Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 SONDELA KUTHIXO

Ngaba Nyhani UYehova Usikhathalele?

Ngaba Nyhani UYehova Usikhathalele?

Enye inkosikazi eyayingakholelwa ukuba uYehova uyikhathalele yathi: “Ukuziva kungekho yam yeyona nto indenza ndibe madolwanzima ukuba ndisondele kuThixo.” Ngaba nawe uvakalelwa ngolo hlobo? Ukuba kunjalo, mhlawumbi uyazibuza ukuba, ‘Ngaba uYehova ukhathalele mntu ngamnye omkhonzayo?’ Impendulo ngu-ewe! Amazwi kaYesu ayisiqinisekisa ukuba uYehova unomdla kuye ngamnye wethu.—Yohane 6:44.

UYesu omazi ngaphezu kwakhe nabani na uYehova, wathini? (Luka 10:22) UYesu wathi: “Akukho mntu unako ukuza kum ngaphandle kokuba uBawo, owandithumayo, amtsale.” Ngoko asinakukwazi ukuba ngabalandeli bakaKristu nabanquli bakaYehova—uYehova engakhange asitsale. (2 Tesalonika 2:13) Ukuba siyakuqonda oko kwakuthethwa nguYesu, sakutsho sazi ukuba uThixo unomdla kuthi.

Kuthetha ukuthini ukutsalwa nguYehova? Isenzi sesiGrike esiguqulelwe ngokuthi ‘ukutsala’ sikwasetyenziswa naxa kuthethwa ngokurhuqa umnatha oneentlanzi. (Yohane 21:6, 11) Ngaba uYehova usirhuqa ngenkani aze asinyanzele ukuba simkhonze? Hayi. UYehova akasinyanzeli kodwa uyasivumela sizikhethele. (Duteronomi 30:19, 20) Omnye umphengululi uthi: “Awunakuzinyanzela entliziyweni yomntu, kodwa kufuneka ibe nguye oyivulayo.” UYehova uhlola iintliziyo zeebhiliyoni zabantu ekhangela abantu abamthandayo. (1 Kronike 28:9) Xa efumana umntu omthandayo, umtsalela kuye. Njani?

UYehova uba nomonde aze amtsalele kuye umntu ‘onotyekelo olufanelekileyo.’ (IZenzo 13:48) UYehova ukwenza ngeendlela ezimbini oku—ngeendaba ezilungileyo eziseBhayibhileni eziye zishunyayelwe kumntu ngamnye, nangomoya wakhe oyingcwele. UYehova xa ebona umntu ontliziyo eyithandayo inyaniso eseBhayibhileni, uye amncede ngomoya wakhe oyingcwele ukuze loo mntu azigcine izinto azifundileyo aze aphile ngazo. (1 Korinte 2:11, 12) Ngaphandle koncedo lukaThixo, besingenakuze sikwazi ukuba ngabalandeli bakaYesu nabanquli bakaYehova.

“Awunakuzinyanzela entliziyweni yomntu kodwa kufuneke ibe nguye oyivulayo”

Ngoko ke, amazwi awathethwa nguYesu kuYohane 6:44 asifundisa ntoni ngoYehova uThixo? Xa ebona okuhle entliziyweni yomntu othile, uYehova uyamtsala aze amnyamekele ngokweentswelo zakhe. Inkosikazi ebesithethe ngayo ekuqaleni kwayithuthuzela ukwazi ukuba uYehova uhlolisisa intliziyo yomntu ngamnye. Ithi: “Ayikho into enokuthelekiswa nokuba ngumkhonzi kaYehova. Xa uYehova wakhetha mna ukuba ndibengumkhonzi wakhe, loo nto ibonisa indlela endixabiseke ngayo kuye.” Kuthekani ngawe? Ngaba ukwazi ukuba uYehova ubakhathalele abakhonzi bakhe, akukwenzi ukuba nawe umthande?

Izibhalo onokuzifunda ngoMeyi

Luka 22-24Yohane 1-16