Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO: NGABA UTHIXO UKHOHLAKELE?

Kutheni Abantu Besithi UThixo Ukhohlakele?

Kutheni Abantu Besithi UThixo Ukhohlakele?

NGABA uyakothusa lo mbuzo ukuqweqwe lweli phephancwadi? Uyabothusa abanye, kodwa ke abantu abaninzi namhlanje bayazibuza enoba uThixo ukhohlakele kusini na—ukanti abanye bona bathi ukhohlakele. Ngoba?

Ngenxa yeentlekele zemvelo abanye bayazibuza ukuba: “Kutheni uThixo eziyeka ezi zinto zenzeke? Ngaba akakhathali? Okanye ngaba ukhohlakele?”

Abanye bazibuza lo mbuzo xa befunda iBhayibhile. Xa befunda amabali anjengelikaNowa noMkhukula bathi, ‘Kwakutheni ukuze uThixo onothando abulale abantu abaninzi kangaka? Ngaba ukhohlakele?’

Ngaba nawe ukhe uzibuze le mibuzo? Okanye ngaba awukwazi ukubaphendula abantu abathi uThixo sisikhohlakali? Enoba injani imeko yakho, mhlawumbi kuya kukunceda ukuzibuza lo mbuzo olandelayo.

KUTHENI SIYICAPHUKELA INKOHLAKALO?

Ngamafutshane, siyicaphukela ngenxa yokuba siyayazi into entle nembi. Loo nto isenza sahluke kakhulu kwizilwanyana. UMdali wasenza “ngokomfanekiso wakhe.” (Genesis 1:27) Kutheth’ ukuthini oku? Wasidala ukuze sikwazi ukuba neempawu zakhe kwaye sifunde kuye ukuba yintoni elungileyo nembi. Khawucinge ngoku: Ukuba nguThixo owasenza sawazi umahluko phakathi kwento elungileyo nengalunganga yaye siyayicaphukela inkohlakalo, ngaba loo nto ayithethi kuthi naye uThixo uyayicaphukela?

IBhayibhile ifundisa ukuba uThixo uyithiyile inkohlakalo, kuba eBhayibhileni uThixo uthi: ‘Iindlela zam ziphakamile kuneendlela zenu, neengcamango zam kuneengcamango zenu.’ (Isaya 55:9) Ukuba besinokuthi uThixo ukhohlakele, ngaba loo nto ibingayi kutheth’ ukuthi siyakuphikisa oko kuthethwa yiBhayibhile xa isithi iindlela zikaThixo ziphakamile kunezethu? Bekuya kuba bubulumko ukuqala uwuphande kakuhle lo mbandela ngaphambi kokuba uthethe. Mhlawumbi eyona nto kufuneka sizibuze yona asikokuba uThixo ukhohlakele kusini na, kodwa sisizathu sokuba ezinye zezinto azenzayo zibonakala ngathi zikhohlakele. Into eza kusinceda kukuqonda oko kuthethwa “kukukhohlakala.”

Xa sisithi umntu ukhohlakele, sithi wenza izinto ezimbi ngabom. Umntu okhohlakeleyo uyavuya xa ebona abanye besezintlungwini yaye akakukhathalele ukuxhwaleka kwabo. Ngenxa yoko, utata owohlwaya unyana wakhe kuba nje evuya xa embona ekhathazekile ukhohlakele. Kodwa utata owohlwaya unyana wakhe kuba efuna ukumlungisa okanye ukumkhusela ulungile. Kulula ngathi ukucinga ukuba abantu benze izinto ezithile kuba beneenjongo ezimbi, njengokuba kusenokwenzeka ukuba nawe uyayazi loo nto ukuba wakha wacingelwa kakubi.

Makhe sithethe ngezizathu ezibini ezibangela ukuba abanye bacinge ukuba uThixo ukhohlakele—iintlekele zemvelo ezenzeka namhlanje kunye namabali eBhayibhile athetha ngendlela uThixo awabohlwaya ngayo abantu abathile. Ngaba nyhani bukho ubungqina bokuba uThixo ukhohlakele?