Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UEric noAmy

Bazinikela Ngokuvumayo—⁠EGhana

Bazinikela Ngokuvumayo—⁠EGhana

NGABA kukho abazalwana okanye oodade obaziyo abafudukele kwelinye ilizwe elinendingeko engakumbi yabavakalisi boBukumkani? Ngaba wakhe wazibuza ukuba: ‘Yintoni ebenze baya kukhonza kwelinye ilizwe? Baye balulungiselela njani olu hlobo lwenkonzo? Ngaba nam ndingayingenela?’ Ukuze sifumane iimpendulo zale mibuzo, makhe sive kwaba bazalwana noodade balandelayo.

YINTONI EBAQHUBAYO?

Yintoni eyakuqhubela ukuba ucinge ngokuya kukhonza kwilizwe lasemzini, apho kukho indingeko yabavakalisi abangakumbi? UAmy, osele eyigabhule iminyaka eyi-30, osuka eMerika, ubalisa athi: “Kangangeminyaka emininzi ndandicinga ngokuya kukhonza kwilizwe lasemzini, kodwa kwakubonakala ngathi liphupha nje elo.” Wancedwa yintoni? “Ngo-2004 esinye isibini esikhonza eBelize sandimema ukuba ndiye kushumayela naso kangangesithuba senyanga. Ndaya—yaye kwakumnandi nyhani! Emva konyaka, ndafudukela eGhana ndiye kukhonza njengovulindlela.”

UAaron noStephanie

Kwiminyaka edlulileyo, uStephanie, ngoku osele eza kugqiba iminyaka eyi-30 naye osuka eMerika, wazihlolisisa ngenyameko iimeko zakhe waza wafikelela kwesi sigqibo: ‘Ndisempilweni yaye andinantsapho ixhomekeke kum. Eneneni, ndinokumenzela okungakumbi uYehova kunokuba ndisenza ngoku.’ Oko kuzihlolisisa ngokunyanisekileyo kwamqhubela ekubeni afudukele eGhana ukuze andise ubulungiseleli bakhe. UFilip no-Ida, isibini esingoovulindlela saseDenmark esineminyaka engaphezu kweyi-50, babesoloko becinga ngokufudukela kwindawo ekukho indingeko engakumbi kuyo. Babesoloko befuna iindlela zokufezekisa umnqweno wabo. UFilip uthi: “Xa kwavela ithuba, kwaba ngathi uYehova uthi, ‘Ningahamba ke ngoku!’” Ngo-2008 bafudukela eGhana baza bakhonza apho ngaphezu kweminyaka emithathu.

UBrook noHans

UHans noBrook, isibini esingoovulindlela esineminyaka epha kwi-30, bakhonza eMerika. Ngo-2005 bancedisa amaxhoba entlekele eNkanyamba uKatrina. Kamva, bafaka isicelo sokuba ngamatsha-ntliziyo kumsebenzi wokwakha wezizwe ngezizwe, kodwa asizange samkelwe. UHans uthi: “Kamva, seva intetho endibanweni eyabonisa ukuba uKumkani uDavide wayamkela into yokuba wayengazukuvunyelwa ukuba akhe itempile, ngoko walutshintsha usukelo lwakhe. Loo ngongoma yasinceda sabona ukuba akukho nto iphosakeleyo ngokulutshintsha usukelo lwakho.” (1 Kron. 17:1-4, 11, 12; 22:5-11) UBrook wongezelela ngelithi, “UYehova wayefuna sizame olunye usukelo.”

Emva kokuva amava amnandi kubahlobo babo ababekhonza kwamanye amazwe, uHans noBrook baziva bekhuthazekile ukuba babe ngoovulindlela kwelinye ilizwe. Ngo-2012, baya eGhana baza bakhonza iinyanga ezine benceda ibandla lentetho yezandla. Nangona kwafuneka babuyele eMerika, amava okukhonza eGhana awenza wakhula umnqweno wabo wokubeka izilangazelelo zoBukumkani kuqala ebomini babo. Ukususela ngoko, baye banceda kulwakhiwo lwesebe laseMicronesia.

