo.”—UVera.

  • “Ndibone abantu abaninzi besonzakala, bengxwelerhekile ngenxa yokulahlekelwa bubunyulu babo, okanye ngenxa yokuba namaqabane amaninzi. Ayibobomi obo.”—UDeanne.

Inyaniso yile: Kufuneka uyazi kakuhle into oyikholelwayo ngaphambi kokuba ujongane nengcinezelo yokuba neentlobano zesini.—Yakobi 1:14, 15.

 Ungazicacisa njani iinkolelo zakho kwabanye?

Umele uthini xa omnye ekubuza ngeenkolelo zakho ngokulalana? Kuxhomekeka kwiimeko.

“Ukuba kukho umntu ondigezelayo ngale nto, bendingasoze ndimyeke. Mhlawumbi bendiya kuthi, ‘Awungeni ndawo wena,’ ndize ndimshiye.”—UCorinne.

“Ngelishwa abanye abantwana besikolo bayakuthanda ukugezela abanye. Ukuba yiloo nto qha, andinokubahoya nokubahoya.”—UDavid.

Ngaba ubusazi? Ngamanye amaxesha, uYesu wayethula atye tyum, ukuze “aphendule” abantu abaphoxayo.​—Mateyu 26:62, 63.

Kodwa uza kuthini ukuba lo mntu ukubuza ngembeko kwaye ufuna nyhani ukwazi? Ukuba lo mntu ubonakala eyixabisa iBhayibhile, unokumcaphulela amazwi akweyoku-1 kwabaseKorinte 6:18, ayibeka icace ukuba xa umntu elalana ngaphambi komtshato wona okanye wenzakalisa umzimba wakhe.

Enoba ugqiba ekubeni usebenzise iBhayibhile ngoko nangoko okanye ukhetha ukulinda, umele uzithembe xa uthetha. Khumbula ukuba umele uzidle ngendlela entle oziphethe ngayo.—1 Petros 3:16.

“Ukuphendula ngokuzithemba kubonisa ukuba awuzithandabuzi izinto ozikholelwayo, kwaye awutyhalwa ngasemva xa kufuneka uzisebenzisile.”—UJill.

Inyaniso yile: Ukuba akuzithandabuzi iinkolelo zakho ngokulalana, uza kukwazi ukubacacisela abanye. Kwaye ungothuka wakuva oko abantu bakutshoyo ngazo. UMelinda ona-21 uthi: “Abantu endiphangela nabo bayandincoma ngokuhlala ndinyulu. Ababoni nto ityhulu. Kunoko bandigqala njengomntu okwaziyo ukuzibamba noneempawu ezintle.”

Icebiso! Ukuba udinga uncedo oluza komeleza iinkolelo zakho ngesini, zikhuphelele eli phepha unokubhala kulo elithi, “Indlela Yokuchaza Iinkolelo Zakho Ngokulalana.” Okunye, unokukhangela incwadi ethi, Imibuzo Yabantu Abaselula​—Iimpendulo Eziluncedo.

  •   Isahluko 24 soMqulu 1 sinomxholo othi, “Ngaba Iintlobano Zesini Zinokusenza Sithandane Ngakumbi?”

  •   Isahluko 5 soMqulu wesi 2 sinomxholo othi, “Kutheni Ufanele Uhlale Unyulu?”

“Ndiyayithanda indlela ecacisa ngayo incwadi ‘Yabantu Abaselula.’ Ngokomzekelo, iphepha 187 loMqulu 1 lifanisa ukulalana ngaphambi komtshato kunye nokulahla inekleyisi eduru. Uphelelwa sisidima. Iphepha 177 lifanisa ukulalana ngaphambi komtshato kunye nokuthatha umzobo omhle wexabiso uwenze imethi yokosula iinyawo. Kodwa owona mzekelo ndiwuthandayo ukwiphepha 54 kuMqulu 2. Amagama asezantsi komfanekiso athi, ‘Ukuba neentlobano zesini ungatshatanga kufana nokuvula isipho ongekasinikwa.’ Kufana nokungathi uba into yomnye umntu​—iqabane oza kutshata nalo.”—UVictoria.