Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Unako Ukumelana Nesilingo!

Unako Ukumelana Nesilingo!

“Bendingazimiselanga kubukela iphonografi. Kodwa isuke yathi gqi xa bendivula i-Intanethi. Ndisuke ndabona sele ndiyivulile.”—UCODY. *

“Ndalingwa yenye intombi entle endisebenza nayo. Yathi masiye ehotele ‘sizonwabise.’ Ndandiyazi kakuhle into eyayiyifuna.”—UDYLAN.

“NDINGAXHATHISA nantoni na ngaphandle kwesilingo.” La mazwi ayichaza kakuhle indlela abanye abantu abasijonga ngayo isilingo—emazantsi entliziyo yabo bayasithanda. Kodwa abanye basijonga isilingo njengotshaba abamele balwe nalo de baloyise. Ucinga ntoni wena? Xa kuvela isilingo, ngaba ufanele uyekelele okanye ulwe?

Kodwa ke, asizizo zonke izilingo ezinokubangela ingxaki enkulu. Ngokomzekelo, ukuthatha iqebengwana ongalicelanga kusenokungakuziseli ngxaki ingako ebomini. Kodwa ukunikezela kwisilingo sokuziphatha okubi ngokwesini, kunokuba nemiphumo emibi. IBhayibhile ilumkisa ngelithi: ‘Nabani na okrexezayo uswele intliziyo; owenza oko wonakalisa umphefumlo wakhe.’—IMizekeliso 6:32, 33.

Ukuba ufikelwa sisilingo sokuziphatha okubi, ufanele wenze ntoni? IBhayibhile iphendula ngokuthi: “Kukuthanda kukaThixo, ukuba ningcwaliswe, nikhwebuke kuhenyuzo; ukuze ngamnye wenu akwazi ukusizuza esakhe isitya ngobungcwalisa nembeko.” (1 Tesalonika 4:3, 4) Singawafumana phi amandla okwenza oko? Makhe sihlolisise iindlela ezintathu ezinokuba luncedo.

Indlela Yoku-1: Mus’ Ukujonga Yonk’ Into Le

Ukubukela imifanekiso engcolileyo kunokukwenza uhlale ucinga ngesini. UYesu walumkisa wathi ngendlela ukujonga okuhlobene ngayo nenkanuko: “Wonk’ ubani oqhubeka ekhangela umfazi ngokokude amkhanuke sele emkrexezile entliziyweni yakhe.” Esebenzisa isibaxo, wabongoza wathi: “Ukuba, ke, iliso lakho lasekunene liyakukhubekisa, linyothule ulilahle kude.” (Mateyu 5:28, 29) Iyintoni ingongoma? Ukuze sikwazi ukuxhathisa isilingo, simele senze isigqibo ngoko nangoko size singayijongi imifanekiso engcolileyo.

Xa ubona imifanekiso evuselela inkanuko yesini, balekisa amehlo akho

Masikuzekelise ngolu hlobo oku: Masithi uphandlwa lilitha lesibane elihlabayo. Ngaba ubuza kuqhubeka  ulijongile? Ubungenakuyenza loo nto! Ubuya kuwasusa amehlo akho okanye uwasithe. Ngoko ke, naxa kusithi tshe umfanekiso ovuselela inkanuko yesini—enoba kusencwadini, kumabonwakude, ikhompyutha okanye umntu wokoqobo—jong’ ecaleni ngoko nangoko. Khusela ingqondo yakho. UJuan, owayekade ethe swi yiphonografi, uthi: “Xa ndibona ibhinqa elihle, ndiye ndinqwenele ukulijonga okwesibini nokwesithathu. Ngoko ndiye ndizinyanzele ukuba ndingalijongi, ndize ndizixelele oku: ‘Thandaza kuYehova! Thandaza ngoku!’ Emva kokuba ndithandazile, uyaphela loo mnqweno.”—Mateyu 6:9, 13; 1 Korinte 10:13.

Khawucinge nangoko kwathethwa yindoda ethembekileyo uYobhi, owathi: “Ndenze umnqophiso namehlo am. Ngoko ndinokuzibonakalisa njani ndinikela ingqalelo entombini enyulu?” (Yobhi 31:1) Kutheni nawe ungazimiseli ukwenza into efanayo?

Zama oku: Ukuba kuthi tshe umfanekiso ovuselela inkanuko yesini, balekisa amehlo akho ngoko nangoko. Xelisa umbhali weBhayibhile owathandaza wathi: “Dlulisa amehlo am angaboni oko kungento yanto.”—INdumiso 119:37.

Indlela Yesi-2: Lawula Iingcinga Zakho

Ngenxa yokuba singafezekanga, maxa wambi sicinga izinto ezingcolileyo. IBhayibhile ithi: “Ngamnye ulingwa ngokutsalwa nokuwexulwa ngumnqweno wakhe. Wandule ke umnqweno, xa uthe wakhawula, uzale isono.” (Yakobi 1:14, 15) Ungakuphepha njani ukoyiswa sisilingo uze uwele esonweni?

