Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndinokumkhetha Njani Umntu Endifuna Ukufana Naye?

Ndinokumkhetha Njani Umntu Endifuna Ukufana Naye?

“Xa ndandineengxaki esikolweni, kwakundinceda ukucinga ngomntu endifuna ukufana naye owayeneengxaki ezifana nezam ndize ndenze oko wakwenzayo. Kundincede ndaphumela kwiingxaki endinazo ukuba nomntu endifuna ukufana naye.”​—UHaley.

Ukuba nomntu ofuna ukufana naye kukunceda uphephe iingxaki uze uzenze nezinto ozimisele ukuzenza. Eyona nto ifunekayo kukukhetha umntu ongumzekelo omhle.

 Kutheni umele ukhethe kakuhle?

  • Umntu okhetha ukufana naye uza kuyichaphazela indlela ozenza ngayo izinto.

    IBhayibhile ithi amaKristu afanele abaqaphele abantu abangumzekelo xa isithi: “Njengoko nisondela impumelelo yehambo yabo xelisani ukholo lwabo.”​—Hebhere 13:7.

    Icebiso: Ekubeni umntu okhetha ukufana naye eza kukubangela wenze izinto ezintle okanye ezimbi, khetha umntu oneempawu ezintle kungekhona umntu owaziwayo okanye intanga yakho.

    “Ininzi into endiyifundileyo kuAdam, ongumKristu, kwindlela acinga ngayo nakwindlela azenza ngayo izinto. Okumangalisayo kukuba ndisazikhumbula izinto awayezithetha nawayezenza. Akayazi indlela awandinceda ngayo.”​—UColin.

  • Abantu okhetha ukubalinganisa baza kuyichaphazela indlela ocinga noziva ngayo.

    IBhayibhile ithi: “Ningalahlekiswa. Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.”​—1 Korinte 15:33.

    Icebiso: Khetha umntu oneempawu ezintle, kungekhona umntu omhle. Ukuba awenzi njalo usenokuphoxeka.

    “Uziva ungabalulekanga ibe umbi xa usoloko uzithelekisa nabantu abahle. Loo nto isenokukwenza uzixhalabise kakhulu ngendlela okhangeleka ngayo.”​—UTamara.

    Khawucinge ngoku: Ziintoni ezisenokuba yingxaki xa ufuna ukufana nabantu abadumileyo nabadlali?

  • Umntu okhetha ukufana naye usenokukwenza uzenze izinto ozimisele ukuzenza okanye ungazenzi.

    IBhayibhile ithi: “Ohamba nezilumko uya kuba sisilumko naye.”​—IMizekeliso 13:20.

    Icebiso: Xa ukhetha abantu ofuna ukufana nabo, khetha abantu abaneempawu ezintle ofuna ukuba nazo. Njengoko ubabukela, usenokufunda izinto ezinokukunceda uzenze izinto ozimisele ukuzenza.

    “Endaweni yokuthi ndifuna ukwenza izinto kakuhle ithi, ‘Ndifuna ukwenza izinto kakuhle njengoJane. Akafik’ emva kwexesha ibe uyazimisela xa esenza umsebenzi wakhe.’”​—UMiriam

    Inyaniso yile: Xa umkhetha kakuhle umntu ofuna ukufana naye, nguwe ogqibayo ngomntu ofuna ukuba nguye.

Ukufuna ufana nomntu ongumzekelo omhle kusenokuba yindlela ekhawulezileyo yokwenza izinto ozimisele ukuzenza!

 Indlela onokukhetha ngayo

Ikhona indlela okanye ezimbini onokukhetha ngazo umntu ofuna ukufana naye.

  1. Usenokukhetha uphawu ofuna ukuba nalo uze ukhangele umntu ofuna ukufana naye onolo phawu.

  2. Usenokukhetha umntu ofuna ukufana naye uze ukhethe uphawu analo ofuna ukuba nalo.

Iphepha onokubhala kulo elihamba neli nqaku lingakunceda ukwenze oku.

Naba abantu osenokukhetha ukufana nabo:

  • Iintanga zakho. “Umhlobo wam ngumntu endifuna ukufana naye. Usoloko ekulungele ukuyeka nantoni na ayenzayo ukuze ancede omnye umntu. Umncinci kum kodwa uneempawu ezintle endingenazo ibe loo nto indenza ndifune ukufana naye.”​—UMiriam.

  • Abantu abadala. Isenokuba ngabazali bakho okanye abantu abasebandleni. “Mna ndifuna ukufana nabazali bam. Baneempawu ezintle. Ndiyazibona iimpazamo zabo kodwa ke basathembekile. Xa ndilingana nabo ndibawela kuthethwe njalo ngam.”​—UAnnette.

  • Abantu abaseBhayibhileni. “Baninzi abantu abaseBhayibhileni endikhethe ukufana nabo ngenxa yezizathu ezahlukahlukeneyo, njengoTimoti, uRute, uYobhi, uPetros nentwazana yomSirayeli. Njengokuba ndisiya ndifunda ngabo baya besiba ngabantu bokwenene. Ndizithanda kakhulu izinto endizifunde kwincwadi ethi, Xelisa Ukholo Lwabo nakwindawo ethi ‘Isalathiso Semizekelo Yokuxeliswa’ efumaneka kuyo yomibini imiqulo yencwadi ethi, Imibuzo Yabantu Abaselula​—Iimpendulo Eziluncedo.”​—UMelinda.

Icebiso: Sukufuna ukufana nomntu omnye kuphela. Umpostile uPawulos wathi: “Nize nibanyamekele abo bahamba ngokuvumelana nomzekelo esinimisele wona.”​—Filipi 3:17.

Ngaba ubusazi? Ukhona umntu onokufuna ukufana nawe. IBhayibhile ithi: “Yiba ngumzekelo wabo bathembekileyo ngokuthetha, ngehambo, ngothando, ngokholo, ngobunyulu.”​—1 Timoti 4:12.

“Nangona kusenokufuneka uphucule kwezinye iimpawu, usenokubanceda abanye abantu baphucule ezabo. Awazi ukuba ngubani obukeleyo nendlela into oyithethayo enokubutshintsha ngayo ubomi bomnye umntu.”​—UKiana.