BATHABATHA AMANYATHELO OKUFIKELELA USUKELO LWABO

Wazilungiselela njani ukuze uye kukhonza apho kukho indingeko enkulu? UStephanie uthi: “Ndenza uphando kumanqaku eMboniselo athetha ngokuya kukhonza apho kukho indingeko. * Kwakhona, ndaye ndathetha nabadala bebandla kunye nomveleli wesiphaluka nenkosikazi yakhe ngomnqweno wam wokuya kukhonza kwelinye ilizwe. Yaye, ndandiluthandazela rhoqo usukelo lwam kuYehova.” Kwangaxeshanye uStephanie wabugcina bulula ubomi bakhe, nto leyo eyamnceda wabekela bucala imali yokuzixhasa ngoxa ekhonza kwelinye ilizwe.

UHans uthi: “Saye sathandazela ukhokelo lukaYehova, kuba sasifuna ukuya apho yena afuna siye khona. Emthandazweni wethu saye sakhankanya nosuku esasiza kuqalisa ngalo ukwenza amalungiselelo.” Bathumela iileta kwiiofisi zamasebe ezine. Emva kokuba befumene impendulo encumisayo evela kwiofisi yesebe laseGhana, baya ngenjongo yokuhlala iinyanga ezimbini kuphela. UHans uthi: “Kwaba mnandi nyhani ukusebenza nebandla, kangangokuba salandisa ixesha lotyelelo lwethu.”

UAdria noGeorge

UGeorge noAdria, isibini esisele siyigabhule iminyaka eyi-30 saseKhanada, bahlala beyicinga into yokuba uYehova usikelela izigqibo ezihle kungekhona nje iminqweno emihle. Ngoko benza amalungiselelo okufikelela usukelo lwabo. Bathetha nomnye udade owayekhonza apho kukho indingeko khona eGhana, baza bambuza imibuzo emininzi. Baphinda babhalela nesebe laseKhanada kunye nelaseGhana. UAdria wongezelela ngelithi: “Sakhangela nezinye iindlela zokubenza lula nangakumbi ubomi bethu.” Ezo zigqibo zabenza batsho bakwazi ukufudukela eGhana ngo-2004.

UKUJAMELANA NEENGXAKI

Ziziphi iingxaki owajamelana nazo emva kokuba ufudukile, yaye wazisingatha njani? Eka-Amy ingxaki, yayikukukhumbula ikhaya. “Yonke into yayahluke kakhulu kunayo nantoni na endandiyiqhelile.” Wancedwa yintoni? “Amalungu entsapho ayemane endifowunela endixelela indlela ayixabisa ngayo into yokuba ndikwinkonzo yexesha elizeleyo, yaye loo nto yandinceda ukuba ndisoloko ndisikhumbula isizathu sokuba ndifuduke. Mna nentsapho yasekhaya saqalisa ukufowunelana ngevidiyo sisebenzisa i-intanethi. Yayindithuthuzela into yokuba sikwazi ukufowunelana sibonana xa sithetha, ngoko intsapho yasekhaya yayingathi isondele kakhulu kum.” UAmy uthi waphinda wancedwa kukuba nodade wasekuhlaleni owaba ngumhlobo osondeleyo kuye, nowamnceda waqhelana nezithethe zasekuhlaleni. “Ndandibalekela kumhlobo wam, nanini na kukho into endingayiqondiyo eyayisenziwa ngabantu. Ngoncedo lwakhe, ndafunda ukuba ndenze okanye ndiphephe ntoni, nto leyo eyandinceda kakhulu ukuba ndisiphumeze ngovuyo isabelo sam.”

UGeorge noAdria bathi xa bafudukela eGhana, babevakalelwa ngathi babebuyele kumaxesha akudala. UAdria uthi: “Endaweni yokusebenzisa oomatshini bokuhlamba iimpahla, sasisebenzisa amabhakethi. Ukwenza ukutya kwakuthatha ixesha elide kakhulu kunokuba sasiqhelile. Kodwa emva kwexesha, izinto ezazibonakala zinzima, zaba zizinto ekumnandi ukuzifunda.” UBrook uthi: “Ngaphandle kweengxaki esidibana nazo njengoovulindlela, siphila ubomi obanelisayo. Xa sicingisisa size sidibanise onke amava akhuthazayo esinawo, siba neenkumbulo neengcinga ezintle esizixabisayo.”

UBULUNGISELELI OBUVUYISAYO

Kutheni ulukhuthaza olu hlobo lwenkonzo yoBukumkani kwabanye? UStephanie uthi: “Ukushumayela kwintsimi apho udibana nabantu abanomdla omkhulu wokufunda iBhayibhile yonke imihla, kuzisa uvuyo lokwenene. Ukufudukela apho kukho indingeko enkulu, sesinye sezona zigqibo zibalulekileyo endakha ndazenza!” Ngo-2014, uStephanie watshata noAaron yaye namhlanje bakhonza kwiofisi yesebe laseGhana.