Xa ufikelwa ziingcinga ezingcolileyo, thandaza

Xa ufikelwa ziingcinga ezingcolileyo, khumbula ukuba kusemandleni akho ukukhetha indlela oza kusabela ngayo. Yilwa neengcinga ezinjalo. Zisuse engqondweni yakho. Umfo ogama linguTroy, owayethe swi yiphonografi, uthi: “Ndandizisusa engqondweni yam iingcinga ezingcolileyo ngokuthi ndicinge ngezinto ezakhayo. Kwakungekho lula tu, ndisiwa ndivuka. Kodwa ekugqibeleni ndafunda ukuzilawula iingcinga zam.” Ibhinqa elinguElsa, elalikade likhathazwa ziingcinga ezingcolileyo ebutsheni balo, lithi, “Ukuhlala ndixakekile nokuthandaza kuYehova, kwandinceda ndakwazi ukuzilawula iingcinga zam.”

 Zama oku: Xa ufikelwa ziingcinga ezingcolileyo, thandaza ngoko nangoko. Yilwa neengcinga ezingcolileyo ngokuthi ucinge “ngezinto eziyinyaniso, nezizezenkxalabo enzulu, nezibubulungisa, nezinyulu, nezithandekayo, nekuthethwa kakuhle ngazo, nezinesidima, nezincomekayo.”—Filipi 4:8.

Indlela Yesi-3: Chul’ Ukunyathela

Umntu unokungena lula engxakini xa ethi enomnqweno ongcolileyo, kusuke kuvele isilingo, libe ke nethuba livuma. (IMizekeliso 7:6-23) Unokuzikhusela njani kule ngxaki?

“I-Intanethi ndiyisebenzisa kuphela xa kukho nabany’ abantu”

IBhayibhile ilumkisa isithi: “Onobuqili ubona intlekele azifihle, kodwa abangenamava bayadlula baze bafumane isohlwayo.” (IMizekeliso 22:3) Ngoko chul’ ukunyathela. Yibone isekude ingozi, uze uyiphephe. (IMizekeliso 7:25) Indoda enguFilipe, eyawoyisayo umkhwa wokubukela iphonografi, ithi: “Ikhompyutha ndiyibeke kwindawo enokubonwa ngumntu wonke osendlwini, ndaza ndayenza yakwazi ukuthintela izinto ezingcolileyo. Ibe i-Intanethi ndiyisebenzisa kuphela xa kukho nabany’ abantu.” UTroy, okhankanywe ngaphambilana, naye utsho intw’ efanayo, esithi: “Ndiyakuphepha ukubukela iimuvi ezivuselela inkanuko yesini, kunye nokuhlala nabantu abatheth’ amanyala. Andifuni kuzibek’ engozini.”

Zama oku: Nyaniseka uze ucinge ngezinto obuthathaka kuzo, emva koko ucebe nendlela oza kuziphepha ngayo iimeko ezinokukufak’ esilingweni.—Mateyu 6:13.

UNGANCAMI!

Kuthekani ukuba emva kwemizamo yakho emikhulu, uye wawela esilingweni kwakhona? Sukuncama! IBhayibhile ithi: “Ilungisa lisenokuwa kasixhenxe, yaye ngokuqinisekileyo liya kuvuka.” (IMizekeliso 24:16) Ewe, uBawo wethu wasezulwini usikhuthaza ukuba ‘sivuke.’ Ngaba uza kulwamkela uncedo lwakhe? Ngoko qhubeka ulucela kuye ngomthandazo. Yomeleza ukholo lwakho kunye nomnqweno wakho wokuxhathisa isilingo ngokufunda iLizwi lakhe nokuya kwiintlanganiso zamaKristu. Khuthazwa sisithembiso sikaThixo esithi: “Ndiza kukuqinisa. Ndiza kukunceda ngokwenene.”—Isaya 41:10.

UCody, okhankanywe ekuqaleni, uthi: “Kwafuneka ndilwe nzima ukuze ndoyise umkhwa wokubukela iphonografi. Ndandisiwa ndivuka, kodwa ekugqibeleni uThixo wandinceda ndaphumelela.” UDylan, naye okhankanywe ekuqaleni, uthi: “Ngendandilele nala ntombazana. Kodwa ke ndayixelel’ eziqhitsini ndathi ‘Hayi!’ Kuyavuyisa ukuba nesazela esicocekileyo. Kanti okubaluleke nangakumbi kukwazi ukuba uYehova unebhongo ngam.”

Xa uxhathisa isilingo, unokuqiniseka ukuba uThixo uya kuba nebhongo nangawe!—IMizekeliso 27:11.

^ isiqe. 2 Amagama akweli nqaku atshintshiwe.