Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Uza kwenza ntoni uYesu kwixesha elizayo?

Ngonyaka ka-33, uYesu wafa waza waphinda wavuka wanyukela ezulwini. Kamva, wanikwa igunya lokulawula njengoKumkani. (Daniyeli 7:13, 14) Kwixesha elizayo, uYesu onguKumkani uya kuzisa uxolo emhlabeni aze aphelise indlala.—Funda iNdumiso 72:7, 8, 13.

UYesu onguKumkani uza kubuphelisa ubungendawo emhlabeni

UYesu uza kwenza izinto ezimangalisayo njengoMlawuli wabantu. Uza kusebenzisa amandla awanikwe nguYise ekwenzeni abantu bafezeke kwakhona. Baza kubunandipha ubomi emhlabeni bengaluphali yaye bengafi.—Funda uYohane 5:26-29; 1 Korinte 15:25, 26.

Wenza ntoni ngoku uYesu?

Ngoku uYesu ukhokela umsebenzi wokushumayela emhlabeni wonke owenziwa ngabalandeli bakhe bokwenene. Batyelela abantu baze bababonise oko kutshiwo yiBhayibhile ngoBukumkani bukaThixo. UYesu wathi wayeya kuqhubeka ewuxhasa lo msebenzi wenziwa ngabafundi bakhe de uBukumkani bukaThixo buphelise oorhulumente babantu.—Funda uMateyu 24:14; 28:19, 20.

Ngebandla lamaKristu okwenyaniso, uYesu walathisela abantu kwindlela ebhetele yokuphila. Uza kuqhubeka ebalathisa nasekuphelisweni kwenkqubo yeli hlabathi aze abangenise kwihlabathi elitsha likaThixo.—Funda eyesi-2 kaPetros 3:7, 13; ISityhilelo 7:17.