Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | NGOOBANI AMANGQINA KAYEHOVA?

Kutheni Sishumayela Nje?

Kutheni Sishumayela Nje?

Mhlawumbi eyona nto saziwa ngayo kakhulu ngumsebenzi wethu wokushumayela emizini, nakuzo naziphi naa indawo abantu abafumaneka kuzo. Kutheni sishumayela nje?

AmaNgqina kaYehova ashumayela ukuze azukise uThixo nokuze azise abantu igama lakhe. (Hebhere 13:15) Kwakhona, sithobela umyalelo kaYesu Kristu othi: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, . . . nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.”—Mateyu 28:19, 20.

Ngaphezu koko, siyabathanda abamelwane bethu. (Mateyu 22:39) Siyazi ukuba abantu abaninzi baneecawa zabo, ibe ayingomntu wonke onomdla kwizinto esithetha ngazo. Nangona kunjalo, siyaqonda ukuba iimfundiso zeBhayibhile zisindisa ubomi. Yiloo nto ke sishumayela ‘ngaphandle kokuyekelela sifundisa kwaye sivakalisa iindaba ezilungileyo ezingoKristu,’ njengamaKristu enkulungwane yokuqala.—IZenzo 5:41, 42.

Isazi Ngezentlalo uAntonio Cova Maduro sabhala “ngamanzithi-nzithi amaNgqina kaYehova atyhubela kuwo ukuze izibhalo ezingcwele zifikelele mbombo zone zomhlaba.”—Iphepha-ndaba iEl Universal laseVenezuela.

Abantu abaninzi abafunda iincwadi zethu abangomaNgqina kaYehova. Ibe izigidi esifunda nazo iBhayibhile zineecawa zazo. Nangona kunjalo, bayakuvuyela ukuncokola namaNgqina kaYehova.

Mhlawumbi ikhona eminye imibuzo onayo ngamaNgqina kaYehova. Usenokuzifumana iimpendulo

  • Ngokuncokola neNgqina likaYehova.

  • Ngokungena kwiwebhsayithi yethu u-www.dan124.com/xh.

  • Ngokuya kwiintlanganiso zethu, kungenwa simahla ibe wonke umntu wamkelekile.