Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Musa Ukoyika. Mna Ngokwam Ndiza Kukunceda”

“Musa Ukoyika. Mna Ngokwam Ndiza Kukunceda”

MASITHI uhamba esitratweni ezinzulwini zobusuku. Usahamba njalo, uva ukuba kukho umntu okulandelayo. Xa usima nalo mntu uyema. Xa unyusa isantya naye uyasinyusa. Uqalisa ukubaleka; ukhawuleza ungena kwikhaya lomhlobo wakho elikufutshane. Xa umhlobo wakho evula ucango aze akungenise endlwini, kuqala kuthi xibilili.

Mhlawumbi ayizange ikhe ikwehlele into efana nale, kodwa ezinye iingxaki zobomi zinokusenza sixhalabe. Ngokomzekelo, ngaba uzama ukulwa nobuthathaka obuthile kodwa uqhubeka usenza impazamo enye? Ngaba kangangexesha elide awufumani msebenzi enoba uzama kangakanani na? Ngaba unexhala lokwaluphala nokujongana neengxaki zempilo? Okanye ngaba kukho eny’ into ekuhluphayo?

Enoba ujongene nayiphi na ingxaki, ngaba awunakukuvuyela ukuba nomntu oza kumchazela izinto ezikuxhalabisayo aze akunike uncedo oludingayo? Ngaba unaye umhlobo osondele olo hlobo? Ewe, unaye! UYehova ungumhlobo onjalo kuwe, njengokuba wayenguye nakuAbraham, ngokutsho kukaIsaya 41:8-13. Kwivesi 10 no-13 uYehova uthi kubanquli bakhe: “Musa ukoyika, kuba ndinawe. Musa ukubhekabheka, kuba ndinguThixo wakho. Ndiza kukuqinisa. Ndiza kukunceda ngokwenene. Ndiza kukubamba nkqi ngokwenene ngesandla sam sasekunene sobulungisa. Kuba mna, Yehova uThixo wakho, ndibamba isandla sakho sasekunene, ndithi kuwe, ‘Musa ukoyika. Mna ngokwam ndiza kukunceda.’”

“NDIZA KUKUBAMBA NKQI NGOKWENENE”

Ngaba la mazwi awakomelezi? Khawube nomfanekiso-ngqondweni inguwe lo kuthethwa ngaye apha. Apha akuthiwa uhamba noYehova nibambene ngezandla, nangona ibinokuvakala iyinto emnandi leyo. Ukuba benihamba nibambene ngezandla, isandla sakhe sasekunene besiza kubamba esakho sasekhohlo. Kunoko, uYehova wolula ‘isandla sakhe sasekunene sobulungisa’ aze abambe “isandla sakho sasekunene,” ngokungathi ukutsala aze akukhuphe kwimeko enzima ojamelene nayo. Njengoko ekutsala, ukuqinisekisa ngala mazwi: “Musa ukoyika. Mna ngokwam ndiza kukunceda.”

Ngaba umjonga uYehova njengoBawo onothando noMhlobo oza kukunceda xa ujamelene nobunzima? Unomdla kuwe, ukukhathalele yaye ufuna nyhani ukukunceda. Xa ujamelene nobunzima, uYehova ufuna uzive ukhuselekile kuba usondele kakhulu kuwe. Ngenene ‘uluncedo olufumaneka ngokukhawuleza ekubandezelekeni.’—INdu. 46:1.

UKUZIVA UNETYALA NGENXA YEEMPAZAMO ZANGAPHAMBILI

Abanye basazikhathaza ngezenzo zabo zangaphambili baze bathandabuze ukuba uThixo ubaxolele. Ukuba kunjalo nakuwe, cinga ngendoda ethembekileyo uYobhi, owaye wazivuma ‘iziphoso zobutsha bakhe.’ (Yobhi 13:26) Umdumisi uDavide wayekhe wavakalelwa ngolo hlobo, waza wamcenga uYehova wathi: “Ungazikhumbuli izono zobutsha bam nemvukelo yam.” (INdu. 25:7) Ngenxa yokungafezeki, sonke siye ‘sona saza sasilela kuzuko lukaThixo.’—Roma 3:23.