UChristine, uvulindlela osuka eJamani okwiminyaka epha kwi-30, uthi: “Ngamava amnandi ngenene ukufudukela kwelinye ilizwe.” UChristine wakhe wakhonza eBolivia ngaphambi kokufudukela eGhana. Wongezelela ngelithi: “Ukuba kude kangako kwintsapho yasekhaya, kwandinceda ndasoloko ndikhalela kuYehova. Uye waba ngumntu wokwenene nangakumbi kum kunangaphambili. Ndiye ndaphinda ndanandipha umanyano olumangalisayo olufumaneka kuphela phakathi kwabantu bakaYehova. Le nkonzo iye yabenza banenjongo ubomi bam.” UChristine usandul’ ukutshata noGideon, yaye bobabini baqhubeka bekhonza eGhana.

UChristine noGideon

UFilip no-Ida basibalisela indlela abenza ngayo ukuze bancede izifundo zabo zeBhayibhile zenze inkqubela. Bathi: “Sasikade sinezifundo zeBhayibhile eziyi-15 nangaphezulu, kodwa ngoku siyaqiniseka ukuba azidluli ku-10, ukuze sikwazi ukuzifundisa ngokucokisekileyo.” Waba yintoni umphumo kubafundi? UFilip uthi, “Ndandifunda nomnye umfana ogama linguMichael. Wayekwazi ukufunda zonke iintsuku, yaye wayelungiselela kakuhle kangangokuba sayigqiba incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile ngenyanga nje enye. Emva koko, uMichael waba ngumvakalisi ongabhaptizwanga. Ngosuku nje lwakhe lokuqala entsimini, wandicela wathi: ‘Ungandinceda ngezifundo zam zeBhayibhile?’ Ndamjonga ndothukile. Wandicacisela uMichael ukuba wayeqale izifundo ezithathu yaye udinga uncedo lokuziqhuba.” Khawufan’ ucinge, inkulu kakhulu indingeko kangangokuba nezifundo zeBhayibhile ziqala ezazo izifundo zeBhayibhile!

UIda noFilip

UAmy uchaza indlela awakhawuleza wabona ngayo ukuba kwakukho indingeko enkulu. Uthi: “Ukufika nje kwethu eGhana, sashumayela kwilali encinane saza sakhangela abantu abazizithulu. Zange sifumane umntu nje omnye osisithulu, kodwa isibhozo sonke, kuloo lali iyodwa!” Ebudeni belo xesha uAmy watshata noEric, ibe bobabini bangoovulindlela abakhethekileyo. Bakwibandla lentetho yezandla apho banceda khona abavakalisi abazizithulu abangaphezu kwe-300 kunye nabanye abanomdla kwelo lizwe. Yena uGeorge noAdria, ukukhonza kwabo eGhana kwabanceda bazibonela ngokwabo ukuba kunjani ukuba ngabathunywa bevangeli. Ngoko bavuya gqitha xa bamenywayo ukuba baye kwiklasi ye-126 yeSikolo saseGiliyadi! Ngoku bakhonza njengabathunywa bevangeli eMozambiki.

BAQHUTYWA LUTHANDO

Kuvuyisa gqitha ukubona abantu abaninzi kangaka abasuka kwamanye amazwe besebenza kunye nabazalwana noodade basekuhlaleni kulo msebenzi wokuvuna. (Yoh. 4:35) Veki nganye, kubhaptizwa abantu abamalunga ne-120 eGhana. Ngokufanayo nabathunywa bevangeli abayi-17 abaseGhana, kukho abangamawakawaka ehlabathini lonke abaye baqhutywa kukuthanda uYehova ukuba ‘bazinikele ngokuvumayo,’ okanye ngokuzithandela. Bakhonza kwiindawo ekufuneka abavakalisi boBukumkani abangakumbi kuzo. Hayi indlela abamele ukuba bayivuyisa ngayo intliziyo kaYehova aba bavakalisi bazinikela ngokuzithandela!—INdu. 110:3; IMize. 27:11.

^ isiqe. 9 Ngokomzekelo, jonga inqaku elithi “Ngaba Ungafudukela Kwindawo Ekufuneka Abavakalisi BoBukumkani Abangakumbi Kuyo?” nelithi “Ngaba Ungawelela EMakedoni?”—IMboniselo ka-Aprili 15 nekaDisemba 15, 2009.