Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 IMIBUZO YEBHAYIBHILE IYAPHENDULWA

Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa

Ngaba izono zethu zinokuxolelwa?

Akukho nzima ukwamkeleka kuThixo

IBhayibhile ithi sonke singaboni. Isono sasifumana kumntu wokuqala uAdam. Yiyo loo nto ngamanye amaxesha sisenza izinto ezimbi size sizisole ngazo. UNyana kaThixo uYesu Kristu wazifela izono zethu. Siyakwazi ukuxolelwa ngenxa yedini lakhe lentlawulelo, elisisipho esivela kuThixo.—Funda amaRoma 3:23, 24.

Abanye abantu baye benza izono ezinzulu kwaye bayazibuza ukuba ngaba uThixo unokubaxolela na. Okuvuyisayo kukuba, iLizwi likaThixo lithi, ‘igazi likaYesu uNyana wakhe lisihlambulula kuso sonke isono.’ (1 Yohane 1:7) UYehova uyabaxolela abantu abamone ngokunzulu, xa beguquka ngokunyanisekileyo.—Funda uIsaya 1:18.

Yintoni ekufuneka siyenze ukuze sixolelwe?

Ukuba sifuna uYehova uThixo asixolele, kufuneka sifunde ngaye—siziqonde iimfundiso zakhe, amacebiso kunye nezinto alindele ukuba sizenze. (Yohane 17:3) UYehova uyabaxolela abo baguqukayo kwizinto ezimbi abazenzayo.—Funda iZenzo 3:19.

Akukho nzima ukwamkeleka kuThixo. UYehova uyabuqonda ubuthathaka bethu. Uyaxolela kwaye unobubele. Ngaba indlela anobubele ngayo ayikwenzi ufune ukufunda ngakumbi ngaye uze wenze izinto azithandayo?—Funda iNdumiso 103:13, 14.