Amazwi akuIsaya isahluko 41 ayebhalelwe abantu bakaThixo bamandulo. Bamona uYehova ukusa kwinqanaba lokuba abazisele umgwebo ngokubangela ukuba bathinjelwe eBhabhiloni. (Isa. 39:6, 7) Sekunjalo, uThixo wayejonge phambili kwixesha laxa enceda abo baye baguquka baza babuyela kuye! (Isa. 41:8, 9; 49:8) Ngokufanayo, namhlanje uYehova ubonisa ububele bothando kwabo bafuna ukuba ngakwicala lakhe.—INdu. 51:1.

Cinga ngamava kaTakuya, * owayezama ukulwa nemikhwa engcolileyo yokubukela iphonografi nokuphulula amaphambili. Ngamanye amaxesha wayemane esiwela kuyo le mikhwa. Wayevakalelwa njani? “Ndandiziva ndingento yanto, kodwa xa ndithetha noYehova ngomthandazo ndize ndimcele ukuba andixolele, wayesoloko endinceda ndizive bhetele.” Wayekwenza njani oko uYehova? Abadala basebandleni likaTakuya bamcela ukuba abafowunele nanini na eye wawela kulo mkhwa. Uthi: “Kwakungekho lula ukubafowunela, kodwa xa ndiye ndakwenza oko, babendomeleza.” Abadala balungiselela ukuba umveleli wesiphaluka aye kutyelela uTakuya. Umveleli wesiphaluka wathi: “Andizanga ngempazamo apha. Ndicelwe ngabadala ukuba ndikutyelele. Bakhethe wena ukuba ibe nguwe ofumana olu tyelelo lokwalusa.” UTakuya uthi: “Ndim owayesona, kodwa uYehova wasebenzisa abadala ukuba bandincede.” UTakuya waqhubeka ephucula de wanguvulindela othe ngxi yaye ngoku ukhonza kwiofisi yesebe. Njengalo mzalwana, uThixo angakunceda nawe.

UKUZIXHALABISA NGENDLELA YOKUZIPHILISA

Ukungaphangeli kubangela amaxhala kubantu abaninzi. Abanye baye balahlekelwe yimisebenzi baze basokole ukufumana omnye. Khawuthelekelele indlela obuya kuvakalelwa ngayo xa ungade uqashwe. Xa bejongene nale meko, abaninzi baye bazive bephelelwe sisidima. Angakunceda njani uYehova? Usenokungakuniki umsebenzi ngoko nangoko, kodwa angakunceda ukhumbule amazwi kaKumkani uDavide athi: “Ndakha ndangumfana, kungokunje ndimdala, kodwa andikaboni nabani na olilungisa eshiywe ngokupheleleyo, nenzala yakhe ifuna isonka.” (INdu. 37:25) Ewe, uxabisekile kuYehova, ibe ‘ngesandla sakhe sasekunene sobulungisa’ angakunceda ufumane oko ukudingayo ukuze uqhubeke umkhonza.

Angakunceda njani uYehova ukuba ulahlekelwa ngumsebenzi?

USara ohlala eColombia, wazibonela ngokwakhe amandla kaYehova. Wayesebenza kwinkampani edumileyo, efumana umvuzo omhle kodwa wabe umsebenzi wakhe umtyela ixesha elininzi. Wayefuna ukuyandisa inkonzo yakhe kuYehova, ngoko wayeka ukuphangela waza waba nguvulindlela. Sekunjalo, wayengawufumani umsebenzi ongazukumtyela ixesh’ elininzi. Wazivulela ivenkilana yee-ice-cream kodwa ekuhambeni kwexesha waphelelwa yimali, kwaza kwanyanzeleka ayivale. USara uthi: “UYehova wandinceda ndakwazi ukunyamezela iminyaka emithathu enzima kakhulu.” Waye wafunda ukwahlula phakathi kwezinto azinqwenelayo nezinto azidingayo aze angaxhalabeli ingomso. (Mat. 6:33, 34) Ekuhambeni kwexesha, wafowunelwa ngulaa mqeshi wakhe emcela ukuba abuyele emsebenzini. Waphendula wathi, unokuwamkela lo msebenzi kuphela ukuba uza kusebenza ngamaxesha athile, aze abe nexesha elaneleyo lokukhonza uYehova. Nangona uSara engasafumani mali ininzi njengakuqala, uyakwazi ngoku ukuqhubeka nenkonzo yobuvulindlela. Phezu kwayo yonke loo nto, uthi, “Ndalubona uthando lukaYehova.”

UKUXHALABELA UKWALUPHALA

Enye into exhalabisa kakhulu kukwaluphala. Xa abantu abaninzi bethatha umhlala phantsi baqalisa ukucinga ukuba baza kuba nayo na imali yokuqhubeka bephila kamnandi. Bazixhalabisa nangeemeko zempilo abasenokujamelana nazo njengoko besiya besaluphala. Ngenxa yesi sizathu uDavide wambongoza uYehova wathi: “Musa ukundilahla ngexesha lobudala; xa amandla am ephela, musa ukundishiya.”—INdu. 71:9, 18.

Bangenza njani ke abakhonzi bakaYehova ukuze bazive bengenaxhala xa boluphele? Kufuneka baqhubeke beluhlakulela ukholo lwabo kuThixo, baze bamthembe ukuba uza kubaxhasa ngezinto eziyimfuneko. Ewe kona, xa bekhe baphila ubomi obutofotofo kangangeminyaka emininzi, kusenokufuneka ngoku baphile ubomi obulula baze baneliswe zizinto abanazo. Banokufumanisa ukuba ukutya ‘imifuno’ kumnandi kwaye kuluncedo kwimpilo yabo, kunokutya inyama ‘yenkunzi yenkomo etyebileyo.’ (IMize. 15:17) Ukuba uzimisele ekukhonzeni uYehova, uza kukunyamekela naxa usaluphala.

UJosé noRose bakunye noTony noWendy

Cinga ngemeko kaJosé noRose abagqibe iminyaka eyi-65 bekwinkonzo yexesha elizeleyo. Kangangeminyaka kwafuneka banyamekele utata kaRose, owayefuna ukujongwa imini nobusuku. Kwakhona, uJosé kwafuneka anyamezele utyando nonyango lomhlaza. Ngaba uYehova uye wasolulela isandla sakhe sasekunene kwesi sibini sithembekileyo? Ewe, kodwa njani? Wasebenzisa uTony noWendy, esinye isibini ebandleni esabanika indawo yokuhlala. UTony noWendy babeneflethi ababefuna ukuyinika abazalwana abakwinkonzo yexesha elizeleyo, bangabhatali renti. Kwiminyaka ngaphambili, uTony wayedla ngokuthi xa esesikolweni abone uJosé noRose efestileni besentsimini. Wayebathanda ngenxa yenzondelelo ababenayo, kwaye lento yamchukumisa kakhulu. Ekubeni esi sibini sikhulileyo sasichithe ubomi baso bonke kwinkonzo yexesha elizeleyo, uTony noWendy baziva bengenako ukungabancedi ngendawo yokuhlala. Kule minyaka iyi-15 idlulileyo bebeqhubeka benceda uJosé noRose, ngoku abasele beneminyaka engaphezu kweyi-80. Aba bakhulileyo balujonga njengesipho esivela kuYehova uncedo abalunikwa sesibini sisesitsha.

Nawe uYehova ufuna ukukunceda ‘ngesandla sakhe sasekunene sobulungisa.’ Ngaba uza kusabela ngokuthi wolulele isandla sakho kulowo ukuthembisa athi: “Musa ukoyika. Mna ngokwam ndiza kukunceda”?

^ isiqe. 11 Amanye amagama atshintshiwe.